Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Ndifanele Ndinyaniseke?

Kutheni Ndifanele Ndinyaniseke?

 Isizathu sokuba abanye abantu banganyaniseki

Kwihlabathi lanamhlanje, ukunyaniseka kusenokubonakala kuyingxaki. Kambe ke, abanye basenokuthi:

  • ‘Ukuba ndiyabaxokisa abazali bam, baye bandibekele imiqathango kwizinto endizithandayo.’

  • ‘Ukuba andikopi kwezi mviwo, ndisenokutshona.’

  • ‘Ukuba andiyibi le nto, kuza kufuneka ndigcine imali ukuze ndiyifumane.’

Abanye basenokubuza bathi: ‘Yintoni embi ngaloo nto? Wonk’ umntu akanyanisekanga, andithi?’

Impendulo kulo mbuzo nguhayi. Abantu abaninzi kuquka ulutsha oluninzi lukholelwa ekubeni ukunyaniseka kunomvuzo ibe lunezizathu ezihle zokuba lutsho. IBhayibhile ithi: “Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.” (Galati 6:7) Ngamanye amazwi, izenzo zethu zisoloko zinemiphumo—enoba mihle okanye mibi.

Khawuve ngokomzekelo, eminye yemiphumo emibi abantu abaye bayivuna ngenxa yokuxoka.

Andizange ndithethe inyani xa uMama wandibuza ngomfana endandincokola naye. Wayenobungqina obucacileyo bokuba ndiyaxoka. Emva kwesihlandlo sesithathu ndimxokisile, uMama wacaphuka kakhulu. Ndabekelwa imiqathango yokungasebenzisi iselfowuni kangangeeveki ezimbini okanye ukungabukeli i-TV inyanga yonke. Zange ndiphinde ndibaxokise abazali bam!”—UAnita

Khawucinge ngoku: Kutheni kusenokuthatha ixesha ukuba uAnita aphinde athenjwe ngumama wakhe?

IBhayibhile ithi: “Ekubeni nikulahlile ukuxoka, ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe.”—Efese 4:25.

Ndabaxokisa abazali bam ndaza ndacinga ukuba akhonto iza kwenzeka, de kwalixesha apho bandikhumbuza khona ngento endandithe yenzekile. Ndandixoka nyhani, kangangokuba andizange ndizikhumbule iinkcukacha zento endandiyithethile. Ukuba ungumntu othetha inyani, awubi nayo le ngxaki!”—UAnthony.

Khawucinge ngoku: Ngewayekuphephe njani uAnthony ukuphoxeka okungaka?

IBhayibhile ithi: “Imilebe exokayo iyinto ecekisekayo kuYehova, kodwa abo bathembekileyo uyakholiswa ngabo.”—IMizekeliso 12:22.

“Ndinomhlobo ozibaxayo izinto xa ethetha ibe ngenxa yoko, ude athethe izinto eziphum’ emxholweni. Ndiyamthanda, ngoko ndiye ndizame ukungayicingeli kakubi into ayithethayo. Kodwa kunzima ukumkholelwa okanye ukumthemba.”—UYvonne.

Khawucinge ngoku: Ukubaxa izinto nokuxoka kungayichaphazela njani indlela umhlobo kaYvonne aziwa ngayo?

IBhayibhile ithi: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.

Isiseko esineentanda singasenza buthathaka sonke isakhiwo; ngendlela efanayo, ukunganyaniseki kungayonakalisa indlela owaziwa ngayo.

 Isizathu sokuba ukunyaniseka kunomvuzo

Ngoku khawukhe uhlolisise imiphumo emihle onokuyivuna xa unyanisekile.

“Ibhinqa elalihamba phambi kwam lawisa imali. Ndalikhwaza ndaza ndalinika imali yalo. Labulela kakhulu laza lathi: ‘Undincedile. Banqabile abantu abanyaniseke njengawe.’ Ndakuvuyela ukunconywa ngokwenza into entle!”—UVivian.

Khawucinge ngoku: Kutheni eli ibhinqa kusenokwenzeka ukuba lothuka kukubona ukunyaniseka okungaka? Ukunyaniseka kwamnceda njani uVivian?

IBhayibhile ithi: ‘Banoyolo abo benza ubulungisa lonke ixesha.’—INdumiso 106:3.

“Njengentsapho, sineshishini lokucoca yaye maxa wambi ngoxa sicoca iofisi, sidla ngokubona imali phantsi. Xa sibona loo mali, siye siyichole size siyibeke phezu kwetafile ekufutshane. Omnye wabasebénzi wayedikiwe yindlela esasinyaniseke ngayo. Wathi: ‘Yimadlana nje le!’ Kodwa yazi yintoni? Wayesoloko esithembile.”—UJulia.

Khawucinge ngoku: Ukunyaniseka kukaJulia kwakunokuvuzwa njani xa kufuneka enconyelwe ukuze afumane omnye umsebenzi?

IBhayibhile ithi: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto.”—2 Timoti 2:15.

“Ndahlawulwa umvuzo weeyure eziyi-80 endaweni yeziyi-64. Nakubeni kwakunokuba kuhle ukuyithatha loo mali, ndandingenako ukuyenza loo nto. Ndayibuyisela kumphathi wezimali ibe wabulela kakhulu. Inkampani yayiphumelele, kodwa ndandingenakukwazi ukugcina imali endandingayisebenzelanga.”—UBethany

Khawucinge ngoku: Ngaba ukuba imali emsebenzini kungcono kunokuyiba emntwini?

IBhayibhile ithi: “Kuba umntu otenxayo uyinto ecekisekayo kuYehova, kodwa ukusondelelana naye kokwabo bathe tye.”—IMizekeliso 3:32.