Kubalisa UMateyu 6:1-34

  • INTSHUMAYELO YASENTABENI (1-34)

    • Sanukuqhayisa ngobulungisa (1-4)

    • Indlela yokuthandaza (5-15)

      • Umthandazo weNkosi (9-13)

    • Ukuzila ukutya (16-18)

    • Ubutyebi emhlabeni nasezulwini (19-24)

    • Yekani ukuba nexhala (25-34)

      • Qhubekani nifuna kuqala uBukumkani (33)

6  “Zilumkeleni ukuba ningenzi izinto ezilungileyo kuba nje nifuna ukubonwa ngabantu,+ kuba anizukufumana mvuzo kuTata wenu osemazulwini.  Xa usipha amahlwempu izipho, sukwenzela ukubonwa ngabantu,* njengoko besenza abahanahanisi* kwizindlu ekukhonzelwa kuzo* nasezitratweni ukuze bazukiswe ngabantu. Ndiyaniqinisekisa ukuba abazukufumana mvuzo kuThixo.  Kodwa wena, xa usipha amahlwempu izipho, isandla sakho sasekhohlo masingayazi into eyenziwa sisandla sakho sasekunene,  ukuze xa usipha amahlwempu ungabonwa ngabantu. Xa usenza loo nto, uTata wakho obona emfihlekweni uza kukusikelela.+  “Kwakhona, nimele ningathandazi njengabahanahanisi,+ kuba bona bathanda ukuthandaza bemi kwizindlu ekukhonzelwa kuzo* nakwiikona zezitrato ezikhulu ukuze babonakale ebantwini.+ Ndiyaniqinisekisa ukuba, abazukufumana mvuzo kuThixo.  Kodwa wena, xa uthandaza, yiya egumbini lakho, uvale umnyango uze uthandaze kuTata wakho osemfihlekweni.+ Yena uTata wakho obona emfihlekweni uza kukusikelela.  Uze ungaphinda-phindani nento enye xa uthandaza, njengokuba besenza abantu beentlanga, kuba becinga ukuba baza kuviwa xa beyenza mide imithandazo yabo.  Ngoko ze ningafani nabo, kuba uTata wenu uzazi ningekaziceli izinto enizidingayo.+  “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela:+ “‘Tata wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.*+ 10  Mabufike uBukumkani bakho.*+ Makwenzeke nasemhlabeni ukuthanda kwakho,+ njengasezulwini. 11  Siphe namhlanje isonka sanamhlanje;+ 12  usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.+ 13  Ungasiyekeli xa silingwa,+ kodwa sisindise kuSathana.’*+ 14  “Ukuba niyabaxolela abantu izono zabo, noTata wenu osemazulwini uza kunixolela;+ 15  kanti ukuba anibaxoleli, noTata wenu akazukunixolela.+ 16  “Xa nizila ukutya,+ yekani ukuyibonakalisa loo nto ebusweni njengabahanahanisi, kuba bona bazenza babi ebusweni ukuze bacace ukuba bazile ukutya.+ Inene ndithi kuni, abazukufumana mvuzo kuThixo. 17  Kodwa wena, xa uzile ukutya, thambisa intloko, uhlambe nobuso, 18  ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzile ukutya, kodwa ubonakale kuTata wakho osemfihlekweni kuphela. Xa usenza loo nto, uTata wakho obona emfihlekweni uza kukusikelela. 19  “Yekani ukuqokelela ubutyebi emhlabeni,+ apho konakalisa irusi nezinambuzane,* nalapho kuqhekeza amasela aze ebe. 20  Kunoko, buqokeleleni ezulwini ubutyebi benu,+ apho ingonakalisiyo irusi nezinambuzane,*+ nalapho amasela angaqhekeziyo aze ebe. 21  Kuba apho bukhoyo ubutyebi benu, nentliziyo yenu iza kuba lapho. 22  “Ilihlo lisisibane somzimba.+ Ngoko ke, ukuba ilihlo lakho lijonge kwinto enye,* kuza kukhanya umzimba wakho wonke. 23  Kodwa ukuba ilihlo lakho alilunganga,*+ umzimba wakho wonke uba sebumnyameni. Ukuba ke ukukhanya kwakho bubumnyama, umzimba wakho uza kuba sebumnyameni ngeyona ndlela! 24  “Akukho mntu ­unokuba likhoboka leenkosi ezimbini; kuba usenokuyicaphukela enye, ayithande enye,+ okanye uza kuthi nca kwenye, angafuni nokuyibona enye. Aninakukhonza uThixo nibe nileqa nobuTyebi.+ 25  “Yiloo nto ndisithi kuni: Yekani ukuxhalela+ ubomi benu, ukuba niza kutya ntoni, nisele ntoni; okanye nixhalele imizimba yenu, ukuba niza kunxiba ntoni.+ Abubalulekanga ngaphezu kokutya na ubomi, nomzimba ngaphezu kwempahla?+ 26  Bukelani iintaka;+ azityali mbewu, azivuni ibe aziqokeleli kutya koovimba, kodwa zondliwa nguTata wenu osemazulwini. Anibalulekanga ngaphezu kwazo na nina? 27  Ngubani kuni onokuthi ngokuba nexhala ongeze nomzuzu lo omnye* kubomi bakhe?+ 28  Ngoku kutheni nina ninexhala lokuba niza kunxiba ntoni? Fundani isifundo kwindlela ezikhula ngayo iintyatyambo* zasendle; azisebenzi nzima, zingazithungeli nampahla; 29  kodwa ndithi kuni, kwaneempahla ezimbeje-mbeje zikaSolomon+ zazingazogqithi ngobuhle. 30  Ngoko ke, ukuba uThixo uzinxibisa ngaloo ndlela izityalo zasendle, ezibakho namhlanje zize ziphoswe eziko ngengomso, akazukuninxibisa bhetele na nina, nina ninokholo oluncinci? 31  Ngoko ningaze nibe nexhala,+ nithi, ‘Siza kutya ntoni?’ okanye, ‘Siza kusela ntoni?’ okanye, ‘Siza kunxiba ntoni?’+ 32  Kuba ezi zizinto iintlanga ezileqana nazo. Ke yena uTata wenu osemazulwini uyazi ukuba niyazidinga zonke ezi zinto. 33  “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziza kongezelelwa kuni.+ 34  Ngoko ke, ningaze nixhalele ingomso,+ kuba ingomso liza kuba namaxhala alo. Usuku ngalunye luneengxaki ezilulingeneyo.

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, abantu abazenza amalungisa bengengawo.
Okanye “kwizindlu zesikhungu.”
Okanye “sukuvuthela ixilongo.”
Okanye “kwizindlu zesikhungu.”
Okanye “maliphathwe njengelingcwele igama lakho.”
Okanye “Makafike uRhulumente wakho; Malufike uLawulo lwakho.”
Ngokoqobo, “kumenzi-bubi.”
Oko kukuthi, amanundu.
Oko kukuthi, amanundu.
Okanye “libona kakuhle.” Ngokoqobo, “aliphazamiseki.”
Ngokoqobo, “linomona; likhohlakele.”
Okanye “nekubhite le enye.” Funda Isihlomelo B14.
Okanye “kwiinyibiba.”