Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndinokuyinyamezela Njani Intlungu Yokuswelekelwa?

Ndinokuyinyamezela Njani Intlungu Yokuswelekelwa?

 Ngaba usandul’ ukuswelekelwa yitshomi okanye umntu ozalana naye? Ukuba kunjalo, eli nqaku lingakunceda ukwazi ukunyamezela intlungu okuyo

Kweli nqaku

 Ngaba ndibuhlungu kakhulu?

 Kubantu abaninzi intlungu yokuswelekelwa ithatha ixesha elide, ibe ayikhawulezi ukuphela.

 “Alupheli usuku ndingakhange ndicinge ngotamkhulu. Nangona sele kudlule iminyaka emibini waswelekayo, kusenzima kum ukuthetha ngaye ndingakhange ndikhale.”—UOlivia.

 “Umakhulu wayesoloko endikhuthaza ukuba ndizenze izinto endizifunayo ebomini kodwa akazange aphile ukuze azibone ndizenza. Ndiye ndikhathazeke kakhulu xa engekho ukuze avuyisane nam.”—UAlison

 Xa usentlungwini yokuswelekelwa, zininzi iindlela onokuziva ngazo. Ngokomzekelo:

 Xa kwafa uompi ndothuka ibe ndandingayikholelwa loo nto ixesha elide. Ndandiqala ukuswelekelwa ngumntu osondeleyo kum, ibe yaba ngathi nditshayiswe yitreyini.”—UNadine.

 “Xa kwasweleka utamkhulu ndaba nomsindo kuba wayengayihoyanga impilo yakhe nangona sasimcela ukuba ayihoye.”—UCarlos.

 “Xa kwasweleka utamkhulu ndim nosisi wam kuphela ababengekho. Emva koko ndaye ndaziva ndinetyala, kuba ndingakhange ndibekho emngcwabeni wakhe.”—UAdriana.

 “Abanye abantu abatshatileyo abasondelelene nentsapho yasekhaya basweleka kwingozi yemoto. Emva kwaloo nto, nanini na umntu wasekhaya esendleleni, ndiye ndoyike ndicinge ukuba angasweleka.”—UJared.

 “Xa umakhulu waswelekayo kwiminyaka emithathu eyadlulayo, ndazisola kuba ndingakhange ndichithe ixesha elaneleyo naye esaphila.”—UJulianna.

 Kubantu abaswelekelweyo kuyinto eqhelekileyo ukothuka, ukuba nomsindo, ukuzibek’ ityala, ukoyika, nokuzisola. Ukuba uziva ngenye yezi ndlela, ungaqiniseka ukuba ekuhambeni kwexesha kuza kuba ngcono. Okwangoku, ungayinyamezela njani intlungu yokuswelekelwa?

 Indlela yokunyamezela intlungu yokuswelekelwa

 Thetha netshomi. IBhayibhile ithi umhlobo wokwenene unokuthembela “kuye ngamaxesha anzima.” (IMizekeliso 17:17) Ukuthetha nomntu ngendlela oziva ngayo kungakwenza ufumane uncedo oludingayo.

 “Kuyinto eqhelekileyo ukuziva ubuhlungu. Ngamanye amaxesha ungafuna ukusoloko uhleli wedwa ude ucinge ukuba izinto asoze zibe bhetele. Ngoko kubalulekile ukuthetha nomnye umntu.”—UYvette.

 Zibhale phantsi izinto ozikhumbulayo ngomntu omthandayo. IBhayibhile ithi “umntu olungileyo ukhupha izinto ezintle kwizinto ezintle ebezigcine entliziyweni yakhe.” (Luka 6:45) Ungazibhala encwadini zonke izinto ezintle ozikhumbulayo.

 “Ndazibhala encwadini zonke izinto awandifundisa zona umhlobo wam esaphila ibe ziye zandinceda. Ukuzibhala kuye kwandinceda ndakwazi ukunyamezela intlungu yokuswelekelwa.”—UJeffrey.

 Yihoye impilo yakho. IBhayibhile ithi kuyanceda ukujima. (1 Timoti 4:8) Qiniseka ukuba utya ngendlela esempilweni ujime, uze uphumle ngokwaneleyo.

 “Xa usentlungwini awucingi kakuhle, ngoko qiniseka ukuba uhlala usempilweni. Kufuneka utye kakuhle uze ulale ngokwaneleyo.”—UMaria.

 Nceda abanye. IBhayibhile ithi: “Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.”—IZenzo 20:35

 “Zama ukwenzela abanye izinto, ingakumbi abo baye baswelekelwa. Ukwenza lento kuza kukunceda ubone ukuba nabanye bakwintlungu efanayo.”—UCarlos.

 Mxelele indlela oziva ngayo ngomthandazo. IBhayibhile imchaza uYehova uThixo ‘njengomamela imithandazo.’ (INdumiso 65:2) Kwakhona ithi uYehova “upholisa iintliziyo ezibuhlungu; ubopha amanxeba.”—INdumiso 147:3

 “Mcele uYehova akuxhase aze akukhuthaze. Iimini asoze zifane, kodwa uYehova usoloko enathi.”—UJeanette.

 Ungalindeli izinto ezingaphezu kwamandla akho. Khumbula ukuba abantu baba buhlungu ngendlela engafaniyo. IBhayibhile ithi uYakobi xa wayecinga ukuba unyana wakhe uswelekile “wayengavumi ukuthuthuzeleka.” (Genesis 37:35) Ungothuki xa ungayeki ukukhathazeka.

 “Kukho izinto eziye zindikhumbuze umakhulu nangona kwadlula iminyaka eyi-15 waswelekayo.”—UTaylor.

 Khawucinge xa unokophuka ithambo. Oko kungaba buhlungu ibe kungathatha ixesha ukuba liphole. Ugqirha usenokukunika amacebiso anokunceda uphole.

 Kunjalo naxa kufuneka kuphole “isilonda” sokuswelekelwa ngumntu omthandayo. Kuthatha ixesha ukuba bhetele kwentlungu yokuswelekelwa. Ngoko yiba nomonde. Jonga amacebiso akweli nqaku, ubone ukuba ngawaphi anokukukunceda.