Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Ndimele Ndibhaptizwe?—Inxalenye 3: Yintoni Endibambileyo?

Ngaba Ndimele Ndibhaptizwe?—Inxalenye 3: Yintoni Endibambileyo?

 Kuza kwenzeka ntoni xa ndenze isono esikhulu emva kokuba ndibhaptiziwe?

 Isizathu sale ngxaki: Mhlawumbi wazi umntu owenza isono esikhulu waza wakhutshelwa ngaphandle kwebandla. (1 Korinte 5:11-13) Usenokuba nexhala lokuba le nto iza kwenzeka nakuwe.

 “Xa ndandicinga ngokubhaptizwa, ndandiye ndoyike kuba ndicinga ukuba ndiza kumona uYehova. Ndandiba nombono wendlela loo nto enokubahlazisa ngayo abazali bam.”—URebekah.

 Isibhalo esiyintloko: “Umntu ongalunganga makashiye indlela yakhe . . . Makabuyele kuYehova, oza kumenzela inceba, kuThixo wethu, kuba uza kumxolela kakhulu.”—Isaya 55:7.

 Yicinge kanje: Nangona aboni abangaguqukiyo bekhutshelwa ngaphandle kwebandla, uYehova uba nenceda kubantu abaguqukayo baze bavume ukulungiswa.—INdumiso 103:13, 14; 2 Korinte 7:11.

 Phofu ke, nantsi inyan’ emsulwa: Nokuba uyazenza iimpazamo, uThixo unokukunceda ulumkele izinto ezinokukwenza umone. (1 Korinte 10:13) Ngapha kwaloo nto, ngubani ogqibayo ngento oza kuyenza? Nguwe okanye ngomnye umntu?

 “Ndandisoyika ukuba ndiza kwenza isono esikhulu emva kokuba ndibhaptiziwe. Kodwa ndaqonda ukuba eyona mpazamo yile yokuba ndingazukude ndibhaptizwe. Ndafumanisa ukuba andimele ndivumele izinto endizoyikayo zindiyekise into ebendifanele ukuba ndiyayenza.”—UKaren.

 Eyona nto ibalulekileyo: Ukuba uyakuphepha ukwenza izono njengamanye amaKristu, awuzukumona uYehova.—Filipi 2:12.

 Ufuna uncedo? Funda inqaku elithi “Ndinokuxhathisa Njani Kwisilingo?

 Kuthekani ukuba ndinexhala lemisebenzi endiza kuyifumana emva kokuba ndibhaptiziwe?

 Isizathu sale ngxaki: Usenokuba wazi abantu abasebatsha abaye baya kwezinye iindawo ezikude ukuze bakhonze uYehova. Unexhala lokuba abantu balindele ukuba wenze loo nto nawe.

 “UmKristu obhaptiziweyo unokukwazi ukumenzela izinto ezininzi uYehova, kodwa abanye abantu abakakulungeli ukuzinikela kuYehova, abasebenzise okanye iimeko zabo azibavumeli.”—UMarie.

 Isibhalo esiyintloko: “Mntu ngamnye makajonge izinto ezenziwe nguye, angazithelekisi namntu. Uza kutsho avuye ngenxa yesiqu sakhe.”—Galati 6:4.

 Yicinge kanje: Kunokuba uzifanise nabanye, zimisele ukusebenzisa amazwi akuMarko 12:30: “Umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke.”

 Apha kuthiwa ufanele ukhonze uYehova ngentliziyo yakho yonke, hayi eyomnye umntu. Ukuba umthanda nyhani uYehova, uza kutsho ufumane neendlela zokumkhonza ngamandla onke.

 “Nangona ukubhaptizwa kubalulekile, akukwenzi ube nobomi obunzima. Ukuba uhlala ukunye nabantu abalungileyo, baza kukunceda. Ukumane usenza imisebenzi ethile kuza kukwenza uvuye. Xa ungafuni ukubhaptizwa, uzifaka kwenkulu ingxaki le.”—UJulia.

 Eyona nto ibalulekileyo: Mayibaluleke kuwe indlela uYehova abonise ngayo ukuba uyakuthanda. Loo nto iza kwenza ukuba nawe ufune ukumsebenzela ngamandla.—1 Yohane 4:19.

 Ufuna uncedo? Funda inqaku elithi, “Ndinokuthenjwa Kangakanani?

 Kuthekani ukuba ndizibona ndingafaneleki ukukhonza uYehova?

 Isizathu sale ngxaki: UYehova uLawula yonke indalo, kodwa bona abantu abayiyo kwanto! Usenokuzibuza ukuba uYehova uyayazi na ukuba ungumntu okhoyo.

 “Kuba abazali bam bengamaNgqina kaYehova, ndandikhathazwa kukucinga ukuba mna andingomhlobo naye, nokuba akanditsalelanga kuye.”—UNatalie.

 Isibhalo esiyintloko: “Akukho mntu unokuza kum engatsalwanga nguLowo undithumileyo, uTata.”—Yohane 6:44.

 Yicinge kanje: Kusenokwenzeka ukuba into yokuba ucinga ngokubhaptizwa ibonisa ukuba uYehova uyakutsala ukuze ube ngumhlobo wakhe amthandayo. Ngaba uyafuna ukwamkela esi simemo?

 Ungalibali nokuba nguYehova okhetha abantu aza kubatsala, hayi omnye umntu. IBhayibhile isenza siqiniseke ngokuthi “sondelani kuThixo, . . . uza kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.

 “Into yokuba umazi uYehova futhi ekutsalile ibonisa ukuba uyakuthanda. Ngoko ukuba ucinga ukuba awufaneleki ukuba umkhonze, khumbula nokuba yena akatsho. Ibe ke uYehova usoloko enyanisile.”—USelina.

 Eyona nto ibalulekileyo: Ukuba uzenzile izinto ethi iBhayibhile mazenziwe ngabantu abaza kubhaptizwa, ukulungele ukukhonza uYehova. Nantsi enye into, uYehova ukufanele ukukhonzwa.—ISityhilelo 4:11.

 Ufuna uncedo? Funda inqaku elithi, “Kutheni Kufuneka Ndithandaze?