Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingenza Njani Ukuze Ndingacingi Ngezinto Ezikhathazayo?

Ndingenza Njani Ukuze Ndingacingi Ngezinto Ezikhathazayo?

 Ucinga ukuba ungumntu onjani?

  •   Ukuba Nethemba

     “Ndiye ndizame ukuba ndihlale ndonwabile ibe kungabikho nto indikhathazayo. Ndiyakuthanda ukuncuma ndize ndonwabe yonke imihla.”—UValerie

  •   Ukuphelelwa lithemba

     “Xa kusenzeka into entle ndiye ndicinge ukuba ayonyani.”—URebecca

  •   Ukuzijonga izinto ngale ndlela ziyiyo

     “Ukuba ndisoloko ndinethemba ndiye ndikhathazeke xa izinto zingenzeki ngale ndlela bendilindele ngayo yaye ukuba ndiphelelwa lithemba loo nto ayindonwabisi. Ukuzijonga izinto ngale ndlela ziyiyo kuyandinceda.”—UAnna

 Kutheni kubalulekile oko?

 IBhayibhile ithi, umntu “onentliziyo evuyayo uhlala enetheko.” (IMizekeliso 15:15) Kuyacaca ukuba bayonwaba abantu abangacingi ngendlela engafanelekanga, Kodwa abacinga ngendlela efanelekileyo baba neetshomi ezininzi. Xa umntu esoloko equmbile akukho mntu ukuthandayo ukuhlala naye

 Sekunjalo, enoba ungumntu ohlala unethemba zikhona izinto ezinzima ezinokwenzeka ebomini bakho. Ngokomzekelo:

  •   Ngokomzekelo ezindabeni sisoloko sisiva iindaba ezithetha ngeemfazwe, ubundlobongela nolwaphulo-mthetho.

  •   Kusenokubakho iingxaki kwintsapho yakho.

  •   Kusenokufuneka ulwe nokungafezeki.

  •   Itshomi yakho isenokuthetha okanye yenze into ekukhathazayo

 Kunokuba ungazihoyi ezi ngxaki okanye uzikhathaze ngazo, zama ukuzibona ngale ndlela ziyiyo. Xa uzenza ngaloo ndlela izinto, uza kutsho ungacingi ngendlela engafanelekanga, uze ukhathazeke kodwa ubamkele ubomi ngale ndlela buyiyo.

Unako ukumelana neengxaki zobomi uqinisekile ukuba ekugqibeleni kuza kulunga

 Oko unokukwenza

  •   Zijonge iimpazamo zakho ngale ndlela ziyiyo.

     IBhayibhile ithi: “Akukho mntu wenza izinto ezilungileyo emhlabeni angaze enze impazamo.” (INtshumayeli 7:20, Good News Translation) Ukuzivuma iimpazamo kuthetha ukuba ungumntu akuthethi ukuba akukho nto ukhe uyenze kakuhle.

     Zibone izinto ngale ndlela ziyiyo: Zama ukulungisa iimpazamo zakho, kodwa ungalindeli ukuba izinto ziza kusoloko zisenzeka kakuhle. Ndiye ndizame ukuba ndingacingi kakhulu ngeempazamo zam ukuze ndingatyhafi, kodwa ndiye ndizame indlela endinokwenza bhetele ngayo.” UCaleb.

  •   Sukuzithelekisa nabanye

     IBhayibhile ithi: “Masingaziphakamisi singakhuphisani nabanye abantu, singamonelani.” (Galati 5:26) Ukubuka iifoto ezikwiiwebhsayithi zokuncokola zepati ongakhange umenywe kuyo, kunokukwenza uzive unomsindo, ukhathazekile. Loo nto inokukwenza ucinge ukuba abahlobo bakho abasakuthandi.

     Zibone izinto ngale ndlela ziyiyo: Yamkele into yokuba awuzukumenywa kuzo zonke iipati. Ibe iiwebhsayithi zokuncokola azibonisi yonke into eqhubekayo ebomini bomntu. UAlexis oselula uthi: “Kwezi webhsayithi zokuncokola abantu babonisa izinto ezibahambela kakuhle kungekhona iingxaki abanazo ebomini.”

  •   Yenza kubekho uxolo kokwenu.

     IBhayibhile ithi: “Zamani kangangoko ninako ukuba seluxolweni nabantu.” (Roma 12:18) Awunokukwazi ukutshintsha indlela abazenza ngayo izinto abantu, kodwa wena unako ukutshintsha. Unokukhetha ukwenza uxolo.

     Zibone izinto ngale ndlela ziyiyo: Zama ukuba kungabikho ngxabano kokwenu njengokuba usenza kwiitshomi zakho. UMelinda oselula uthi: “Kuba sisenza izinto ngendlela engafaniyo ngamanye amaxesha siza kukhathazana. Kufuneka sizame ukukhetha ukuba noxolo.”

  •   Yiba Nombulelo.

     IBhayibhile ithi: “Hlalani nibulela.” (Kolose 3:15) Ukuba nombulelo kuza kukunceda ujonge izinto ezihamba kakuhle ebomini bakho kunokuba ujonge ezingahambi kakuhle.

     Zibone izinto ngale ndlela ziyiyo: Usenokucinga ngeengxaki zakho, kodwa ungazilibali izinto ezintle ezenzekayo ebomini bakho. Intombazana encinci egama linguRebecca ithi: “Ndinencwadi encinci endibhala kuyo yonke into entle eyenzekileyo ebomini bam ndifuna ukuzikhumbuza ukuba enoba zikhona iingxaki kukho izinto ezintle endimele ndicinge ngazo

  •   Bakhethe abahlobo bakho.

     IBhayibhile ithi: “Ukuba nabahlobo abangalunganga, konakalisa imikhwa elungileyo.” (1 Korinte 15:33) Xa uhlala nabantu abagxekayo, loo nto ingakosulela nawe.

     Zibone izinto ngale ndlela ziyiyo: Ngamanye amaxesha iitshomi ziza kuba neengxaki eziza kuzenza zikhathazeke, zincede kodwa ungavumeli iingxaki zazo zikukhathaze. Ibhinqa elinguMichelle lithi: “Asimele sihlale nabantu abaza kumosha indlela esicinga ngayo.”

 Funda izinto eziza kwenza ucinge kakuhle

 IBhayibhile ithi siphila ‘kumaxesha ekunzima ukuwanyamezela.’ (2 Timoti 3:1) Ngaba kunzima kuwe ukucinga ngezinto ezintle kweli hlabathi libi kangaka? “Kutheni Kusenzeka Izinto Ezimbi?