Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingenza Ntoni Ukuze Abazali Bam Bandithembe?

Ndingenza Ntoni Ukuze Abazali Bam Bandithembe?

 Into omele uyazi

Ukuze abantu bakuthembe kuxhomekeke kwindlela onyaniseke ngayo. Ukuthobela imithetho yabazali kufana nokubhatala ityala. Njengokuba kufuneka uqhubeka ulibhatala, nawe xa uhlala ubathobela, njengabantu obatyalayo abazali bakho baza kuya bekuthemba. Kwelinye icala, ukuba ungumntu ongathembekanga mayingakothusi into yokuba abazali bakho bengakuthembi.

Kuthatha ixesha ukuthemba umntu. Ufanele uzibonakalise ukuba unyanisekile ukuze abazali bakho bakuthembe.

IBALI ELIYINYANI: “Ndandizazi kakuhle ezona zinto zifunwa ngabazali bam ngoko ndandiye ndizenze mhle xa ndiphambi kwabo, kodwa ndibe ndisenza ezifunwa ndim emfihlekweni. Loo nto yenza kwanzima ukuba bandithembe. Ekuhambeni kwexesha ndaye ndabona ukuba soze ndithembakale ndingenanyani. Umele ube ngumntu onenyani ukuze uthenjwe.”​—Craig.

 Into onokuyenza

Yiba nenyani noba sekunzima. Wonke umntu uyazenza iimpazamo kodwa ukuzigquma ngobuxoki kunokwenza ungathenjwa ngabazali bakho. Kwelinye icala, ukuba ungumntu osoloko ezimisele ukuthetha inyani abazali bakho baza kukuthemba, baze bakubone ukuba ungumntu okulungeleyo ukuvuma iimpazamo. Ngumntu onokuthenjwa ke lowo.

“Iimpazamo ozenzayo azizukwenza ungathenjwa, kodwa kukuzifihla eyona ngxaki.”​—Anna.

IBhayibhile ithi: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”​—Hebhere 13:18.

  • Into onokucinga ngayo: Ngaba uye ubaxelele yonke inyani abazali bakho xa bekubuza ukuba uyaphi kwaye uza kube usenza ntoni? Okanye uye ubaqhathe xa bekubuza ukuba kuye kwenzeka ntoni waza wena wenza ntoni?

Yiba ngumntu okhathalayo. Thobela imithetho yakowenu. Zimisele kwimisebenzi yasendlini. Libambe ixesha. Yenze imisebenzi yesikolo. Ungaphuli imithetho oyibekelweyo.

“Ukuba abazali bakho bathi ubuye endlini ngaphambi kokuba kubethe u9:00 ngokuhlwa uze wena ufike ngo10:30 ngokuhlwa, sukulindela ukuba baza kukuvumela ukuba uphinde ubuthe nabahlobo kwakhona.”​—Ryan.

IBhayibhile ithi: “Kuba ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.”​—Galati 6:5.

  • Into onokucinga ngayo: Ngaba ungumntu olibambayo ixesha, uyayenza imisebenzi yasendlini, uyayithobela nemithetho nokuba awuyiqondi?

Zimisele ukulinda. Ukuba wenze abazali bakho abakuthemba kuza kufuneka uzimisele ukulinda ukuze baphinde bakuthembe.

“Ndandingayithandi into yokuba abazali bam bengafuni ukuba ndenze ezinye izinto nangona ndandizibona mna ndimdala. Ndandingayiqondi into yokuba kukho umahluko phakathi kokukhula ngeminyaka nokuvuthwa engqondweni. Ndabacela abazali ukuba bandiphe ithuba ndizibonakalise. Kwathatha ixesha ukuba bandithembe kodwa loo nto yasebenza. Ndabona ukuba ukukhula ngeminyaka akukwenzi uthenjwe kodwa zizenzo.”​—Rachel.

IBhayibhile ithi: “Hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.”​—2 Korinte 13:5.

  • Into onokucinga ngayo: Ukuze uthenjwe ngabazali bakho, ziintoni onokuzenza ukuze ubabonise ukuba uzimisele?

ICEBISO: Cinga ngezinto ofuna ukuzenza, bhala izinto ofuna ukuziphumeza, njengokwenza zonke izinto ngexesha lazo, ukuyisebenzisa kakuhle inkululeko oyinikiweyo, okanye nantoni na entle ezakwenza uthembeke. Emva koko sebenzisa nali icebiso leBhayibhile, lithi: “Nifanele nibulahle ubuntu obudala obuvisisana nehambo yenu yangaphambili.” (Efese 4:22) Ekuhambeni kwexesha abazali baza kuyibona imizamo yakho.