Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingathetha Njani Nabazali Bam Ngemithetho Abandibekele Yona?

Ndingathetha Njani Nabazali Bam Ngemithetho Abandibekele Yona?

 “Ngokuya ndandina-15 ndandivumelana nemithetho yabazali bam, kodwa ngoku ndina-19 ibe ndicinga ukuba noko bekumele ndifumane inkuleleko engakumbi.”—USylvia.

 Ngaba uziva njengoSylvia? Ukuba uthi ewe, eli nqaku liza kukunceda xa uthetha nabazali bakho ngemithetho abakubekele yona.

 Into omele uyazi

 Ngaphambi kokuba uthethe nabazali ngale mithetho, cinga ngezi zinto zilandelayo:

  •  Kufuneka imithetho ukuze kubekho ucwangco. Xa ukwindlela ephithizelayo, bekunokwenzeka ntoni ukuba bezingekho iirobhothi okanye singekho isantya ezimele zihambe ngaso iimoto? Imithetho yasekhaya iyafana nemithetho yendlela kuba yenza kubekho ucwangco.

  •  Imithetho ebekwa ngabazali bakho ibonisa ukuba bakukhathalele. Ukuba abakubekeli imithetho, loo nto ibiya kubonisa ukuba abakukhathalelanga. Ngaba ubunokufuna ukuba nabazali abanjalo?

 NGABA UBUSAZI? Abazali nabo kufuneka bathobele imithetho. Ukuba awuyiqondi loo nto funda iGenesis 2:24; Duteronomi 6:6, 7; Efese 6:4 no-1 Timoti 5:8.

 Ungenza ntoni ukuba ucinga imithetho yabazali bakho ingqongqo kakhulu?

 Oko unokukwenza

 Izinto onokucinga ngazo ngaphambi kokuthetha nabazali bakho. Ngaba uyithobela qho imithetho yabo? Ukuba awusoloko uyithobela, loo nto iza kuthetha ukuba kufuneka ulinde ixesha elingakumbi ngaphambi kokuba ucele eminye imithetho isuswe. Endaweni yoko, zama ukuthenjwa ngabazali bakho ngokuthobela imithetho yabo.

 Ukuba ubathobela qho, lungiselela into ongathanda ukuyithetha nabo. Ukucinga kusengaphambili ngezinto ofuna ukuzithetha nabo, kuzokukunceda ubone enoba into ofuna ukuyicela ifanelekile na. Emva koko, cela bacele babeke ixesha nendawo eninokuthetha kuyo nizolile. Xa uthetha nabo, nazi izinto omele uzikhumbule:

 Yiba nembeko. IBhayibhile ithi: “Ilizwi elirhabaxa linyusa umsindo.” (IMizekeliso 15:1) Ukhumbule: Ukuba uyaxabana okanye ubatyhole abazali bakho ngokubeka imithetho engafanelekanga, loo ncoko ayizokuhamba kakuhle.

 “Ukuba ndiyabahlonipha abazali bam, nabo bayandihlonipha. Kulula ukuba sivumelane xa sihloniphana.”—UBianca oneminyaka eyi-19.

 Mamela. IBhayibhile ithi: “Umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha.” (Yakobi 1:19) Ukhumbule, yincoko le. Kufuneka umamele naxa bethetha abazali bakho kungathethi wena qha.

 “Xa sikhula siye sicinge ukuba sazi bhetele kunabazali bethu, kodwa loo nto asiyonyani. Simele sibamamele xa besicebisa.” —UDevan, oneminyaka eyi-20.

 Yiba novelwano. Zama ukubona izinto ngendlela abazibona ngayo abazali bakho. Mamela icebiso leBhayibhile elithi: “Ningacingeli kuphela iziqu zenu kodwa nicingele nabanye.” Loo nto ithetha ukuthi zijonge izinto ngendlela abazibona ngayo abazali bakho.—Filipi 2:4.

Yeyiphi ocinga ingakwenza ufumane inkululeko engakumbi?

 “Ndandikade ndicinga abazali bam balwa nam endaweni yokundixhasa. Kodwa ngoku ndiyabona ukuba babezama nje ukuba ngabazali abalungileyo ibe nam ndandifuna ukuphathwa njengomntu omdala. Yonke le nto babeyenza ngenxa yokuba bendithanda.” —UJoshua, oneminyaka eyi-21.

 Cebisa. Masithi abazali bakho babeke lo mthetho: Awunakuya kwipati ezokuphuma ebusuku. Yintoni eyona nto ibaxhalabisayo? Ngaba kukuqhuba ebusuku okanye yipati?

  •   Ukuba ingxaki kukuhamba ebusuku, ngaba banokuvuma xa ukhatshwa yenye itshomi yakho eqhele ukuqhuba?

  •   Ukuba bacinga ukuba ipati ingangalawuleki, ngaba bangavuma xa ubaxelela ukuba kuzokubakho umntu omdala apho?

 Xa uthetha nabazali bakho, kufuneka ubahloniphe uze umamele izinto abazithethayo. Bonisa ukuba ‘uyamhlonipha utata wakho nomama wakho’ ngendlela othetha ngayo nabo. (Efese 6:1, 2.) Ngaba bazokusitshintsha isigqibo sabo? Kungenzeka basitshintshe okanye bangasitshintshi. Nokuba siyintoni isigqibo sabo, kufuneka wenze le nto ilandelayo.

 Bonisa ukuba uyasamkela isigqibo sabazali bakho. Amaxesha amaninzi abanye abantu abayiqondi ukuba xa besamkela isigqibo sabazali babo, loo nto inokwenza bayisuse eminye imithetho abayibekileyo. Ukuba abasamkeli isicelo sakho, sukuxabana nabo kuba loo nto izokwenza kube nzima xa uphinda ucela basuse eminye yemithetho abayibekileyo. Kodwa ukuba usoloko ubathobela, kungenzeka bayisuse eminye imithetho.