Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Ndisoloko Ndithetha Kakubi?

Kutheni Ndisoloko Ndithetha Kakubi?

Ngamanye amaxesha andikwazi tu ukulawula indlela endithetha ngayo, ndisuke ndithethe nje ndingacinganga!”​—James.

“Xa ndingakhululekanga, ndisuke ndithethe nje ndingacinganga, phofu ke naxa ndikhululekile ndivele ndithethe kakhulu. Lilonke ndingumntu nje oloqayo.”​—Marie.

IBhayibhile ithi: “Ulwimi . . . lungumlilo, hayi indlela omncinane ngayo umlilo ofunekayo ukutshisa ihlathi elikhulu gqitha!” (Yakobi 3:5, 6) Ngaba indlela othetha ngayo isoloko ikufaka engxakini? Ukuba uthi ewe, eli nqaku liza kukunceda.

 Kutheni Ndisoloko Ndithetha Kakubi?

Ukungafezeki. IBhayibhile ithi: “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi. Ukuba kukho nabani na ongakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo.” (Yakobi 3:2) Singabantu abanesono, ngenxa yoko kulula ukuba sibakhathaze abantu ngamazwi esiwathethayo.

“Kuba ndingumntu onesono, ngaba ndiyaziqhatha ukuba ndizixelela ukuba izinto endizicingayo nendizithethayo ndingakwazi ukuzilawula.”​—Anna.

Ukuthetha kakhulu. IBhayibhile ithi: “Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha.” (IMizekeliso 10:19) Abantu abathetha kakhulu babe bengazihluphi ngokumamela abanye, basoloko besesichengeni sokucaphukisa abanye.

“Abantu abalumkileyo abathethi kakhulu. UYesu ngoyena mntu ulumkileyo awakha waphila apha emhlabeni, kodwa wayengasoloko ethetha.”​—Julia.

Ukuphoxa. IBhayibhile ithi: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele.” (IMizekeliso 12:18) Omnye umzekelo wokuthetha nje kukuphoxa ngamazwi ahlabayo amthoba isidima lowo uphoxwayo. Abantu abathanda ukuphoxa badla ngokuthi, “Bendidlala wethu!” Kodwa ukuthoba isidima sabantu ayonto imele siyihlekele. IBhayibhile isixelela ukuba masikususe konke ‘ukumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi.’​—Efese 4:31.

“Ndingumntu othanda ukuqhula nokuhlekisa, ezi zinto zindibangela ukuba ndibenempoxo, zize zindifake engxakini.”​—Oksana.

Awunakukwazi ukuphinda uyibuyisele ebhotileni intlama yamazinyo xa sele uyikhuphile. Kunjalo nangamazwi ahlabayo esiwathethayo. Xa sele siwatshilo, asikwazi ukuphinda siwabuyisele.

 Ungayilawula Njani Indlela Othetha Ngayo?

Ukulawula izinto ozithethayo kusenokuba nzima, kodwa imigaqo yeBhayibhile iza kukunceda. Jonga ezi zibhalo zilandelayo.

“Thethani entliziyweni yenu, . . . nize nithi cwaka.”​—INdumiso 4:4.

Ngamanye amaxesha kuyanceda ukungathethi. ULaura uthi, “Indlela endiziva ngayo xa ndinomsindo isenokungafani nendlela endiziva ngayo xa sele uphelile. Ndiye ndivuye xa ndingayithethanga into ebendiyicinga ngela xesha bendisenomsindo.” Nokuthula nje kancinci kuye kuncede kakhulu ukuba ungathethi izinto ezimbi.

“Ngaba indlebe ayiwavavanyi amazwi njengoko inkalakahla ingcamla ukutya?”​—Yobhi 12:11.

Ngaphambi kokuba uthethe into esengqondweni, kungakunceda ukuqala ucinge ngale mibuzo ithi:

  • Ngaba yinyani? Ngaba ayicaphukisi? Kunyanzelekile ukuba ndiyithethe?​—Roma 14:19.

  • Ndingaziva njani xa umntu enokuthetha le nto kum?​—Mateyu 7:12.

  • Ngaba iza kubonisa imbeko kuluvo lomnye umntu?​—Roma 12:10.

  • Ngaba yindlela efanelekileyo yokuyithetha le nto?​—INtshumayeli 3:7.

“Ngokuthobeka kwengqondo, nibagqala abanye njengabongamileyo kunani.”​—Filipi 2:3.

Eli cebiso liza kukunceda ubacingele abanye, ize loo nto ikuncede ukuba ucinge ngaphambi kokuba uthethe uze ukwazi ukulawula izinto ozithethayo. Nokuba sele kudlule ixesha uthethe kakubi, ukuthobeka kuza kukwenza uyoxolisa ngokukhawuleza! (Mateyu 5:23, 24) Uze uzimisele ukulawula indlela othetha ngayo.