Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingenza Njani Xa Ndiye Andawuthobela Umthetho Wabazali?

Ndingenza Njani Xa Ndiye Andawuthobela Umthetho Wabazali?

 Phantse zonke iintsapho zinemithetho njengexesha lokufika ekhaya, ukusetyenziswa kweteknoloji nendlela yokubaphatha kakuhle abanye abantu.

 Ungenza njani xa uye awawuthobela umthetho wabazali? Awunakuyitshintsha into eyenzekileyo, kodwa ungakwazi ukwenza ukuba izinto zingabi mbi kakhulu. Eli nqaku liza kusibonisa indlela yokukwenza oku.

 Into ongamele uyenze

  •   Ukuba abazali bakho abayazi ukuba umoshile usenokufuna ukuyifihla loo nto uyenzileyo.

  •   Ukuba bayayazi ukuba umoshile usenokufuna ukuzithethelela okanye utyhole omnye umntu.

 Ayikho nenye kwezi elungileyo. Ngoba? Ngenxa yokuba ukufihla into eyenzekileyo okanye ukutyhola abanye kukungakhuli. Loo nto ibonisa abazali bakho ukuba awukhulanga.

 “Ukuxoka akuncedi. Ekugqibeleni inyani iza kuvela ibe abazali baza kohlwaya kakhulu kuba ungabaxelelanga inyani kwasekuqaleni.”—UDiana.

 Indlela ebhetele

  •   Yivume into oyenzileyo. IBhayibhile ithi: “Umntu ozifihlayo izono zakhe akazukuphumelela.” (IMizekeliso 28:13) Abazali bakho bayayazi ukuba awufezekanga, kodwa balindele ukuba unyaniseke.

     “Ukuba uthetha inyani abazali bakho baza kukuxolela ibe loo nto iza kubenza bakuthembe ngakumbi.”—UOlivia.

  •   Cela uxolo. IBhayibhile ithi: “Nimele nithobelane.” (1 Petros 5:5) Ukuze ukwazi ukucela uxolo, ungazithetheleli, kufuneka uthobeke.

     “Abantu abasoloko bezithethelela baye bangaziboni xa benze into erongo. Ekugqibeleni ukwenza into erongo kuye kungabakhathazi.”—UHeather.

  •   Yamkele imiphumo. IBhayibhile ithi: “Yimamele ingqeqesho.” (IMizekeliso 8:33) Kuphephe ukukhalaza uze wamkele nasiphi na isohlwayo osifumana ebazalini.

     “Xa usikhalazela isohlwayo osifumeneyo, izinto ziza kuba mbi kakhulu.Zama ukusamkela isohlwayo ungajongi into ekulahlekeleyo.”—UJason.

  •   Zama ukuphinda uthenjwe. IBhayibhile ithi: “Nibulahle ubuntu obudala obuvumelana nendlela enaniziphethe ngayo ngaphambili.” (Efese 4:22) Yenza izigqibo ezilungileyo ukuze baphinde bakuthembe abazali.

     “Xa uqhubeka usenza izigqibo ezilungileyo uze ubabonise abazali ukuba awuzukuphinda wenza loo mpazamo baza kuphinda bakuthembe.”—UKaren.

 ICEBISO: Yenza izinto eziza kubangela ukuba abazali baphinde bakuthembe. Ngokomzekelo, baxelele ukuba usendleleni ebuyayo—enoba awuzukufika emva kwexesha. Loo nto iza kubanceda baqonde ukuba ufuna baphinde bakuthembe.