Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Kufuneka Ndithandaze?

Kutheni Kufuneka Ndithandaze?

Ngokutsho kolunye uhlolisiso, i-80 pesenti yolutsha olufikisayo lwaseMerika luyathandaza, kodwa sisiqingatha salo esithandaza yonke imihla. Ngokuqinisekileyo, olunye ulutsha luyazibuza: ‘Ngaba ukuthandaza yindlela nje yokuzenza uzive bhetele okanye kukho into engaphaya koko?’

 Yintoni umthandazo?

Umthandazo kukuthetha noMdali wazo zonke izinto. Khawucinge ngoko kuthethwa koku! UYehova mkhulu kunabantu ngandlela zonke, kodwa ‘akakude kuye ngamnye wethu.’ (IZenzo 17:27) Phofu iBhayibhile inesi simemo: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”​—Yakobi 4:8.

Ungasondela njani kuThixo?

  • Enye indlela kukuthandaza​—ngaloo ndlela uthetha noThixo.

  • Enye indlela kukufunda iBhayibhile​—ngaloo ndlela uThixo uthetha nawe.

Ukuncokola ngaloo ndlela​—ngomthandazo nokufunda iBhayibhile​—loo nto iya kukunceda uqinise ubuhlobo bakho noThixo.

“Ukuthetha noYehova​—ukuncokola Noyena Thixo Uphakamileyo​—lelona lungelo abantu banokuba nalo.”​—UJeremy.

“Ukuncokola noYehova ngeemvakalelo zam ngomthandazo kundenza ndizive ndisondele kuye.”​—UMiranda.

 Ngaba uThixo uyayimamela imithandazo?

Enoba uyakholelwa kuThixo​—enoba uyathandaza kuye​—kusenokuba nzima ukuyikholelwa into yokuba uyayimamela. Kodwa ke, iBhayibhile ithi, uYehova ‘ngumphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) Ide ithi, “liphoseni kuye lonke ixhala lenu.” Ngoba? “Kuba unikhathalele.”​—1 Petros 5:7.

Khawucinge ngoku: Ngaba uhlala uchitha ixesha uncokola nabahlobo bakho? Ungenza njalo nakuThixo. Thandaza kuye yonke imihla, usebenzise igama lakhe, uYehova. (INdumiso 86:​5-7; 88:9) Ewe kona, iBhayibhile ithi, “thandazani ngokungapheziyo.”​—1 Tesalonika 5:17.

“Umthandazo yincoko ephakathi kwam noTata osezulwini, endikhuphela kuye imbilini yam.”​—UMoises.

“Ndincokola noYehova ngazo zonke izinto njengokuba bendiya kwenza njalo kumama okanye kumhlobo osondeleyo.”​—UKaren.

 Zintoni izinto endinokuzithandazela?

IBhayibhile ithi; “Ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo”​—Filipi 4:6.

Ngaba loo nto ithetha ukuba kulungile ukuthandaza ngeengxaki zakho? Kunjalo! Kangangokuba iBhayibhile ithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa”​—INdumiso 55:22.

Kakade ke, xa uthandaza kuThixo, umele uthethe nangezinye izinto kunokusoloko uthetha ngeengxaki zakho. UChantelle intombazana eselula ithi: “Andinakuba ngumhlobo olungileyo ukuba ndicela uncedo kuphela kuYehova. Ndicinga ukuba ndimele ndibulele kuqala, yaye zininzi izinto endimele ndibulele ngazo.”

Khawucinge ngoku: Ziintoni izinto onokumbulela ngazo uYehova? Ziziphi izinto ezintathu onokumbulela ngazo uYehova namhlanje?

“Nento encinci njengobuhle bentyatyambo, isenokusenza sifune ukumbulela uYehova.”​—UAnita.

“Cingisisa ngento oyithandayo kwindalo okanye ivesi yeBhayibhile ekuchukumisayo uze umbulele uYehova ngayo.”​—UBrian.