INtshumayeli 9:1-18

  • Isiphelo sabo bonke siyafana (1-3)

  • Yonwabela ubomi nangona uza kufa (4-12)

    • Abafileyo abazi nto (5)

    • Akukho nto yenziwayo engcwabeni (10)

    • Ixesha neziganeko ezingalindelekanga (11)

  • Ubulumko abusoloko buxatyiswa (13-18)

9  Ndayifaka entliziyweni yonke le nto ndaza ndagqiba kwelokuba amalungisa nezilumko, kwanemisebenzi yabo, isesandleni soThixo wokwenene.+ Abantu abaluqondi uthando nentiyo eyayikho ngaphambi kwexesha labo.  Isiphelo sabo bonke siyafana,+ eselungisa nesomenzi-bubi,+ esomntu olungileyo, ococekileyo nongacocekanga, esabo babingelelayo nesabo bangabingeleliyo. Olungileyo uyafana nomoni; owenza isifungo uyafana nalowo ukulumkeleyo ukwenza isifungo.  Nantsi eyona nto ibuhlungu yenzekayo phantsi kwelanga: Ngenxa yokuba bonke abantu benesiphelo esifanayo,+ iintliziyo zabo zigcwele bububi; yaye kukho impambano ezintliziyweni zabo ngoxa besaphila, baze emva koko bafe!  Lowo usaphilayo usenethemba, kuba inja ephilayo ibhetele kunengonyama efileyo.+  Kaloku abaphilayo bayazi* ukuba baseza kufa,+ ­kodwa bona abafileyo abazi nto kwaphela,+ abafumani mvuzo, kuba balityelwe.+  Uthando lwabo, intiyo yabo nekhwele labo sele litshabalele, yaye abasenasabelo kwaphela kwizinto ezenzekayo phantsi kwelanga.+  Yitya ukutya kwakho wonwabile, usele iwayini yakho uvuya,+ kuba uThixo wokwenene ukholisiwe yimisebenzi yakho.+  Impahla yakho mayihlale imhlophe,* ungayeki nokuthambisa ioli entloko.+  Yonwaba nomfazi wakho omthandayo+ ngayo yonke imihla yobomi bakho obulilize obunikwe nguThixo, yonke imihla yakho elilize, kuba sisabelo sakho eso ebomini ngokusebenza kwakho nzima phantsi kwelanga.+ 10  Nantoni na okwaziyo ukuyenza ngesandla sakho, yenze ngamandla akho onke, kuba akukho msebenzi nakuceba nakwazi nabulumko engcwabeni,*+ apho uya khona. 11  Enye into endiyibonileyo phantsi kwelanga kukuba, iimbaleki ezinamendu azisoloko ziphumelela elugqatsweni, namakroti awasoloko ephumelela emfazweni,+ nezilumko azisoloko zinokutya, neengqondi azisoloko zinobutyebi,+ neengcaphephe azisoloko ziphumelela,+ kuba bonke behlelwa lixesha naziziganeko* ezingalindelekanga. 12  Kuba umntu akalazi ixesha lakhe.+ Kanye njengeentlanzi ezibanjiswa ngomnatha obulalayo, neentaka ezibanjiswa ngesibatha, banjalo ukurhintyelwa kwabo oonyana babantu ngexesha lentlekele, xa libaqubula bengalindelanga. 13  Nantsi enye into endiyibonileyo ngobulumko phantsi kwelanga, yandimangalisa: 14  Kwakukho isixeko esincinci esasinabantu abambalwa; kwafika ukumkani onamandla wasirhangqa, waza wakha udonga olukhulu olomeleleyo. 15  Kwakukho umntu olihlwempu kodwa esisilumko, wasisindisa eso sixeko ngobulumko bakhe. Kodwa akukho mntu wamkhumbulayo loo mntu ulihlwempu.+ 16  Ndaza ke mna ndathi: ‘Ubulumko bubhetele kunamandla;+ kodwa ubulumko behlwempu budeliwe, namazwi alo awahoywa.’+ 17  Kubhetele ukumamela amazwi azolileyo esilumko kunokukhwaza komlawuli wezidenge. 18  Ubulumko bubhetele kunezixhobo zemfazwe, kodwa umoni nje omnye angonakalisa izinto ezininzi.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “bayaqonda.”
Oko kukuthi, impahla eqaqambileyo ebonisa ukuba wonwabile, awuzilanga.
Okanye “nazizehlo.”