Yiya kwinkcazelo

Kutheni Abazali Bam Bengandivumeli Ndonwabe?

Kutheni Abazali Bam Bengandivumeli Ndonwabe?

Khawucinge ngale nto:

Ufuna ukuya epatini, kodwa akuqiniseki nokuba abazali bakho baza kukuvumela na. Uza kukhetha ntoni?

  1.  UKUNGACELI—USUKE NJE UHAMBE

  2.  UKUNGACELI—UKUNGAYI

  3.  UKUCELA—UBONE UKUBA BAZA KUTHINI

 1. UKUNGACELI—USUKE NJE UHAMBE

Isizathu sokuba ufune ukwenza ngolu hlobo: Ufuna ukubonisa iitshomi zakho indlela wena ongaxhomekekanga ngayo kubazali. Ucinga ukuba wazi bhetele kunabazali bakho, okanye akuyikhathalele indlela abazijonga ngayo izinto.—IMizekeliso 14:18.

Imiphumo: Unokubavuyisa abahlobo bakho, kodwa kwakhona baya kufunda nto ngawe—ukuba unamaqhinga. Ukuba uyakwazi ukuqhatha abazali bakho, nabo uza kubaqhatha. Ukuba abazali bakho baye bafumanisa ukuba uyabaqhatha, baya kukhathazeka yaye bazive beqhathiwe yaye baya kuba ngathi bayaqinisa ukungakuvumeli kwizinto ezininzi!—IMizekeliso 12:15.

 2. UKUNGACELI—UKUNGAYI

Isizathu sokuba ufune ukwenza ngolu hlobo: Emva kokuba ucingisisile ngesi simemo uyabona ukuba le nto bakumemela yona akunto uyithandayo okanye abanye abamenyiweyo awovani nabo. (1 Korinte 15:33; Filipi 4:8) Kwelinye icala, usenokurhalela ukuhamba kodwa ungabi nasibindi sokucela ebazalini.

Imiphumo: Ukuba akuyi kuba usazi ukuba loo nto ayifanelekanga, akuzukoyika xa uphendula iitshomi zakho. Kodwa ukuba akuyi kuba nje usoyika ukucela ebazalini, usenokugqibela uhleli ekhaya uqumbile, ucinga ukuba nguwe wedwa ongavunyelwayo ukuba onwabe.

 3. CELA—UBONE UKUBA BAZA KUTHINI

Isizathu sokuba ufune ukwenza ngolu hlobo: Uyaqonda ukuba umele uthobele abazali bakho. (Kolose 3:20) Uyabathanda yaye akufuni kubacaphukisa ngokubaqhatha. (IMizekeliso 10:1) Kwakhona, unethuba elaneleyo lokucela.

Imiphumo: Abazali bakho baya kubona ukuba uyabathanda yaye uyabahlonipha. Yaye ukuba ababoni ngxaki kule nto uyicelayo, basenokuvuma.

Isizathu Sokuba Besenokungavumi

Njengoonogada elwandle, abazali bakho banokuyibona ingozi isekude

Esinye sezizathu sisenokuzekeliswa ngale ndlela: Ukuba bekunokwenzeka, ubunokukhetha ukuqubha kulwandle olunoonogada. Ngoba? Kuba ngoxa uzonwabele emanzini, akukwazi ukubona ingozi. Kodwa bona oonogada bakwindawo entle yokubona nayiphi na ingozi. Ngokufanayo, ngenxa yolwazi namava abanawo, abazali bakho basenokuyibona ingxaki oza kungena kuyo. Njengoonogada elwandle, injongo yabazali bakho asikokuba ungonwabi, kodwa bafuna ukukunceda uphephe iingozi eziya kukubangela ukuba ungonwabi ubomi bakho bonke.

Nasi esinye isizathu: Abazali bakho bazimisele ukukukhusela. Indlela abakuthanda ngayo ibangela ukuba bavume xa bebona kufanelekile kodwa xa bebona ingxaki, bangavumi. Xa ucela ukwenza into ethile, bayazibuza ukuba umphumo uya kuba yintoni. Baya kuvuma kuphela xa beqinisekile ukuba akuyi kuba sengxakini.

Izinto Onokuzenza Ukuze Bavume

Into onokuyenza

Nyaniseka: Zibuze: ‘Yintoni ngokwenene ebangela ukuba ndifune ukuhamba? Ngaba esona sizathu kukuba ndithanda loo nto iza kwenziwa, okanye ndifuna ukungalahlwa ziitshomi zam? Ngaba kukuba kuza kube kukho umntu endimthandayo?’ Baxelele inyani abazali bakho. Nabo babekhe bangabantwana, bakwazi kakuhle. Kusenokwenzeka ukuba baza kusiqonda esona sizathu sokuba ufune ukuhamba. Baya kuyithanda indlela onyaniseke ngayo, yaye uya kufunda okuthile kubulumko babo. (IMizekeliso 7:1, 2) Kwelinye icala, ukuba uyabaqhatha, abayi kukuthemba yaye kuya kuba nzima ukuba bavume kuyo nantoni na oyicelayo.

Lazi ixesha elifanelekileyo lokucela: Mus’ ukubacela xa kanye bevela emsebenzini okanye bexakeke zezinye izinto. Yiya kubo xa beziphumlele. Kodwa ungalindi de kube ngumzuzu wokugqibela ube sele ufuna impendulo ngenkani. Abayi kuthanda ukugqiba ngento abangakhange bayicingisise kakuhle. Bacele kusengethuba, ubanike ixesha lokukhe bacinge.

Chaza yonke into: Ungathethi into engavakaliyo. Baxelele eyona nto ufuna ukuyenza. Abazali abayithandi impendulo ethi “Andazi,” ingakumbi xa bekubuza oku: “Ngoobani abaza kuba lapho?” “Uza kubakho umntu omdala?” okanye “Uza kubuya nini?”

Indlela oyiyo: Abazali bakho mabangabi ngathi ziintshaba zakho. Bathathe ngokuba bangakuwe—kuba eneneni kunjalo. Ukuba ubajonga njengabahlobo, akuyi kuxambulisana nabo yaye baya kusebenzisana kakuhle nawe.

Babonise ukuba umdala ngokwaneleyo ukwamkela izigqibo zabo nokubahlonipha. Ukuba wenjenjalo, nabo baza kuhlonipha. Kwixa elizayo, baya kuzama ukuyamkela into oyicelayo.