Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Ndifanele Ndiyeke Esikolweni?

Ngaba Ndifanele Ndiyeke Esikolweni?

 “Andisithandi isikolo!” Ukuba nawe uziva njalo, kungalula ukuba uzibone sele ufuna ukuyeka. Kweli nqaku, uza kufunda ngezinto onokuzenza.

 Kutheni abanye beyeka esikolweni

 Nazi izizathu eziye zafunyaniswa ngootitshala:

  •   Ukunzinyelwa esikolweni. ‘Andipasi esikolweni.’

  •   Ukungakhathali. ‘Andiyiboni ibalulekile into endiyifunda esikolweni.’

  •   Iingxaki zemali. ‘Kufuneka ndisebenze ukuze ndincedise ekhaya.’

 Cinga ngemiphumo

 IBhayibhile ithi: “Umntu olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.” (IMizekeliso 14:15) Sifunda ntoni? Ukuba ucinga ngokuyeka esikolweni, cinga ngemiphumo.

 Zibuze:

  •   ‘Ukuba ndiyayeka esikolweni, ngaba kuza kuba lula ukuba ndifumane umsebenzi?’

     “Cinga ukuba ngenye imini kuza kufuneka usebenze uze wondle intsapho. Ungayenza njani loo nto ukuba abaqeshi abaninzi bafuna iziphumo zasesikolweni?”—UJulia.

  •   ‘Ukuba ndiyayeka esikolweni, ngaba ndiza kukwazi ukumelana neengxaki ezisenokuba khona?’

     “Isikolo sikulungiselela izinto oza kudibana nazo ebomini. Kwixesha elizayo abantu odibana nabo, izinto ezikusokolisayo, umsebenzi owenzayo, ziza kufana neengxaki obunazo esikolweni.”—UDaniel.

  •   ‘Ukuba ndiyayeka esikolweni, ngaba ndiza kuba nabo ubuchule endiza kubudinga xa ndimdala?’

     “Into oyifunda esikolweni isenokubonakala ingabalulekanga, kodwa xa sowubhajeta eyakho imali, uza kuthi ‘ndanceda ndimamele eklasini yeMaths.’—UAnna.

 Into ebhetele onokuyenza

  •   Cela uncedo. IBhayibhile ithi: “Kubakho impumelelo xa bebaninzi abacebisi.” (IMizekeliso 11:14) Ukuba awupasi esikolweni, cela umama, utata, okanye omnye umntu omdala akucebise ngenye indlela onokwenza ngayo ukuze uphucule.

     “Ukuba utsala nzima, thetha notitshala. Ngamanye amaxesha unokucinga ukuba ingxaki ikutitshala, kodwa ukuba ucela kuye uncedo unokuphucula.”—UEdward.

  •   Cinga ngendlela into oyifundayo eza kukunceda ngayo ebomini kwixesha elizayo. IBhayibhile ithi: “Kubhetele ukuphela kwento kunokuqalwa kwayo.” (INtshumayeli 7:8) Xa ugqiba esikolweni, awuzukwazi izinto ozifundileyo nje qha kodwa uza kuba neempawu nobuchule eziza kukunceda ebomini.

     “Kusenokungafuneki ubhale iiessay okanye ufundele ukubhala iimviwo, kodwa ukuba uyakwazi ukumelana nestres sasesikolweni, kuza kuba lula ukumelana nestres naxa umdala.”—UVera.

    Ukuyeka esikolweni, singakufanisa nokwehla esikhepheni singekamisi, kamva uyazisola!

  •   Cinga nangezinye izinto onokuzenza. IBhayibhile ithi: “Bonke abenza ngokungxama, nakanjani na baza kuphelela endlaleni.” (IMizekeliso 21:5) Sukukhawuleza ufune ukuyeka esikolweni. Ungakwazi ukufunda online okanye ufunde usekhaya.

     “Isikolo sikufundisa ukuba uzimisele, ukwazi ukulungisa iingxaki futhi usebenzisane nabanye. Awunakuzisola ngokufunda ugqibe.”—UBenjamin.

 Nantsi into ebalulekileyo: Xa ufunde wagqiba izinto ozifundileyo ziza kukunceda ubomi bakho bonke.