Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Yintoni Iiwebhsayithi Zokuncokola Eziyenzayo Kum?

Yintoni Iiwebhsayithi Zokuncokola Eziyenzayo Kum?

 Ngaba abazali bakho bayakuvumela ukuba usebenzise iiwebhsayithi zokuncokola? Ukuba bayakuvumela, eli nqaku liza kukunceda kwizinto ezintathu ezibalulekileyo.

Kweli nqaku

 Ngaba iiwebhsayithi zokuncokola azindityeli xesha?

 Ukusebenzisa iiwebhsayithi kufana nokukhwela ihashe elibalekayo, ukuba wena awulilawuli, lona liza kukwenzekalisa.

 “Ndikhe ndingene kwiiwebhsayithi zokuncokola, ndizixelele ukuba ‘ndiyokroba nje imizuzu embalwa’ kodwa ndibone sekudlule iiyure ezininzi! Iiwebhsayithi zokuncokola usenokuzithanda kakhulu ibe zitya ixesha.”—UJoanna.

 Ngaba ubusazi? Iiwebhsayithi zokuncokola zenziwe ngendlela yokuze abantu bazithande. Abantu abazenzayo bayayazi ukuba xa loo webhsayithi ithandwa ngabantu ibe bechitha ixesha elininzi kuyo, loo nto izakwenza abathengisi babhatale imali eninzi.

 Khawuzibuze: ‘Ngaba ndichitha ixesha elininzi kwiiwebhsayithi zokuncokola? Ngaba elo xesha bendinokukwazi ukwenza ngalo ezinye izinto ezibalulekileyo?

 Into onokuyenza. Zibekele ixesha oza kulichitha kwiiwebhsayithi zokuncokola uze ungadluli kulo.

Faka kwisixhobo sakho ukuba ufuna ukuzisebenzisa ixesha elingakanani iiwebhsayithi zokuncokolaa

 “Ndiye ndafaka ixesha elithile kwifowuni yam, ukuze ingandivumeli ukuba ndisebenzise ezinye iiApp xa ixesha lidlulile. Emva kokuba ndifunde ukuzibamba, ndiye ndakwazi ukuzisebenzisa kakuhle iiwebhsayithi zokuncokola, andachitha xesha lininzi kuzo.”—UTina.

 Umgaqo weBhayibhile: “[Lisebenzise] kakuhle ixesha.”—Efese 5:16.

 Ngaba iiwebhsayithi zokuncokola zindenza ndingalali ngokwaneleyo?

 Iingcali ezininzi zithi abantwana abafikisayo bamele balale iiyure eziyi-8 ngobusuku, kodwa abaninzi kubo balala ixesha elincinci kunelo. Enye into enokubangela loo nto kukuba basebenzisa ezi webhsayithi zokuncokola.

 “Ngaphambi kokuba ndilale ndiye ndicofe ifowuni, kuphele iiyure ezininzi ndibuka izinto ezifakwe ngabanye abantu kwiiwebhsayithi. Imbi le nto ibe ndifuna ukuyiyeka.”—UMaria.

 Ngaba ubusazi? Ukungalali ngokwaneleyo kunokwenza umntu abe nexhala kakhulu, nedepression. UJean Twenge, uprofesa ofundisa ngendlela ingqondo yomntu esebenza ngayo ubonisa ukuba xa ungalali ngokwaneleyo, usenokuzibona sele ukhathazeka okanye udikwa msinya. Uthi “emva kwexesha,” ukungalali ngokwaneleyo kunokwenza umntu “abe nezigulo zengqondo.” a

 Zibuze: ‘Ndilala kangakanani ebusuku?’ ‘Ngaba ndiba kwezi webhsayithi zokuncokola ngexesha lokuba ndilungiselele ukulala?’

 Into onokuyenza. Iifowuni, iithablethi nekhompyutha mazingabikho ekamereni yakho ebusuku. Ukuba kunokwenzeka, ungazisebenzisi ezi zixhobo kwiiyure ezimbini ngaphambi kokuba ulale. Ukuba udinga into eza kuvusa ekuseni, khawuzame ukusebenzisa into engeyofowuni okanye ithablethi.

