Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kuthekani Ukuba Ndiyagula? (Inxalenye 2)

Kuthekani Ukuba Ndiyagula? (Inxalenye 2)

Izigulo ziyahlukahlukana.

  • Abanye abantu bayabonakala ukuba bayagula, ngoxa abanye bengabonakali.

  • Ezinye izigulo iba zezokwexeshana ukanti ezinye azinyangeki.

  • Ezinye zisenokunyangeka okungenani zinyamezeleke, ngoxa ezinye zibambi kangangokuba zide zisongele nobomi bomntu.

Ulutsha lujamelana nazo zonke izigulo ezichazwe apha. Kweli nqaku, uza kufunda ngabane abaye bajamelana nezi zigulo.

 UGUÉNAELLE

Kunzima gqitha kum ukwamkela into yokuba kukho izinto endingakwaziyo ukuzenza. Zininzi izinto endifuna ukuzenza, kodwa ngenxa yesigulo andikwazi ukuzenza.

Ndinesigulo esiyimotor-neuromuscular disorder esibangela ukuba ingqondo yam idlulisele inkcazelo engachananga emzimbeni. Amanye amalungu omzimba ukususela entloko ukusa ezinzwaneni ayangcangcazela okanye angasebenzi. Kunzima ukwenza izinto eziqhelekileyo njengokushukuma, ukuthetha, ukufunda, ukubhala nokuqonda oko kuthethwa ngabanye. Xa kunzima kakhulu, abadala bebandla endikulo badla ngokuthandaza kunye nam. Xa besenjenjalo, ndiye ndizive ndingcono.

Ndivakalelwa kukuba, nabuphi na ubunzima endijamelana nabo, uYehova uThixo usoloko ekunye nam. Andifuni ukuba isigulo endinaso sindithintele ekukhozeni uYehova. Eyona nto iphambili kum kukunceda abanye bafunde ngamathemba aseBhayibhileni okuba kungekudala uYehova uza kwenza umhlaba ube yiparadesi, apho ukubandezeleka kungasayi kuphinda kube khona.​—ISityhilelo 21:1-4.

Into onokucinga ngayo: Ziziphi iindlela onokuthi njengoGuénaelle, ubonise ngazo uthando kwabanye?​—1 Korinte 10:24.

 UZACHARY

Xa ndandina-16, ndachazelwa ukuba ndinesifo somhlaza wengqondo. Oogqirha bandixelela ukuba ndisalelwe ziinyanga ezisibhozo ndife. Ukususela ngoko ubomi bam bebunzima gqitha.

Ngenxa yendawo awayekuwo la mathumba, ngoku ndife icala lasekunene. Ekubeni kunzima ukuhamba, ndisoloko ndinomntu ondincedayo endlini.

Isigulo endinaso sihambele phambili kangangokuba kunzima nokuthetha kakuhle. Bendiyithanda imidlalo enjengewaterskiing, ibasketball nevolleyball. NjengeNgqina likaYehova, bendisiya rhoqo entsimini. Abantu abaninzi abakuqondi ukuba kunjani ukungakwazi ukwenza izinto obuthanda ukuzenza.

Amazwi akuIsaya 57:15 andikhuthaza kakhulu, kuba andiqinisekisa ukuba uYehova uThixo ukunye nabo ‘bamoya utyumkileyo’ yaye undikhathalele. Kwakhona kuIsaya 35:6 uYehova uthembisa ukuba ndiza kuhamba kwakhona ndize ndimkhonze ndiphile qete.

Nangona ngamanye amaxesha kuba nzima ukujamelana nesi sigulo ndinaso, ndiqinisekile ukuba uYehova uyandixhasa. Ngomthandazo, ndisoloko ndinomntu endithetha naye ngokukodwa xa ndityhafile okanye ndisoyika. Ayikho into enokundahlukanisa noYehova.​—Roma 8:39.

UZachary usweleke ena-18, kwiinyanga nje ezimbini emva kokuba kwenziwe udliwano-ndlebe kunye naye. Ingqiniseko awayenayo ngethemba lovuko kwabafileyo, ayizange itshintshe de kwasekufeni kwakhe.

