Kubalisa uYohane 13:1-38

  • UYesu uhlamba iinyawo zabafundi bakhe (1-20)

  • UYesu uchaza ukuba nguYudas oza kumjikela (21-30)

  • Umyalelo omtsha (31-35)

    • “Ukuba niyathandana” (35)

  • Kuprofetwa ukuba uPetros uza kuphika uYesu (36-38)

13  UYesu wayesazi kwangaphambi kwetheko lePasika ukuba selifikile ixesha+ lokuba emke kweli hlabathi, aye kuTata wakhe.+ Wayesoloko ebathanda abalandeli bakhe abakweli hlabathi, ibe wabathanda de kwasekupheleni.+  Ngoku kwakutyiwa isidlo sangokuhlwa, ibe noMtyholi wayesele efake entliziyweni kaYudas Skariyoti,+ unyana kaSimon, umoya wokujikela uYesu.+  UYesu wayesazi ukuba uTata wakhe uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto, esazi nokuba uvela kuThixo, ibe uza kubuyela kuye.+  Ngoko waphakama etafileni, wazibeka ecaleni izambatho zakhe zangaphezulu, wathatha itawuli wayibhinqa.+  Emva koko, wagalela amanzi ekomini, wahlamba iinyawo zabafundi bakhe, waza wazosula ngetawuli awayeyibhinqile.  Akufika kuSimon Petros, yena wathi kuYesu: “Nkosi, uza kuhlamba iinyawo zam?”  UYesu wathi: “Awuzukuyiqonda okwangoku le nto ndiyenzayo, kodwa uza kuyiqonda ekuhambeni kwexesha.”  UPetros wathi: “Soze uzihlambe ezam iinyawo.” UYesu wathi: “Ukuba awuvumi,+ awuzukukwazi ukuhlala nam.”  USimon Petros wathi: “Nkosi, xa kunjalo, sukundihlamba iinyawo zodwa, sele undihlamba izandla nentloko.” 10  UYesu wathi kuye: “Umntu ohlambileyo akuyomfuneko ukuba ahlanjwe enye indawo ngaphandle kweenyawo, kuba sele ecocekile. Kodwa omnye wenu akacocekanga.” 11  Wayithetha loo nto kuba wayesele esazi ukuba uza kujikelwa ngubani.+ Yiloo nto wathi: “Omnye wenu akacocekanga.” 12  Emva kokuba ehlambe iinyawo zabo, wanxiba izambatho zakhe zangaphezulu, waphinda wahlala etafileni, wathi kubo: “Niyayiqonda na le nto ndigqiba kuyenza? 13  Nithi ‘Mfundisi’ okanye ‘Nkosi’ xa nindibiza, ibe ninyanisile, kuba kunjalo.+ 14  Ngoko ke, ukuba mna ndihlambe iinyawo zenu,+ ndakugqiba ukuba yiNkosi noMfundisi, nani nimele* nihlambane iinyawo,+ 15  kuba ndinibonisile indlela enimele nenze ngayo. Le nto ndiyenzileyo kuni, nani nimele niyenze.+ 16  Ndiyaniqinisekisa ukuba, ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo, nalowo uthunyiweyo akakho mkhulu kunalowo umthumileyo. 17  Ngoku niyazazi ezi zinto, ibe niza konwaba ukuba niyazenza.+ 18  Andithethi ngani nonke; ndiyabazi endibakhethileyo. Le nto yenzeke ukuze sibe yinyani isibhalo esithi:+ ‘Indoda ebisitya isonka sam, indiphakamisele isithende.’*+ 19  Ngoku ndinixelela le nto ngaphambi kokuba yenzeke, ukuze xa isenzeka nikholwe ukuba esi sibhalo sithetha ngam.+ 20  Ndiyaniqinisekisa ukuba, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela nam,+ ibe nabani na ondamkelayo, wamkela naLowo undithumileyo.”+ 21  UYesu wakhathazeka kakhulu emva kokuba ethethe ezi zinto, wathi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, omnye wenu uza kundijikela.”+ 22  Abafundi bajongana, bengazi ukuba uthetha ngabani.+ 23  Omnye umfundi, owayethandwa nguYesu,+ wayehleli ecaleni kwakhe,* 24  ibe uSimon Petros wanqwala ejongise kulo mfundi, wathi: “Khawutsho, uthetha ngabani?” 25  Lo mfundi wasondela kuYesu, wathi: “Nkosi, ngubani lowo?”+ 26  UYesu wathi: “Ngulowo ndiza kuncinda isonka ndize ndimnike.”+ Ngoko wancinda isonka, wasinika uYudas, unyana kaSimon Skariyoti. 27  Emva kokuba uYudas ethathe esi sonka, wangenwa nguSathana.+ UYesu wathi kuye: “Khawuleza uyigqibe le nto uyenzayo.” 28  Kodwa ke, akukho nomnye kwabo babehleli etafileni owayesazi ukuba kutheni esitsho. 29  Abanye babecinga ukuba, ekubeni uYudas wayegcina ibhokisi yemali,+ uYesu wayesithi kuye, “Hamba uyokuthenga izinto eziza kufuneka ethekweni,” okanye mhlawumbi wayesithi makubekho imali ayipha amahlwempu. 30  Wasithatha eso sonka, waphuma. Ngelo xesha kwakusele kusebusuku.+ 31  Akuba emkile uYudas, uYesu wathi: “Ngoku uNyana womntu uzukisiwe,+ ngenxa yaloo nto noThixo uzukisiwe. 32  UThixo uza kumzukisa,+ ibe uza kumzukisa ngokukhawuleza. 33  Bantwana abancinci, sendiza kunishiya. Niza kundikhangela; kodwa njengokuba ndandithe kumaYuda, ‘Apho ndiya khona aninakuza,’+ loo nto ndiyitsho nakuni. 34  Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane. Nimele nithandane+ ngale ndlela nam ndinithande ngayo.+ 35  Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.”+ 36  USimon Petros wathi kuye: “Nkosi, uza kuya phi?” UYesu wathi: “Awunakukwazi okwangoku ukuya apho ndiya khona, kodwa uza kulandela.”+ 37  UPetros wathi: “Nkosi, kutheni ndingenakuya ngoku? Ndixolele ukukuncamela ubomi bam.”+ 38  UYesu wathi: “Ungandincamela ubomi bakho? Ndiyakuqinisekisa ukuba, uza kuthi ungekakhonyi umqhagi, ube sowundiphike kathathu.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “nani ninyanzelekile ukuba.”
Okanye “indijikele.”
Ngokoqobo, “wayehleli ngasesifubeni sakhe.”