Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Kunyanzelekile Kubekho Imithetho Ekhaya?

Ngaba Kunyanzelekile Kubekho Imithetho Ekhaya?

Ngaba kukho umthetho wasekhaya ekunzima ukuwuthobela? Eli nqaku lihamba nephepha onokubhala kulo liza kukunceda ukwazi ukuthetha nabazali bakho ngawo.

 Indlela efanelekileyo yokujonga izinto

Ubuxoki: Xa uphuma ekhaya, akho nto iza kuphinda ikudibanise nemithetho.

Inyaniso: Ayipheli imithetho xa ushiya ikhaya. Uya kusoloko ekhona umntu ekufuneka umthobele—mhlawumbi umqeshi, umntu orenta kuye okanye urhulumente. UDanielle ona-19 uthi: “Ndicinga ukuba ulutsha olungakwaziyo ukuthobela imithetho yasekhaya ngoku luza kothuka xa luzihlalela.”

IBhayibhile ithi: “Bathobele oorhulumente namagunya.” (Tito 3:1) Xa ufunda ukuyithobela ngoku imithetho yabazali bakho, loo nto iza kukunceda ukwazi ukumelana nezinye iimeko oza kudibana nazo xa umdala.

Oko unokukwenza: Zama ukujonga izinto ezikuncedayo ngalo mthetho. Umfana onguJeremy uthi: “Imithetho yabazali indincede ndafunda indlela yokukhetha abahlobo nokulisebenzisa kakuhle ixesha. Kwakhona, le mithetho indincede ukuba ndingachithi ixesha lam elininzi kwiTV nakwimidlalo yeevidiyo kodwa ndenze izinto ezibalulekileyo—ezinye zazo ndisazithanda nangoku.”

 Indlela efanelekileyo yokuthetha

Kodwa kuthekani ukuba lo mthetho awuvakali ncam? Ngokomzekelo, intombazana enguTamara ithi: “Abazali bam bandivumela ukuba ndiye kwelinye ilizwe, ngoku ndibuyile, abandivumeli ukuba ndihambe ngemoto ndiye kwidolophu ekwalapha kufutshane!”

Ukuba ukwimeko efanayo, ngaba ikhona into ephosakeleyo ngokuthetha nabazali bakho ngalo mthetho? Ayikho! Eyona nto ibalulekileyo kukwazi ukuba ungathetha nini yaye njani nabo.

Nini. UAmanda ofikisayo uthi: “Kuxa uzenze wathenjwa ngabazali bakho kuphela apho unokukwazi ukubacela ukuba bawutshintshe umthetho.”

Intombazana enguDaria iyakungqina oko. Ithi: “Umama wavuma ukuwutshintsha xa ebona ukuba ndiqhubeka ndithobela.” Ungalibali ukuba, awusuki nje uthenjwe kodwa kufuneka usebenze nzima.

Ukuphila kwikhaya elinguvula-zibhuqe kufana nokwehlisela inqwelo-moya kwisikhululo seenqwelo-moya apho ingathotyelwayo imithetho

IBhayibhile ithi: “Gcina umyalelo kayihlo, ungawushiyi umthetho kanyoko.” (IMizekeliso 6:20) Xa uthobela lo myalelo, abazali bakho baza kukuthemba nangakumbi uze ukwazi ukuncokola nabo ngale mithetho.

Njani. USteven oselula uthi: “Endaweni yokusoloko ukhalaza uphendulana nabazali bakho, thetha nabo ngembeko uzolile.

UDaria, ekuthethwe ngaye ngaphambilana, uyavuma. Uthi “Ukuphendulana nomama akutshintshi zinto. Endaweni yoko, ngamany’ amaxesha kuyenza nzima nangakumbi.”

IBhayibhile ithi: “Isiyatha sikhupha wonke umoya waso, kodwa isilumko siwugcina uzolile kude kuse ekupheleni.” (IMizekeliso 29:11) Xa ufunda ngoku ukuzibamba uza kuncedakala kakhulu kungekuphela nje ekhaya kodwa esikolweni, emsebenzini nakwezinye iindawo.

Oko unokukwenza: Cinga ngaphambi kokuba uthethe. Ukwaziwa njengomntu onokuthenjwa kunokuthi shwaka ngenxa nje yokuba nomsindo ongalawulekiyo. Yiloo nto iBhayibhile isithi: “Ozeka kade umsindo unokuqonda okuninzi.”—IMizekeliso 14:29.

Icebiso: Sebenzisa iphepha onokubhala kulo ukuze ucingisise ngale mithetho, yaye ukuba ubona kufanelekile ncokola nabazali bakho ngayo.