Into onokucinga ngayo: Umthandazo ungakunceda njani njengoZachary, ukuba uhlale umthanda uThixo?

 UANAÏS

Ndiseyimveku, ndaba nesifo sengqondo esandishiya ndikhubazekile, ingakumbi emilenzeni.

Ngoku ndisebenzisa iwalker ukuhamba imiganyana, kodwa ixesha elininzi ndisebenzisa isitulo esinamavili. Ndinayo nengxaki yokuqinelwa zizihlunu eyenza kube nzima ukwenza imisebenzi eqhelekileyo, njengokubhala.

Ngaphandle nje kokuxinezeleka ngenxa yemeko yam, nonyango ikwalucelomngeni. Kangangamatyeli aliqela evekini kukho umntu ondolula umzimba. Xa ndandineminyaka emihlanu ndenziwa utyando lokuqala, ibe ukususela ngoko ndaphinda ndatyandwa izihlandlo ezithathu. Izihlandlo ezibini zokugqibela zazinzima kakhulu ndichachela kude nekhaya kangangeenyanga ezintathu.

Intsapho yasekhaya iye yandinceda kakhulu. Sihleka kunye, nto leyo endincedayo xa ndidimazekile. Umama kunye noodadewethu babendinxibisa, ekubeni kwakunzima kum. Ndibuhlungu kuba ndingakwazi ukuchophisa. Kodwa ndakha ndazinxiba ndisemncinci ndikhasa ngazo ndizinxibe ezandleni yaye sasisoloko siyihleka loo nto.

Isigulo sam andisivumeli ukuba sibe yeyona nto ibalulekileyo ebomini bam. Ndifunda ukuthetha ezinye iilwimi. Ndiyaqubha, ekubeni ndingakwazi ukwenza eminye imidlalo enjengesurfing nesnowboarding. NjengeNgqina likaYehova, ndiyakuthanda ukuncokola nabanye ngeenkolelo zam. Abanye abantu baba nomdla xa ndithetha nabo.

Abazali bandifundisa ndisemncinci ukuba isigulo sam sesokwexeshana. Ukususela ngoko, ndiye ndanokholo kuYehova nesithembiso sakhe sokuphelisa konke ukubandezeleka noku kwam. Ngoku ndinamandla okuqhubeka nobomi.​—ISityhilelo 21:3, 4.

Into onokucinga ngayo: Ziziphi iindlela onokuthi njengoAnaïs, ungavumeli ukugula kulawule ubomi bakho?

 UJULIANA

Ndinesigulo esibuhlungu esibizwa ngokuba yiautoimmune disorder esichaphazela intliziyo, imiphunga kunye negazi. Ngoku sele sichaphazele nezintso zam.

Ndandineminyaka elishumi xa kwafunyaniswa ukuba ndinesifo ekuthiwa yilupus, esasindenza ndiqaqanjelwe, ndityhafe ndize nditshintshatshintshe indlela endivakalelwa ngayo. Ngamanye amaxesha, ndiye ndizive ndingento yanto.

Xa ndandina-13, elinye iNgqina likaYehova lankqonkqoza ekhaya. Landifundela incwadi kaIsaya 41:10 apho uYehova athi: “Musa ukoyika, kuba ndinawe. . . . Ndiza kukubamba nkqi ngokwenene ngesandla sam sasekunene sobulungisa.” Ndaqala ngoko ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ngoku, emva kweminyaka esibhozo, ndikhonza uThixo ngentliziyo yam yonke, ibe ndizimisele ukungavumeli isigulo silawule ubomi bam. Ndivakalelwa kukuba uYehova undinike “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” ukuze ndikwazi ukuhlala ndinesimo sengqondo esifanelekileyo.​—2 Korinte 4:7.

Into onokucinga ngayo: UIsaya 41:10 angakunceda njani ukuba uhlale unesimo sengqondo esifanelekileyo njengoJuliana?