Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Izinto Zadalwa Okanye Zazivelela?—Inxalenye 3: Kutheni Umele Ukholelwe Ukuba Izinto Zadalwa?

Ngaba Izinto Zadalwa Okanye Zazivelela?—Inxalenye 3: Kutheni Umele Ukholelwe Ukuba Izinto Zadalwa?

“Ukuba ukholelwa ekubeni izinto zadalwa, abantu basenokucinga ukuba usisidenge, ukholelwa kuyo yonk’ into engekhoyo owayiva ngabazali okanye uqhathwe yicawa.”—UJeanette.

Ngaba nawe ucinga ngale ndlela kaJeanette? Ukuba kunjalo, unokuzibhaqa sowuzithandabuza izinto ozikholelwayo ngendalo. Kaloku akakho umntu ofuna kuthiwe akazi nto. Yintoni enokukunceda?

 Izinto ezidla ngokuthethwa ngabachasi

1. Ukuba ukholelwa ekubeni izinto zadalwa, abantu baza kucinga ukuba akuyikholelwa isayensi.

“Utitshalakazi wam uthi, xa abantu bekholelwa ukuba izinto zadalwa sube besonqena ukucinga.”—UMaria.

Oko umele ukwazi: Abantu abathetha ngolo hlobo abazazi kakuhle izibakala. Kukho oososayensi abadumileyo abafana noGalileo noIsaac Newton ababekholelwa kuMdali, ibe loo nto ayizange ingqubane nokuthanda kwabo isayensi. Nanamhlanje, abanye oososayensi ababoni ngxaki ekukholelweni kwisayensi nakwizinto ezadalwayo.

Khawuzame oku: Bhala la magama (kanye ngale ndlela ibonisiweyo) “sichaza ngokholo lwaso” okanye “uchaza ngokholo lwakhe” kwi-Watchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI, ukuze ufumane imizekelo yoososayensi noogqirha abakholelwayo kwindalo. Funda ngezinto ezabanceda bakholelwa kwindalo.

Inyaniso yile: Ukukholelwa ukuba izinto zadalwa akuthethi kuthi uphikisana nesayensi. Kunoko ukufunda ngakumbi ngendalo kungakunceda uqiniseke ngakumbi kwelokuba izinto zadalwa.—Roma 1:20.

2. Ukuba uyalikholelwa ibali leBhayibhile lendlela izinto ezadalwa ngayo, abantu baza kucinga ukuba umfanyekiswe yicawa.

“Abantu abaninzi abayiboneli ntweni le nkolelo. Bathi liyintsomi nje ibali elikwiGenesis.”—UJasmine.

Oko umele ukwazi: Abantu badla ngokungaliqondi kakuhle ibali leBhayibhile elithetha ngendlela izinto ezadalwa ngayo. Ngokomzekelo, abanye bathi umhlaba akukudalanga ukho, okanye bathi yonke into ekhoyo yadalwa ngeentsuku nje ezintandathu ezineeyure eziyi-24. IBhayibhile ayizixhasi zombini ezi mbono.

  • IGenesis 1:1 ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” Le vesi ayiphikisani nesibakala esenziwa ngoososayensi esithi umhlaba uneebhiliyoni zeminyaka ukho.

  • Igama elithi ‘usuku’ elisetyenziswe kwiGenesis linokuthetha ixesha elide. KwiGenesis 2:4 igama elithi ‘usuku’ lisetyenziswe ukuze limele zontandathu iintsuku ezasetyenziswa xa kwakudalwa.

Inyaniso yile: Ibali leBhayibhile lendlela izinto ezadalwa ngayo liyahambelana nezibakala zesayensi.

 Cinga ngeenkolelo zakho

Ukukholelwa ekubeni zonke izinto zadalwa akuthethi ukuba unguvuma zonke. Kunoko kuyinto ecingisiswe kakuhle. Khawucinge ngoku:

Xa usiva uze ubone izinto zenziwe ngendlela ethile, utsho uqonde ukuba kumele ukuba ukho uménzi wazo zonke ezo zinto. Nanini na ubona ikhamera, inqwelo-moya okanye indlu, uye uzixelele ukuba kukho umntu oyenzileyo. Kutheni ke ngoku iza kujika le ndlela yokucinga xa ubona imehlo lomntu, intaka esesibhakabhakeni okanye umhlaba?

Khawucinge ngoku: Iinjineli zidla ngokukopa kwindalo, zitsho zikwazi ukuphucula izinto ezizenzayo yaye zifuna sonke sizazi ukuba zenziwe zizo. Xa sikwazi ukuzinika udumo ngezinto eziye zazenza, kutheni singenakwenza okufanayo kuMdali owenze izinto ezigqwesileyo?

Xa sisazi ukuba inqwelo-moya inomenzi wayo, kutheni singenakuthetha into efanayo nangentaka?

 Izinto ezinokukunceda uhlole ubungqina

Xa ubuka indalo, utsho ufumane ubungqina bokuba izinto zadalwa.

Khawuzame oku: Bhala la magama (kanye ngale ndlela ibonisiweyo) “ngaba yadalwa” kwi-Watchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI. Khetha eminye imixholo oyithandayo kumanqaku kaVukani! athi, “Ngaba Yadalwa?” Kwinqaku ngalinye olifundayo, khawuzame ukubona ukuba yintoni eyona nto ibangel’ umdla kulo. Loo nto ikunika njani ubungqina bokuba kukho uMdali?

Khawuphinde uphande: Sebenzisa ezi ncwadana ukuze ufumane ezinye iinkcukacha zokuba zonke izinto ezikhoyo zadalwa.

  • Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa?

    • Indawo omi kuyo umhlaba iwenza ukwazi ukuxhasa zonke izinto ezikuwo.—Funda iphepha 4-10.

    • Indalo inemizekelo yendlela izinto ezimele zenziwe ngayo.—Funda iphepha 11-17.

    • Ibali leBhayibhile elikwiGenesis elithetha ngendlela izinto ezadalwa ngayo, liyavumelana nesayensi.—Funda iphepha 24-28.

  • Incwadana ethi, The Origin of Life—Five Questions Worth Asking

    • Ubomi babungasoze busuke buzivelele esithubeni.—Funda iphepha 4-7.

    • Izinto eziphilayo zintsonkothe gqitha ukuba zazinokusuka nje zithi gqi.—Funda iphepha 8-12.

    • Inkcazelo yofuzo ekwiiseli iyodlula lee leyo yeteknoloji.​—Funda iphepha 13-21.

    • Izinto eziphilayo namhlanje azisuki kwinto enye. Ubungqina bezinto eziye zembiwa bubonisa ukuba kwadalwa izilwanyana ezahlukahlukeneyo, ibe azizange zimane zitshintsha zisiba zezinye.—Iphepha 22-29.

“Eyona nto indenza ndiqiniseke ukuba uThixo ukho, yindalo, ngokukodwa xa ndibuka izilwanyana apha emhlabeni ndiphinde ndibone nocwangco kwindlela izinto ezenzeka ngayo.”—UThomas.