Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingamelana Njani Nentlungu?

Ndingamelana Njani Nentlungu?

Wonk’ umntu angasentlungwini. IBhayibhile ithi: “Ukukhawuleza asikokwababalekayo, idabi asilolabanamandla, bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Aba bantu baquka ulutsha oluye lwasentlungwini. Luye lwamelana njani nayo? Makhe sithethe ngale mizekelo mibini.

 UREBEKAH

Abazali bam baqhawula umtshato xa ndandina-14.

Ndandingakholelwa ukuba abazali bam bayawuqhawula umtshato, ndandicinga ukuba uTata udinga nje ixesha lokuba akhe abe yedwa. Wayemthanda uMama—wayeza kumshiyela ntoni? Wayeza kundishiyela ntoni mna?

Kwakunzima ngam ukuxelela nabani na ngoko kwakusenzeka. Ndandingafuni nokucinga ngako. Ndandicaphuka nakuba ndandingakuqondi oko ngelo xesha. Ndaqalisa ukuba neengxaki njengexhala nokuphuthelwa.

Xa ndandina-19, umama wabulawa sisifo somhlaza. Sasingabahlobo abakhulu.

Njengokuba ukuqhawul’ umtshato kwabazali bam kwakusothusa, ukusweleka kukaMama kwandixhela. Andikaxoli nangoku. Iye yaqatsela ingxaki yam yokungalali ibe ndisenexhala.

Nakuba kunjalo, ndincedwe zizinto eziliqela. Ngokomzekelo, iMizekeliso 18:1 isilumkisa ngokuba singazohluli kwabanye, ngoko ndizama ukuthobela elo cebiso.

NjengeNgqina likaYehova ndiye ndizame nokufunda uncwadi lwethu olukhuthazayo olusekelwe eBhayibhileni. Enye incwadi eyandincedayo ngoxa abazali bam babeqhawul’ umtshato yethi, Imibuzo Yabantu AbaselulaIimpendulo Eziluncedo. Ndikhumbula ndifunda isahluko esikuMqulu 2 esinomxholo othi, “Ngaba Ndinokonwaba Ndikhuliswa Ngumzali Omnye?”

Isibhalo endisithandayo esindinceda ndimelane nexhala nguMateyu 6:25-34. Kuvesi 27, uYesu wathi: “Ngubani na kuni onokuthi ngokuba nexhala ongeze ikubhite enye kubude bobomi bakhe?”

Sonke siza kwehlelwa zizinto ezimbi. Kodwa ndiye ndafunda kumzekelo kaMama ukuba ibalulekile indlela esimelana ngayo nezilingo. Zininzi izinto eziye zamehlela—ukuqhawuka komtshato nesifo esinganyangekiyo—kodwa kuzo zonke ezo zinto wayesoloko onwabile ibe nokholo lwakhe kuThixo lwahlala lomelele kwade kwasekupheleni. Andisayi kuze ndizilibale izinto andifundise zona ngoYehova.

Khawucinge ngoku: Kungakunceda njani ukufunda iBhayibhile noncwadi olusekelwe kuyo umelane neentlungu?—INdumiso 94:19.

 UCORDELL

Xa ndandina-17, ndandikho xa uTata wayesweleka. Ukusweleka kwakhe kwakuyeyona ntlungu kwezakha zandehlela ebomini bam. Ndandikhathazeke kakhulu.

Ndandingayikholelwa into yokuba uswelekile yaye ndandisithi ayinakuba nguye lo ugqunywe ngamashiti. Ndazixelela ukuba ngomso uza kuvuka. Ndandiziva ndingumpha ochutywe walahlwa.

Mna nentsapho yasekhaya singamaNgqina kaYehova, ibe amalungu ebandla esasikulo asixhasa ngeyona ndlela xa kwasweleka uTata. Ayesondla, asicela ukuba siye kuhlala nawo yaye ayesoloko esondele kuthi—kungekhona nje ixeshana kodwa kangangexesha elide. Ngendlela awasixhasa ngayo, ndaqonda ukuba amaNgqina kaYehova ngamaKristu okwenene.—Yohane 13:35.

Isibhalo esiye sandikhuthaza yeye-2 kwabaseKorinte 4:17, 18. Ithi: “Nakuba imbandezelo iyeyokomzuzwana yaye incinane, isizisela uzuko olugqwese ngakumbi nangakumbi nolungunaphakade; ngoxa siphosa amehlo ethu, kungekhona kwizinto ezibonwayo, kodwa kwizinto ezingabonwayo. Kuba izinto ezibonwayo zezokwexeshana, kodwa izinto ezingabonwayo zingunaphakade.”

Ivesi yokugqibela ndandiyithanda. Intlungu kaTata yayiyeyokwexeshana, kodwa izithembiso zikaThixo ngekamva zingunaphakade. Ukusweleka kukaTata kwandinika ithuba lokucinga ngendlela endandibuphila ngayo ubomi bam ibe zatshintsha izinto ezazilusukelo lwam.

Khawucinge ngoku: Intlungu ekwehleleyo ingakunceda njani uphinde ucinge ngezinto ozisukelayo ebomini?—1 Yohane 2:17.