Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndinokuvana Njani Nabazali Bam?

Ndinokuvana Njani Nabazali Bam?

 Imibuzo ngokuxabana

  • Nguwuphi umzali osoloko uxabana naye?

    • Ngutata

    • Ngumama

  • Nixabana kangaphi nalo mzali?

    • Asifane

    • Manqaphanqapha

    • Qho

  • Nidla ngokuxabana kangakanani?

    • Siye sikhawuleze siyilungise size sibe seluxolweni.

    • Siye siyilungise kodwa emva kokuba sixambulisene.

    • Asiyilungisi nasemva kokuba siye saxambulisana.

Ukuba awuvani nabazali bakho, usenokucinga ukuba ngabo ekufuneka benze okuthile ukuze balungise ingxaki. Kodwa ke, njengoko siza kubona, zikhona izinto ekufuneka zenziwe nguwe ukuze ningasoloko nixabana. Makhe siqale sithethe ngale nto . . .

 Isizathu sokuxabana

  • Indlela ocinga ngayo. Njengoko ukhula, uqalisa ukucinga ngakumbi ngezinto kunokuba kwakunjalo ngoxa wawusengumntwana. Kwakhona uqalisa ukuba neengongoma ezinamandla—ezisenokungqubana nezo zabazali bakho. Sekunjalo, iBhayibhile ithi: “Beka uyihlo nonyoko.”—Eksodus 20:12.

    Inyani engenakuphikwa: Kufuna ukukhula nobuchule ukwala ngaphandle kokuxabana.

  • Ukuzimela. Njengoko ukhula, abazali bakho basenokukunika inkululeko engakumbi. Ingxaki isekuthini, basenokungakuniki eninzi ngale ndlela ufuna ngayo okanye basenokungakhawulezi bakunike ngexesha oyifuna ngalo—ibe loo nto inokubangela ukuba nixabane. Sekunjalo, iBhayibhile ithi: ‘Bathobele abazali bakho.’—Efese 6:1.

    Inyani engenakuphikwa: Amaxesha amaninzi, ubungakanani benkululeko oyifumana kubazali buxhomekeke kwindlela oyisebenzisa ngayo le sele uyinikiwe.

 Oko unokukwenza

  • Dlala eyakho indima. Kunokuba uhlale ubek’ ityala abazali bakho ngenxa yokuxabana kwenu, jonga oko unokukwenza ukuze wenze uxolo. Ityendyana elinguJeffrey lithi: “Akusoloko ikukuthetha kwabazali okubangela ingxabano kodwa yindlela ophendula ngayo edla ngokuxabanisa. Ukuthetha kakuhle uzolile kuyanceda ekuthothiseni ingxabano.”

    IBhayibhile ithi: “Zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo.”—Roma 12:18.

  • Phulaphula. USamantha ona-17 uthi: “Ndifumanise ukuba kunzima ukuyenza ke le nto. Kodwa xa abazali bebona ukuba uyabaphulaphula, kulula ukuba bakuphulaphule nabo.”

    IBhayibhile ithi: ‘Khawuleza ukuva, ucothe ukuthetha.’—Yakobi 1:19.

    Ukuxambulisana kufana nomlilo—ukuba awulawulwa, unokonakalisa

  • Sebenzisana nabo. Lungisa ingxaki ngendlela ubuya kwenza ngayo xa nidlala intenetya. Abazali bakho bakwiqela lakho, ingxaki liqela enidlala nalo. Ityendyana elinguAdam lithi: “Kwingxabano, umzali ufuna umntwana enze ngale ndlela acinga ukuba imlungele ngoxa naye umntwana enendlela yakhe acinga ukuba imlungele. Kona kona, inye le nto bayifunayo.”

    IBhayibhile ithi: “Masisukele izinto ezisingisa eluxolweni.”—Roma 14:19.

  • Bacingele. USarah uthi: “Ndikufumanise kunceda ukukhumbula ukuba kufuneka bamhokamhokane neengxaki zabo, ezinkulu kakhulu kunezethu.” Ibhinqa eliselula elinguCarla longezelela ngokuthi: “Ndiye ndizifake ezihlangwini zabazali bam. Bendiza kwenza njani ukuba nam bendikhulisa umntwana kuze kuvele ingxaki enje? Yintoni ebiza kumlungela umntwana wam?”

    IBhayibhile ithi: ‘Nyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’—Filipi 2:4.

  • Thobela. Ekugqibeleni, iBhayibhile ifuna wenjenjalo. (Kolose 3:20) Ibe izinto ziza kukuhambela lula ukuba uyathobela. Ibhinqa eliselula elinguKaren lithi: “Andisazikhathazi ndivele nje ndenze loo nto abazali bam bathi mandiyenze. Zininzi izinto abandincamele zona, noko incinci le nto kufuneka ndiyenzile.” Ukuthobela yeyona nto ithintela ingxabano!

    IBhayibhile ithi: “Apho kungekho nkuni uyacima umlilo.”—IMizekeliso 26:20.

Icebiso. Ukuba ukufumanisa kunzima ukuthetha, yibhale phantsi indlela ocinga ngayo okanye uthumele umyalezo ngefowuni. UAlyssa uthi: “Ndiye ndiyenze loo nto xa ndiziva ndingakwazi ukuthetha. Le ndlela indinceda ndithethe ndingakhange ndingxole okanye ndithethe into endiza kuzisola ngayo kamva.”