Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndenze Njani Xa Ndingapasi Esikolweni?

Ndenze Njani Xa Ndingapasi Esikolweni?

 “Ndiye ndibone abantwana endifunda nabo behleli eklasini bemamele umculo, nokuba utitshala uyathetha bengaphethanga ncwadi zokufunda. Bajike bothuke xa bengapasanga. Bakhona ke nabanjengam, abazimiselayo bafunde nyhani kodwa bangapasi sekunjalo. Andazi nyhani ukuba kutheni into enje isenzeka. Akubi mnandi xa ndisithi ndifunde kangaka, ndingalali nasebusuku kodwa ndingapasi.”—UYolanda.

 Ngaba wakhe waziva ngale ndlela aziva ngayo uYolanda? Masiyithethe inyani, kuyatyhafisa ukusoloko ufeyila qho.

 Abanye abantwana abafeyilayo banokuyeka ukuzimisela. Abanye banokude bayeke nesikolo. Ezi ndlela zimbini, zisenokubonakala zilelona cebo, kodwa ikhona enye indlela enokulungiswa ngayo le ngxaki. Nazi izinto eziyi-6 onokuzenza ukuze upase.

 Into onokuyenza

  •   Yiba khona kuzo zonke iiklasi. Unokuthi wonke umntu uyayazi le into, kodwa xa kudlula iiklasi ezininzi ungabikho, uza kufeyila.

     “Esikolweni, abona bantwana bebengahoyanga kwanto bebeye bangabikho kwezinye iiklasi, ibe loo nto idla ngokubenzela ingxaki.”—UMatthew.

     Umgaqo weBhayibhile: “Loo nto ayityalayo umntu, uza kuvuna kwayona.”—Galati 6:7.

  •   Qiniseka ukuba umamela yonke into efundiswayo. Yinto entle ukuba khona qho eklasini xa kufundiswa, kodwa enye into ebalulekileyo kukuqiniseka ukuba uyafunda. Zibhale phantsi izinto ozifundiswayo. Zama ukumamelisisa ukuze uyiqonde kakuhle into ethethwa ngutitshala. Ukuba kuvumelekile buza nemibuzo.

     “Ndidla ngokubuza imibuzo emininzi xa sifundiswa kuba ndifumanise ukuba utitshala utsho acacise ngakumbi xa ebona ukuba kukho umntu ongeva kakuhle.”—UOlivia.

     Umgaqo weBhayibhile: “Mamelisisani.”—Luka 8:18.

  •   Sukwenza amaqhinga. Ukwenza amaqhinga kubonisa ukuba awunanyani. Zininzi ke iindlela zokwenza amaqhinga eklasini. Enye yazo kukukopa kwabanye. Le nto ayikokungabi nanyani nje qha kodwa ikwenza ungafundi kwanto.

     “Ukuba awuyivanga kakuhle into obuyifundiswa, sukukopa kwabanye. Loo nto ayizukunceda nganto. Endaweni yokuqhela ukuzilungisela iingxaki onazo, uza kufunda ukuxhomekeka kwabanye.”—UJonathan.

     Umgaqo weBhayibhile: ‘Jonga izinto ezenziwe nguwe, uza kutsho uvuye.’—Galati 6:4.

  •   Wenze umsebenzi wesikolo. Ukuba kunokwenzeka, qala ngomsebenzi wesikolo ngaphambi kokuba wenze ezinye izinto ezinje ngokuzonwabisa. a Uza kutsho ulonwabele kakuhle ixesha lakho.

     “Ndiqala ngomsebenzi wesikolo ibe loo nto indenze ndawenza bhetele kunakuqala. Xa ndifika ekhaya ndidla ngokufuna ukulala okanye ndimamele umculo. Kodwa ngoku ndiye ndiqale ndenze umsebenzi wesikolo emva koko ndiphumle.”—UCalvin.

     Umgaqo weBhayibhile: ‘Qiniseka ngezona zinto zibalulekileyo.’—Filipi 1:10.

  •   Cela uncedo. Sukuba neentloni zokucela abanye bakuncede. Yiya kubazali bakho bakucebise. Cela notitshala akufundise ukuze upase. Ngamanye amaxesha unokude ucele itutor (umntu ofundisa abantwana izifundo abangaziqondi kakuhle).

     “Yiya ngqo kutitshala. Mcele akuncede uyiqonde into ubungayazi ukuze upase. Iza kumvuyisa indlela ozimisele ngayo aze akuncede.”

     Umgaqo weBhayibhile: “Ininzi into ephunyezwayo xa bebaninzi abacebisi.”—IMizekeliso 15:22.

  •   Naliphi na ithuba olifumanayo, lisebenzise. Kwamanye amazwe, itest iba nemibuzo eyongeziweyo ukuze ikuncede upase. Unokude wenze neminye imisebenzi yesikolo eza kwenza ufumane amanqaku aza kukunceda upase eklasini. Ukuba awupasanga unokulifumana ithuba lokuphinda ubhale loo test.

    Ukuzama ukupasa kufana nokudlala isixhobo somculo. Akubi lula kodwa xa sowukwazile kuba mnandi.

     “Ukuba ndifuna ukuphucula ndize ndipase, kufuneka ndizimisele. Ndiye ndibuze utitshala wam ukuba akho misebenzi yesikolo ndinokuyenza ukuze ndifumane amanqaku okanye andinophinda ndiyibhale na le test ndingayipasanga.”—UMackenzie.

     Umgaqo weBhayibhile: “Kukho umvuzo kulo lonke uhlobo lomsebenzi onzima.”—IMizekeliso 14:23.

a Ukuze ubone ukuba ungaphucula njani kumsebenzi wesikolo, jonga inqaku elithi, “Ulutsha Luyabuza . . . Ndingawugqiba Njani Umsebenzi Wam Wesikolo?”