Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndinokwenza Njani Ukuze Ndingayisebenzisi Kakhulu Imali?

Ndinokwenza Njani Ukuze Ndingayisebenzisi Kakhulu Imali?

“Kutshanje bendiye evenkileni ndiyokubuka. Ndithenge into eduru ebendingazimiselanga kuyithenga.”​—UColin

UColin uyavuma ukuba unengxaki yokusebenzisa imali. Ngaba unjalo nawe? Ukuba kunjalo, eli nqaku liza kukunceda.

 Kutheni kufuneka ungayisebenzisi kakhulu imali?

Ubuxoki: Ukuzikhathaza ngendlela oyisebenzisa ngayo imali kuza kukwenza ungonwabi.

Inyaniso: Xa uyisebenzisa kakuhle imali uza konwaba nangakumbi. Incwadi ethi, I’m Broke! The Money Handbook ithi: “Xa uyazi indlela yokusebenzisa imali, uza kuba nayo uze uthenge izinto ozifunayo ngoku nakwixesha elizayo.

Khawucinge ngoku: Xa uyisebenzisa kakuhle imali . . .

  • Uza kuba nemali xa uyidinga. Intombazana uInez ithi: “Ndibawel’ ukuya kuMzantsi Merika ngeny’ imini. Xa ndibeka imali, ndiza kukwazi ukuya khona.”

  • Uza kuba namatyala ambalwa okanye angabikho kwaphela. IBhayibhile ithi: “Obolekayo ngumkhonzi kumntu obolekisayo.” (IMizekeliso 22:7) UAnna utheth’ into efanayo. Uthi: ityala linokukulawula. Xa ungenamatyala uyakwazi ukuzenza izinto ofuna ukuzenza.”

  • Ujongwa njengomntu oqolileyo. Ulutsha oluyisebenzisa kakuhle imali lukulungele ukuba ngabantu abadala. UJean ona-20 uthi: “Ndiyisebenzisa kakuhle imali, loo nto iza kundinceda kwixesha elizayo, xa ndizihlalela.”

Inyaniso yile: Incwadi ethi, The Complete Guide to Personal Finance: For Teenagers and College Students ithi: “Ukuyisebenzisa kakuhle imali yakho yinto yokuqala enokukunceda ukwazi ukuzimela. Ukuyisebenzisa kakuhle imali sisiphiwo esiza kukunceda ubomi bakho bonke.”

 Indlela onokwenza ngayo

Bazi ubuthathaka bakho. Ukuba usoloko ungenamali, into yokuqala omele uyazi kukuba iyaphi imali yakho. Abanye bachanwa kukuthenga izinto kwi-intanethi. Abanye ingxaki kukuba basoloko besebenzisa imali ebudeni benyanga ibe ithi iphela inyanga babe bengenayo nesenti.

“Izinto ezincinci ozithenga yonke imihla ziyongeza kule ngxaki. Emva kokuba ndithenge isipho, ikofu nento ebendingazimiselanga ukuyithenga evenkileni, emva kwenyanga ndiyazibuza ukuba iyephi imali yam!​—UHailey

Ceba indlela yokusebenzisa imali. IBhayibhile ithi: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo.” (IMizekeliso 21:5) Xa uceba indlela yokusebenzisa imali, unokuqiniseka ukuba awuchithi imali engaphezulu kunaleyo uyifumanayo.

“Xa uchitha imali engaphezulu kuleyo uyifumanayo, zibuze ukuba iyaphi imali yakho uze ungazithengi izinto ongazidingiyo. Zicuthe izinto ozithengayo ude ufumane imali engaphezulu kunaleyo uthenga ngayo.”​—UDanielle

Yazi apho iya khona imali yakho. Zininzi iindlela onokuyazi ngazo apho iya khona imali yakho uze uphephe ukusebenzisa imali ngokungeyomfuneko. Olunye ulutsha luye lwafumanisa ukuba ezi ndlela zilandelayo ziyanceda:

  • “Imali yam ndiyifaka ebhankini kuba ndiyazi ukuba andizokuyisebenzisa kakhulu xa isebhankini.”​—UDavid

  • “Xa ndisiya evenkileni ndiphatha kuphela imali endiza kuthenga ngayo. Ngaloo ndlela ndithenga kuphela le nto ndifuna ukuyithenga.”​—UEllen

  • “Xa ndilinda ixesha elithile ngaphambi kokuba ndithenge, ndiye ndibone enoba ndiyayidinga okanye andiyidingi na loo nto.”​—UJesiah.

  • Akunyanzelekanga ukuba ndiye kuzo zonke iindawo endimenywa kuzo. Ayonto imbi ukungavumi ukuya xa ndingenayo imali yokuya.”​—UJennifer.

Inyaniso yile: Kubalulekile ukukwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali. Yiloo nto eqatshelwe nguColin esikhe sathetha ngaye ngaphambili. Uthi: “Ndiza kuba yintloko-ntsapho ngeny’ imini, andimele ndidlale ngemali. Ukuba andikwazi ukuyisebenzisa imali ngoku ndingekatshati, iza kuba yingxaki loo nto xa sele nditshatile.”

Icebiso: “Xelela omnye umntu ngendlela oceba ukuyisebenzisa ngayo imali, uze umcele ukuba amane ekubuza ukuba usayilandela na loo ndlela. Loo nto iza kukunceda.”​—UVanessa.