Ungazisebenzisi ngaphambi kokuba ulale

 “Ngamanye amaxesha, kude kube sebusuku kakhulu ndicofa ifowuni. Kodwa ndizama ukutshintsha ngoku. Ndifuna ukuqalisa ukwenza izinto njengomntu okhulileyo, loo nto ithetha ukuba kufuneka ndizicingisise izinto endizenzayo. Ndifuna ukukhawuleza ndilale, ukuze ndikwazi ukwenza izinto kakuhle ngosuku olulandelayo.”—UJeremy.

 Umgaqo weBhayibhile: “Niqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo.”—Filipi 1:10.

 Ngaba iiwebhsayithi zokuncokola ziyayitshintsha indlela endiziva ngayo?

 Kolunye uphando, abantwana besikolo abaphantse babe yihafu bathi basoloko “bengonwabanga ibe bengenathemba.” Enye yezinto ekusenokwenzeka ukuba ibangela loo nto ziiwebhsayithi zokuncokola. UGqirha Leonard Sax uthi, “Xa uchitha ixesha elide kwiiwebhsayithi zokuncokola, uzithelekisa nabanye abantu, kunokuba lula ukuba ukhathazeke.” b

 “Kuqhelekile ukuba abantu abasakhulayo bazithelekise nabanye, ibe iiwebhsayithi zokuncokola zenze kwalula kakhulu ukwenza loo nto. Usenokuzibona ujonga abantu ixesha elide, uze uthelekise indlela abaphila ngayo nendlela ophila ngayo. Okanye ujonge indlela abahlobo bakho abazonwabisa ngayo, uze ucinge ukuba wena uyashiyeka.”—UPhoebe.

 Ngaba ubusazi? Nangona iiwebhsayithi zokuncokola zinokukunceda uthethe nabahlobo bakho, loo nto ayithethi ukuba anidingi ukudibana, nincokole nijongene. UGqirha Nicholas Kardaras uthi, “Ukuncokola nabantu kwizinto ze-elektroniki akuyivali lanto siyidingayo yokuhlala kunye nabo, sincokola. Akusenzi sifumane into esiyidingayo, ukuziva sisondelelene nyhani nabantu.” c

 Zibuze: ‘Ngaba ndiye ndizive ndindodwa emva kokujonga izinto abahlobo bam abazenzayo?’ ‘Ngaba ndiye ndicinge ukuba ubomi bam buyabhora, xa ndibona indlela abahlobo bam abaphila nabonwabe ngayo?’ ‘Ngaba ndiye ndityhafe?’

 Into onokuyenza. Khawuzame ukukhe uyeke kancinci ukusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola, nokuba ziintsuku ezimbalwa, iiveki, okanye inyanga. Zama ukuchitha ixesha elininzi nabahlobo nidibene, okanye nifowunelana. Emva koko, jonga ukuba awuzukuziva wonwabile nakakhulu ibe ungenastres kangako, njengokuba uyekile ukusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola.

Ngaba awunokwazi ukuchitha ixesha elininzi nabahlobo bakho nidibene?

 “Xa ndandisebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola, ndaye ndazibona sele ndizihoye kakhulu izinto abantu abazenzayo. Emva kokuba ndizisusile, kwaba ngathi kukho umthwalo osusiweyo emagxeni am, ibe ndaba nalo nexesha lokwenza ezona zinto zibalulekileyo.”—UBriana.

 Umgaqo weBhayibhile: “Mntu ngamnye makajonge izinto ezenziwe nguye, angazithelekisi namntu. Uza kutsho avuye ngenxa yesiqu sakhe.”—Galati 6:4.

a Kwincwadi ethi iGen.

b Kwincwadi ethi Why Gender Matters.

c Kwincwadi ethi Glow Kids.