Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Yintoni Enokundinceda Ndikuthande Ukujima?

Yintoni Enokundinceda Ndikuthande Ukujima?

 Kutheni ndimele ndijime?

 Kwamanye amazwe abantu abaselula abajimi ngokwaneleyo, ibe loo nto ibenza bangabi sempilweni. Yiyo le nto, iBhayibhile isithi, “ukuqeqesha umzimba kuyanceda.” (1 Timoti 4:8) Cinga ngezi zinto:

  •   Ukujima kungakunceda uzive ubhetele. Ukujima kukhupa ii-endorphins—ichiza elisengqondweni elinceda umntu akwazi ukuzola aze onwabe. Abanye bathi ukujima kuyenza ngcono i-depression.

     “Ukuba ndivuke ekuseni ndabaleka, zininzi izinto endikwaziyo ukuzenza ngolo suku, ibe ndiyalonwabela. Xa ndibalekile ndiyonwaba.—URegina

  •   Ukujima kungakunceda ube nomzimba omhle. Ukujima ngendlela efanelekileyo kuza kukunceda ube namandla, womelele, uze uzithembe.

     “Ndiyavuya ngoku kuba ndiyakwazi ukwenza iipull ups eziyi-10, kanti kulo nyaka uphelileyo ndandingakwazi ukwenza nenye. Okundivuyisa kakhulu kukuba ndiwuhoyile umzimba wam.”—UOlivia

  •   Ukujima kungakunceda ube nobomi obude. Kuyayinceda intliziyo ibe ungakwazi nokuphefumla kakuhle. Ukujima kungakunceda ungasifumani isifo sentliziyo, isifo esibulala amadoda nabafazi abaninzi namhlanje.

     “Xa sijima kuba sifuna ukuba sempilweni, sibonisa uMdali wethu ukuba siyawuxabisa umzimba asinike wona.”—UJessica

 Inyaniso yile: Ukujima kunokuba neengenelo ezininzi kwimpilo ngoku, nakwixesha elizayo. Intombazana egama linguTonya ithi: “Andikhe ndithi ngendingakhange ndiyokubaleka. Xa ndiye ndazibekela ecaleni izizathu zokungajimi ndize ndijime, ndiye ndingazisoli.”

Imoto engahoywanga ingayeka ukusebenza; ngokufanayo kunganjalo nangomzimba wakho xa ungahoywanga

 Yintoni endenza ndingajimi?

 Kukho iingxaki ezininzi:

  •   Kukungabikho nto ikukhuthazayo. “Abantu abaselula bacinga ukuba akukho nto inokwenzeka kubo. Kunzima ukucinga ukuba ungaze ube nengxaki yempilo, uye ucinge ukuba loo nto yingxaki yabantu abasele bekhulile.”—USophia.

  •   Ukungabi naxesha. “Ngenxa yokuba ndisoloko ndixakekile, kufuneka ndilenze ixesha lokutya nelokulala, kodwa ukufumana ixesha lokujima kusoloko kuyingxaki.”—UClarissa.

  •   Ukungabi namali yokujima. “Akukho lula ukuba nomzimba osempilweni kuba kufuneka ubhatalele ukuya ejimini ibe kubiza imali eninzi!”—UGina

 Cinga ngoku:

 Yeyiphi eyona ngxaki ibangela ungajimi? Ukoyisa loo ngxaki kungathatha ixesha, kodwa imiphumo iza kukuvuyisa.

 Ndingajima njani?

 Nanga amacebiso ambalwa

  •   Yihoye impilo yakho. Galati 6:5.

  •   Sukuba nezizathu zokungajimi. (INtshumayeli 11:4) Ngokomzekelo, akunyanzelekanga ukuba ubhatalele ijimi ukuze uqalise ukujima. Usenokudlala umdlalo owuthandayo oza kuba luncedo kuwe.

  •   Ukuze ufumane amacebiso buza kwabanye ukuba benza ntoni xa bejima.—IMizekeliso 20:18.

  •   Yiba nocwangciso, bhala phantsi izinto osele uzenzile ukuze uhlale ukhuthazekile.—IMizekeliso 21:5.

  •   Yiba nomntu ojima naye. Umntu ojima naye uza kukhuthaza aze akuncede ungayeki ukujima.—INtshumayeli 4:9, 10.

  •   Lindela ukuba kuza kubakho iingxaki, ibe ungayeki xa zivela.—IMizekeliso 24:10.

 Yiba Nengqiqo

 IBhayibhile ithi amadoda nabafazi bafanele babe “nengqondo ephilileyo.” (1 Timoti 3:2, 11) Ngoko yiba nengqiqo xa ujima. Abantu abajima ngendlela ebaxiweyo ababangeli umdla kwabanye abantu. UJulia uthi: “Ukuba umfana uthanda ukujima kakhulu aze abe nezihlunu ezikhulu abe sisigora abe engayisebenzisi kakuhle ingqondo andibi namdla kuye.

 Kwakhona kufuneka uzilumkele iposters ezifuna ujime ngendlela engaphezulu kwamandla akho. Loo macebiso akuzo angakwenzakalisa akubangele ungazazi izinto ezibalulekileyo ebomini.”—Filipi 1:10.

 Kwakhona izinto ezikhuthazwayo xa umntu ejima azisoloko zinceda. Intombazana egama linguVera ithi: “Amantombazana amaninzi aqokelela iifoto aye azijonge ziwakhuthaze xa etyhafile. Kodwa aye azithelekise nabo bantu bakwezo foto aze atyhafe. Kungcono ujime ngendlela eza kulungela impilo yakho hayi ngendlela ofuna ukukhangeleka ngayo.”