Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Ndimele Ndibhaptizwe? —Inxalenye 2: Ukulungiselela Ukubhaptizwa

Ngaba Ndimele Ndibhaptizwe? —Inxalenye 2: Ukulungiselela Ukubhaptizwa

 Ukuba uyayenza into ethethwa yiBhayibhile ibe uzenzela ubuhlobo noThixo, kusenokwenzeka ukuba ucinga ngokubhaptizwa. Uzazi njani ukuba ukulungele? a

Kweli nqaku kuza kuphendulwa le mibuzo ilandelayo:

 Kufuneka ndibe nolwazi olungakanani?

 Ukulungiselela ukubhaptizwa akuthethi kuthi umele wazi yonke into ngentloko njengaxa ufuna ukupasa esikolweni. Sekunjalo, ukuze uqiniseke ukuba izinto ezibhalwe eBhayibhileni ziyinyani, kuza kufuneka ‘uqeqeshe amandla akho okuqonda.’ (Roma 12:1) Ngokomzekelo:

 Ndimele ndenze ntoni?

 Awumelanga ube ngumntu ongazenziyo iimpazamo ukuze ubhaptizwe. Sekunjalo, umele ubonise ukuba ukufuna nyhani ‘ukusuka kwizinto ezimbi uze wenze ezilungileyo.’ (INdumiso 34:14) Ngokomzekelo:

  •   Ngaba uphila ngendlela uYehova afuna uphile ngayo?

     IBhaybhile ithi: “Yibani nesazela esilungileyo.”—1 Petros 3:16.

     Khawuzibuze: ‘Ndiye ndabonisa njani ukuba ‘ingqondo yam iqeqeshekile ukuze ikwazi ukwahlula phakathi kokulungileyo nokubi?’ (Hebhere 5:14) ‘Ngaba akhona amaxesha endikhe ndangazenzi izinto ezimbi nangona oontanga bam bebendinyanzela ukuba ndizenze?’ ‘Ngaba iitshomi zam zindinceda ndenze izinto ezilungileyo?’—IMizekeliso 13:20.

     Ngaba ufuna uncedo? Funda inqaku elithi: “Ndingasiqeqesha Njani Isazela Sam?

  •   Ngaba uyaqonda ukuba uza kuziphendulela kuYehova ngezinto ozenzayo?

     IBhaybhile ithi: “Ngamnye wethu uza kuziphendulela kuThixo.”—Roma 14:12.

     Khawuzibuze: ‘Ngaba ndinyanisekile kwisiqu sam nakwabanye abantu?’ (Hebhere 13:18) ‘Ngaba iimpazamo zam ndiyazivuma okanye ndiyazifihla ndize ndityhole abanye abantu xa ndizenzile?’—IMizekeliso 28:13.

     Ngaba ufuna uncedo? Funda inqaku elithi: “Yintoni Enokundinceda Xa Ndenze Iimpazamo?

  •   Ngaba uzenzela ubuhlobo obusondeleyo noYehova?

     IBhaybhile ithi: “Sondelani kuThixo, naye uza kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.

     Khawuzibuze: ‘Yintoni endiyenzayo ukuze ndibe nobuhlobo obusondeleyo noYehova?’ Ngokomzekelo, ‘Ndiyifunda kangaphi iBhayibhile?’ (INdumiso 1:1, 2) ‘Ngaba ndithandaza qho?’ (1 Tesalonika 5:17) Ngaba ndithandazela izinto endizifunayo?’ Ngaba iitshomi zam ziyamkhonza uYehova?’—INdumiso 15:1, 4.

     Ngaba ufuna uncedo? Funda inqaku elithi: “Ingandinceda Njani IBhayibhile—Inxalenye 2: Konwabele Ukufunda IBhayibhile” nelithi: “Kutheni Ndimele Ndithandaze?

 ICEBISO: Ukuze ulungiselele ukubhaptizwa, funda Isahluko 37 sencwadi ethi: “Abantu Abaselula Bayabuza—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2.” Sebenzisa kakhulu izinto ezikwiphepha 308 ukuya ku-309.

a Funda inqaku elithi: “Ngaba Ndimele Ndibhaptizwe—Inxalenye 1” elithetha ngokubaluleka kokuzinikela kuThixo uze ubhaptizwe.