Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Ndimele Ndiye KwiHolo YoBukumkani?

Kutheni Ndimele Ndiye KwiHolo YoBukumkani?

Kabini evekini, amaNgqina KaYehova aya kwiindawo akhonzela kuzo ezibizwa ngokuba ziiHolo ZoBukumkani. Kwenziwa ntoni kuzo, ibe ungancedakala njani ngokuya?

 Kwenziwa ntoni kwiHolo YoBukumkani?

KwiHolo YoBukumkani kufundiswa ngeBhayibhile. Ukuya kwakho kungakunceda:

  • ufunde inyaniso ngoThixo.

  • uqonde ukuba kutheni izinto ezenzekayo zisenzeka.

  • ube ngumntu obhetele.

  •   ufumane abahlobo bokwenene.

Ngaba Ubusazi? Indawo amaNgqina KaYehova akhonzela kuyo ibizwa ngokuba yiHolo YoBukumkani kuba eyona nto kuthethwa ngayo pha buBukumkani bukaThixo.​—Mateyu 6:9, 10; 24:14; Luka 4:43.

 Kutheni umele uye?

Izinto ozifunda pha ziza kukunceda. Imigaqo ekuthethwa ngayo iza kukunceda ‘ube nobulumko.’ (IMizekeliso 4:5) Loo nto ithetha ukuba iBhayibhile ingakunceda wenze izigqibo ezifanelekileyo. Ingakunceda uphendule nemibuzo efana nale:

Nantsi eminye yemixholo yeentetho eziye zinikelwe kwiHolo YoBukumkani:

  • Kutheni Umele Ukhokelwe YiBhayibhile?

  • Unokulufumana Phi Uncedo Xa Usengxakini?

  • Oko Sikwenzelwa Bubukumkani BukaThixo Ngoku.

“Omnye endifunda naye eklasini wakhe weza kwiiHolo YoBukumkani. Wahlala kunye nentsapho yasekhaya saza sajongisana naye njengoko kufundwa. Emva kokuba siphumile, wandixelela indlela azithande ngayo iimpendulo zabantu. Waphinda wathi ecaweni yakhe abanazo iincwadi zeBhayibhile njengathi.”​—UBrenda.

Ngaba Ubusazi? Akungenwa ngamali kwiHolo YoBukumkani ibe akuqokelelwa nkongozelo.

Ukuncokola nabantu kuza kukukhuthaza. IBhayibhile ithi esinye sezizathu zokuba amaKristu adibane ‘kukukhuthazana.’ (Hebhere 10:24, 25) Ukuncokola nabantu ababeka uThixo kuqala kuneziqu zabo kweli hlabathi lithi ndim phambili, kuyakhuthaza.

Emva kosuku olude ndiye ndizive ndiphantsi ndidiniwe, kodwa ukuncokola nabantu abakwiHolo YoBukumkani kundenza ndizive bhetele. Ndigoduka ndonwabile kube ngathi akusasi.”​—UElisa.

Ngaba Ubusazi? Kukho amabandla amaNgqina KaYehova angaphezulu kwayi-120 000 ehlabathini lonke ibe adibana kwiindawo ezingaphezu kweziyi-60 000. Nyaka ngamnye kwakhiwa, ubuncinane, iiHolo ZoBukumkani eziyi-1 500 kuba lisoloko lisanda inani labantu abayayo. a

a Ukuze ufumane iHolo YoBukumkani, yiya kwindawo ethi, “Iintlanganiso Zebandla ZamaNgqina KaYehova” uze ucofe indawo ethi, “Fumana Indawo Ekufutshane Nawe.”