Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Ukuncwasa Ngumdlalo Nje?

Ngaba Ukuncwasa Ngumdlalo Nje?

 Yintoni ukuncwasa?

Abanye abantu xa becinga ngokuncwasa, bacinga ngezinto umntu azithethayo okanye azenzayo ezibonisa ukuba unomdla kumntu wesini esahlukileyo. Ngaba kuyinto embi ukubonisa ukuba unomdla emntwini? Asinakutsho. UAnn osemtsha uthi: “Ukuba umdala ngokwaneleyo ukuba ungathandana ibe kukho umntu onomdla kuye, yiyiphi enye indlela onokwazi ngayo ukuba naye uvakalelwa ngendlela efanayo?”

Kweli nqaku, siza kuthetha ngohlobo lokuncwasa olubangela wenze izinto ezenza ngathi unomdla emntwini ngoxa ungazimiselanga kuye.

“Ukuba nomdla okhethekileyo emntwini kuba ufuna nithandane kwahlukile ekwenzeni izimbo ezenza umntu acinge ukuba unomdla kuye ube ungekho kuloo nto.”​—UDeanna.

 Kutheni abanye abantu beyenza loo nto?

Abanye abantu benza izimbo zokuncwasa ukuze bazithembe. UHailey osemtsha uthi: “Xa ubona ukuba uyakwazi ukutsala umntu abe nomdla kuwe, usenokufuna yenzeke qho loo nto.”

Kodwa xa usenza izimbo ezibonisa ingathi unomdla emntwini, loo nto ibonisa ukuba awuzikhathalelanga iimvakalelo zaloo mntu. Xa uyenza loo nto ukuze nje uzithembe oko kuyenza ithandabuzeke indlela ocinga ngayo. IBhayibhile ithi: “Ubudenge yimihlali koswele intliziyo.”​—IMizekeliso 15:21.

UHailey unesizathu esivakalayo sokuthi: “Ukwenza izimbo zokuncwasa kusenokungabi yongxaki ekuqaleni kodwa ekugqibeleni kuba kubi.”

 Ziziphi iingozi zokuncwasa?

  • Ukwenza izimbo zokuncwasa kwenza udume kakubi.

    “Umntu owenza izimbo zokuncwasa ubonakala njengomntu ongazithembanga okanye ongakhulanga. Uye uvakalelwe kukuba akanyanisekanga kuwe ibe ikho into ayifunayo.”​—UJeremy.

    IBhayibhile ithi: “Uthando . . . alufuni ezalo izilangazelelo.”​—1 Korinte 13:4, 5.

    Khawucinge ngoku: Luhlobo olunjani lamazwi okanye izenzo ezinokukwenza udume njengomntu onezimbo zokuncwasa?

  • Ukuba nezimbo zokuncwasa kunokumkhathaza umntu ozibonakalisa kuye.

    “Ukuba ndidibana nomntu onezimbo zokuncwasa, ndiye ndingafuni ukuba kuloo ndawo akuyo. Iba ngathi esona sizathu sokuba athethe nam kukuba nje ndiyintombazana. Abantu abancwasayo abanaxesha lam; eyona nto bayifunayo kukuziva bengabantu.”​—UJaqueline.

    IBhayibhile ithi: “Ngamnye makafune, kungekhona ingenelo yakhe, kodwa eyomnye umntu.”​—1 Korinte 10:24.

    Khawucinge ngoku: Ngaba wakha wacinga ukuba umntu othile unomdla kuwe kube kungekho njalo? Ukuba yakha yenzeka loo nto, wavakalelwa njani? Ungakuphepha njani ukukhathaza omnye umntu ngaloo ndlela?

  • Ukuncwasa kungakwenza uphoswe ngamathuba okufumana umntu okuthanda nyhani.

    “Andinakutshata okanye ndithandane nomntu othanda ukwenza izimbo zokuncwasa. Ndingamthemba njani umntu owenza ngathi unomdla abe angenawo?”​—UOlivia.

    EBhayibhileni, umdumisi uDavide uthi: “Andingeni kwabo bazifihlayo oko bakuko.”​—INdumiso 26:4.

    Khawucinge ngoku: Uba ngumntu onjani umntu othanda ukwenza izimbo zokuncwasa? Ngaba ufuna ukuthandana nomntu onjalo?