Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kungandinceda Njani Ukufunda IBhayibhile?—Inxalenye 3: Fumana Izinto Eziza Kukunceda Kufundo Lwakho LweBhayibhile

Kungandinceda Njani Ukufunda IBhayibhile?—Inxalenye 3: Fumana Izinto Eziza Kukunceda Kufundo Lwakho LweBhayibhile

 Xa ujonga iBhayibhile ngaphakathi, uza kubona kubhalwe into eninzi. Ingakoyikisi loo nto. Mhlawumbi iBhayibhile singayifanisa nevenkile enezinto ezininzi. Awunothatha yonk’ into oyibonayo, kodwa ungakhetha ezo uzidingayo nozithandayo.

 Ukuze lukuncede ufundo lwakho lweBhayibhile, kufuneka ungavumeli izinto zikuphazamise xa ufunda.

Kweli nqaku

 Kutheni umele ungaphazamiseki xa ufunda iBhayibhile?

 Ukuba uzama ngandlela zonke ukufunda iBhayibhile, uza kutsho ufumane izinto eziza kukunceda kuyo. Khawucinge ngalo mzekeliso, xa usenza iti uze uyifake emanzini okomzuzwana usenokufumana incasa, kodwa xa uyifaka ixesha elide uza kufumana incasa eninzi.

 Kuyafana ke nokufunda iBhayibhile. Endaweni yokuba ukhawulezise xa uyifunda uze uyeke, ziphe ixesha lokucingisisa kakuhle ngento oyifundayo. Yiloo nto kanye eyayisenziwa ngumbhali weNdumiso 119. Wathi xa ethetha ngomthetho kaThixo: “Ndicinga ngawo imini yonke.”—INdumiso 119:97.

 Ewe kona, lento ayithethi ukuba kufuneka ufunde uze ucinge ngeBhayibhile imini yonke. Eyona nto siyithethayo kukuba umdumisi wayezipha ixesha lokucinga ngeLizwi likaThixo. Lo nto yamnceda wenza izigqibo ezifanelekileyo.—INdumiso 119:98-100.

 “Umama wathi kum, ‘qho ngeveki unentsuku eziyi 7, ibe uzenzela izinto ezininzi kuzo. Kutheni elinye ixesha ungaliniki uYehova? Uza kuba wenza into entle!’”—UMelanie.

 Xa ucinga ngemigaqo yeBhayibhile, uza kukwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo. Ngokomzekelo, xa ukhetha abahlobo naxa ulingwa ukuba wenze wenze into erongo.

 Ungenza njani ukuze zikuncede izinto ozifunda eBhayibhileni?

  •   Ceba ukuba uza kuyifunda njani. UJulia uthi xa ecebisa, “yenza ucwangciso lokufunda iBhayibhile. Yazi ukuba uza kufunda ntoni, phi, nini.”

  •   Yiba nendawo oza kufundela kakuhle kuyo. Elinye ibhinqa ekuthiwa nguGianna lithi xa licebisa, “khangela indawo ekuthulekileyo kuyo. Enye into, chazela intsapho yakho ukuba uceba ukufunda nini ukuze bangakuphazamisi.”

     Ukuba usebenzisa isixhobo se-elektroniki, yenza imiyalezo ingangeni kuso xa ufunda. Ungazama nokusebenzisa iBhayibhile eprintiweyo. Phofu uphando lubonisa ukuba ukufunda kwincwadi eprintiweyo kwenza kube lula ukuyiqonda into oyifundayo. Kwelinye icala, kusenokuba lula ukuphazamiseka xa ufunda kwiskrini.

     “Ndiphazamiseka lula xa ndifunda kwiskrini. Kuye kungene imiyalezo, okanye iNetwork imke, okanye kuphele ibhetri. Kanti xa ndisebenzisa incwadi eprintiweyo, eyona nto ndiyidingayo kukubona nje le nto ndiyifundayo.”—UElena.

  •   Qala uthandaze. Cela uYehova akuncede uyiqonde into oza kuyifunda, uyikhumbule, ize ikuncede.—Yakobi 1:5.

     Ukuze ubonise uYehova ukuba uyifuna nyhani le nto ubuyithandazela, phanda nezinye izinto ngale nto uyifundayo. Ungayenza njani loo nto? Ukuba usebenzisa uJW Library okanye iBhayibhile uyifunda ku-jw.org, ungacofa ivesi ukuze ufumane nezinye izinto ezithetha ngaloo vesi.

  •   Zibuze imibuzo. Nantsi imizekelo yayo: ‘Indifundisa ntoni le nto ngoYehova? Ngaba ithetha ngophawu analo endifuna ukululinganisa?’ (Efese 5:1) ‘Ziintoni endizifundayo kule nto endinokuzisebenzisa ebomini bam?’ (INdumiso 119:105) ‘Ndingayisebenzisa le nto ndiyifundayo ukuze ndincede abanye?’—Roma 1:11.

     Khawuphinde uzibuze ukuba, ‘Le nto ndiyifundayo idibana njani neyona nto kuthethwa ngayo eBhayibhileni?’ Lo mbuzo ubaluleke kakhulu. Ngoba? Kuba yonke into eseBhayibhileni iyadibana—ukuqala kwiGenesis ukuyokutsho kwiSityhilelo. Ithetha ngento enye, indlela uYehova aza kulingcwalisa ngayo igama lakhe esebenzisa uBukumkani bakhe basezulwini, aze abonise ukuba ngoyena ufanele kukulawula ibe akekho umntu onokuze alawule bhetele kunaye.