Yiya kwinkcazelo

‘Shumayela Iindaba Ezilungileyo!’

Indibano YamaNgqina KaYehova Ka-2024

Kungenwa simahla Akuqokelelwa nkongozelo

Kwezi ntsuku zintathu kuza kuthethwa:

NgoLwesihlanu: Siza kubona ubungqina bokuba indlela iincwadi zeVangeli ezizichaza ngayo iindaba ezilungileyo ezingoYesu ichanile. Sifunde nendlela ezi ncwadi zeBhayibhile ezinokusinceda ngayo thina namhlanje.

NgoMgqibelo: Kwaprofetwa kwathiwani ngokuzalwa nokukhula kukaYesu, ibe ngaba ezo ziprofeto zenzeka?

NgeCawa: Kwintshumayelo yeBhayibhile enomxholo othi, “Kutheni Singazoyiki Nje Iindaba Ezimbi?” siza kufunda ngokuba kutheni iimiliyoni zabantu zinokuziva zikhuselekile futhi zinethemba nangona eli hlabathi lisiya lisiba libi.

Idrama YeBhayibhile

Ibali Elingobulungiseleli BukaYesu: Ividiyo 1

Okona Kukhanya Kokwenene Kwehlabathi

Ukuzalwa kukaYesu ngommangaliso yenye yezinto ezibangela umdla ezenzekayo xa wayekhula. Wayezingelwa nguKumkani ongumbulali ibe wasiwa eYiputa. Emva koko, wothusa abefundisi abaziwayo bexesha lakhe. Bukela zonke ezi zinto nezinye xa zisenzeka kwiziqendu ezibini eziza kudlala ngoLwesihlanu nangoMgqibelo.

Bukela ezi vidiyo zilandelayo zithetha ngendibano yonyaka ozayo

Kwenziwa Ntoni Kwiindibano Zethu?

Yiva ukuba yintoni onokuyilindela kwindibano yamaNgqina kaYehova.

Indibano Yengingqi YamaNgqina KaYehova Ka-2024 : ‘Shumayela Iindaba Ezilungileyo!’

Jonga izinto esiza kuzifunda kwindibano yalo nyaka.

Idrama YeBhayibhile: Ibali Elingobulungiseleli BukaYesu

Abantu abaninzi bayayazi indlela uYesu awazalwa ngayo ngommangaliso. Kodwa zeziphi izinto ezenzeka ngaphambi nasemva kokuba ezelwe?