Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Kufuneka Ndenze Uxolo Nabantwana Basekhaya?

Kutheni Kufuneka Ndenze Uxolo Nabantwana Basekhaya?

 Abona bahlobo ungavaniyo nabo

Abantwana bakowenu baye babizwa ngokuba “ngabona bahlobo ungavaniyo nabo.” Uyabathanda, ibe nabo bayakuthanda​—kodwa ngamanye amaxesha nikhe nibhidane. UHelena oneminyaka eli-18 uthi: “Umntakwethu omncinci uyandicaphukisa. Uyazi ukuba ndicofwa phi ibe nini ukuze andicaphukise!”

Ezinye iingxabano zinokulungiswa ngokuthetha. Ngokomzekelo:

  • Amakhwenkwe amabini ahlala egumbini elinye anokuxabana ngalo. Ingalungiswa njani? Mawathethe ibe ngamnye azi ukuba elo gumbi asilolakhe yedwa. Mawasebenzise umgaqo weBhayibhile okuLuka 6:31.

  • Intombazana inokunxiba iimpahla zikadade wayo ingazibolekanga. Ingalungiswa njani? Mabathethe ngale ngxaki baze babekelane imida efanelekileyo. Mabasebenzise umgaqo weBhayibhile okweyesi-2 kaTimoti 2:24.

Kwezinye iimeko, ukungavani kwabantu abazalwa kunye kuba yingxaki ibe kusenokubangela imiphumo emibi. Cinga ngale mizekelo mibini yeBhayibhile:

  • UMiriyam noAron babemmonela uMoses, umntakwabo ibe imiphumo yaba buhlungu. Funda ingxelo ekwiNumeri 12:1-15. Emva koko uzibuze: ‘Ndingakulumkela njani ukumonela umntwana wasekhaya?’

  • UKayin waba nomsindo kangangokuba wabulala umntakwabo uAbheli. Funda ingxelo ekwiGenesis 4:​1-​12. Emva koko uzibuze: ‘Ndingakunqanda njani ukuba nomsindo kumntakwethu okanye kudadewethu?’

 Izizathu ezimbini zokuba kwenziwe uxolo

Nokuba kunzima kangakanani na ukuxolelana nomntwana wakowenu, zikho izizathu ezimbini zokwenza uqonde isizathu sokuba kubalulekile.

  1. Kubonisa ukuba ukhulile. UAlex umfana oselula uthi: “Ndandidla ngokuxabana noodadewethu ababini abancinci. Ngoku andisabaphathi njengakuqala ngenxa yokuba ndizolile. Unokuthi ndikhulile.”

    IBhayibhile ithi: “Ozeka kade umsindo unokuqonda okuninzi, kodwa ongenamonde uphakamisa ubudenge.”​—IMizekeliso 14:29.

  2. Luqeqesho oluya kukunceda kwixesha elizayo. Ukuba awukwazi kubanyamezela abantwana bakowenu, uza kukwazi njani kumntu otshate naye, umntu osebenza naye, umqeshi wakho okanye nabani na osoloko ukunye naye?

    Inyani engenakuphikwa: Indlela oza kuba phatha ngayo abanye ixhomekeke kwindlela okwazi ngayo ukuthetha ibe ayikho enye indawo onokukhulisa kuyo ubuchule bakho ngaphandle kwentsapho.

    IBhayibhile ithi: ‘Ekubeni kuxhomekeke kuni, yibani noxolo.’​—Roma 12:18.

Ngaba uyafuna ukulungisa ukungavani nomntwana wakowenu? Funda inqaku elithi “Oko kuthethwa lolunye ulutsha” uze ujonge nephepha onokubhala kulo elihamba neli nqaku elinomxholo othi, “Ukuxolelana Nabantwana Bakowenu.”