Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

 IBhayibhile ithi, “uYehova akabavimbi nantoni na elungileyo abo bangasolekiyo.” (INdumiso 84:11) Kuthetha ukuthini ‘ukungasoleki’? Kuthetha ukuphila ngendlela ebonisa ukuba usayenza into owawuyithembise uYehova xa wawuzinikela kuye. (INtshumayeli 5:4, 5) Ungahlala njani uthembekile emva kokuba ubhaptiziwe?

Kweli nqaku

 Hlala uzinyamezela iingxaki

 Isibhalo esiyintloko: “Simele sinyamezele iintlungu ezininzi ngaphambi kokuba singene kuBukumkani BukaThixo.”—IZenzo 14:22

 Le nto ithetha ukuba: Xa sithetha inyani, onke amaKristu aba neengxaki ebomini. Ezinye iingxaki uza kuba nazo kuba ungumKristu, njengokutshutshiswa nokuphathwa kakubi. Ezinye njengeengxaki zemali, ukugula, wonk’ umntu uba nazo.

 Into ofanale uyilindele: Iimeko zakho ziza kusoloko zitshintsha, ibe ngamanye amaxesha awuzoyithanda loo nto. IBhayibhile ithi izinto ezibuhlungu zinokwehlela nabani na—abantu abakhonzayo nabangakhonziyo.—INtshumayeli 9:11.

 Into onokuyenza: Kuba usazi ukuba uza kuba neengxaki, ungazilungiselela kwangoku. Iingxaki zijonge njengethuba lokuqinisa ukholo lwakho kuYehova nokumthemba kakhulu. (Yakobi 1:2, 3) Ekuhambeni kwexesha, nawe uza kude ukwazi ukuthetha amazwi awathethwa ngumpostile uPawulos xa wathi: “Ezintweni zonke, ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.”—Filipi 4:13.

 IBALI LOKWENYANI. “Emva kokuba ndibhaptiziwe, oobhuti bam bayeka ukuba ngamaKristu, abazali bam bagula, ibe nam ndagula. Kwakunokuba lula kum ukuba ndivele ndilibale ukuba xa ndandizinikela kuThixo, ndamthembisa ukuba ndiza kumkhonza, ibe loo nto iza kuba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bam. Ukuze ndimelane nezo ngxaki, ndancedwa kukucinga ngokuzinikela kwam.”—UKaren.

 Icebiso: Funda ngoYosefu. Ibali lakhe ungalifunda kwiGenesis isahluko 37, no-39 ukuya ku-41. Cinga ngezi zinto: Zeziphi iingxaki awaba nazo awayengazilindelanga? Wamelana njani nazo? UYehova wamnceda njani uYosefu?

 Ufuna uncedo?

 Ungavumi xa ulingwa

 Isibhalo esiyintloko: “Umntu ulingwa ngokutsalwa nangokubanjiswa ngumnqweno wakhe.”—Yakobi 1:14.

 Le nto ithetha ukuba: Sonke ngamanye amaxesha sikhe silingwe yiminqweno esinayo, kodwa ukuba asizibambi, sisenokude senze into erongo.

 Into ofanele uyilindele: Nasemva kokuba ubhaptiziwe, uza kuba nayo “iminqweno . . . yenyama.” (2 Petros 2:18) Usenokude ufune ukwabelana ngesondo ungekatshati.

 Into onokuyenza: Zixelele kwangoku ukuba awusoze uvumele iminqweno yakho ikwenze wenze izigqibo ezirongo. Le nto yenze ngaphambi kokuba ulingeke. Khumbula ukuba uYesu wathi: “Akukho mntu unokuba likhoboka leenkosi ezimbini.” (Mateyu 6:24) Ungazikhethela eyakho inkosi. UYehova yeyona Nkosi ibhetele. Nokuba iminqweno emibi inganamandla kangakanani ungakwazi ukungayivumeli ikwenzise izinto ezimbi.—Galati 5:16.

 Icebiso: Zazi izinto okwaziyo ukuzenza nongakwaziyo ukuzenza. Khetha abahlobo abakunceda wenze izinto ezintle. Baphephe abantu, izinto, neendawo apho kuba lula ukwenza izinto ezirongo.—INdumiso 26:4, 5.

 Ufuna uncedo?

 Zimisele ukuhlala ukhuthele

 Isibhalo esiyintloko: “Nikhuthale . . . kude kube sekupheleni, ukuze ningatyhafi.”—Hebhere 6:11, 12.

 Le nto ithetha ukuba: Umntu ongawuhoyanga umsebenzi wakhe usenokungawenzi kakuhle aze atyhafe.

 Into ofanele uyilindele: Emva kokuba ubhaptiziwe, kusenokwenzeka wawuvuya kakhulu ibe wawutshiseka, ufuna ukwenza izinto ezininzi. Umthanda kakhulu noYehova. Ekuhambeni kwexesha, kusenokuba nzima ukumthobela kuyo yonke into uYehova. Loo nto isenokukutyhafisa ize ikwenze uyeke ukukhuthala.—Galati 5:7

 Into onokuyenza: Qhubeka usenza into elungileyo nokuba kunzima. (1 Korinte 9:27) Ngelo xesha, sondela kuTata wakho osezulwini ngokuzama ukumazi bhetele nangokusoloko uthandaza kuye. Enye into, qhubeka usiba ngabahlobo nabantu abakuthandayo ukukhonza uYehova.

 Icebiso: Khumbula ukuba uYehova ukuthanda kakhulu ibe uyafuna ukukunceda. Ungacingi ukuba akasakuthandi kuba usatyhafile okwangoku. IBhayibhile ithi: “Odiniweyo umnika amandla, nongenamandla umomeleza ngokupheleleyo.” (Isaya 40:29) Ngokuya ixesha lihamba, uza kuzisikelela izinto ozenzayo ukuze ukhuthale kwakhona.

 Ufuna uncedo?

 Inyaniso yile: Ukuba uhlala uthembekile, uza kumvuyisa uYehova (IMizekeliso 27:11) Uza kuvuya kakhulu xa ukhetha ukuba ngakwicala lakhe, ibe uza kukunika yonke into oyidinga ukuze umelane noSathana.