Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingajamelana Njani Nexhala?

Ndingajamelana Njani Nexhala?

 Yintoni ekwenza uxhalabe?

Ngaba ukhe uvakalelwe ngale ndlela ngamanye amaxesha?

“Ndihlala ndicinga ukuba: ‘Singathini ukuba singasengozini yemoto okanye kuwe inqwelo-moya esiyikhweleyo?’ Ndixhalatyiswa zizinto ezingafane zicingwe ngabanye abantu.”—UCharles.

“Ndihlala ndixhalabile, ndisebenza kakhulu andide ndibone miphumo okomntu ogalela amanzi kwiemele evuzayo.”—UAnna.

“Abantu bayathanda ukuthi, ‘Uyavuya wena usesesikolweni.’ Ke mna ndiye ndithi ngaphakathi, ‘Abayazi indlela endidikwe ngayo!’”—UDaniel.

“Ndihlala ndikhathazekile. Ndisoloko ndixhalatyiswa ngoko kusenokwenzeka okanye oko kusafuneka ndikwenzile.”—ULaura.

Inyaniso yile: Ngokutsho kweBhayibhile siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Timoti 3:1) Ngenxa yoko, sonke siyaxhalaba enoba sibatsha okanye sibadala.

 Ngaba kuphosakele ukuxhalaba?

Impendulo nguhayi. Ngoba nayo iBhayibhile ithi kufuneka uxhalabele izizalwane nabahlobo.—1 Korinte 7:32-34; 2 Korinte 11:28.

Kwakhona ukuxhalaba kungaluncedo. Ngokomzekelo, masithi uza kubhala iimviwo kule veki izayo. Ukuxhalaba kungakunceda ufunde kule iveki—nto leyo eza kukunceda upase!

Ukuba nexhala kungakukhusela kwingozi. USerena ona-16 uthi: “Uye ukhathazwe sisazela xa usenza into engalunganga.”—Thelekisa uYakobi 5:14.

Inyaniso yile: Ukuxhalaba kungakunceda​—xa ukhetha ukwenza okulungileyo.

Kuthekani ukuba ukuxhalaba kukwenza ube neengcinga eziphosakeleyo?

Ixhala lingakwenza ucinge ukuba ayikho indlela yokuphuma kwingxaki ojongene nayo

Ngokomzekelo: URichard ona-19 uthi: “Ixhala liyagulisa.”

IBhayibhile ithi: “Intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba.” (IMizekeliso 14:30) Kwelinye icala ukuxhalaba kunobangela ezinye iingxaki njengokuba nentloko ebuhlungu, ukuba nesiyezi, isisu esixuxuzelayo kunye neengxaki zentliziyo.

Yintoni onokuyenza ukuba uguliswa lixhala?

 Oko unokukwenza

  • Ngaba kufanelekile ukuxhalaba?Akuphosakelanga ukuba nexhala ngezinye izinto kodwa ukuhlala ukhathazekile akulunganga ngoba akuncedi nganto xa ungenaso isicombululo.”—UKatherine.

    IBhayibhile ithi: “Ngubani na kuni onokuthi ngokuba nexhala ongeze ikubhite enye kubude bobomi bakhe?”—Mateyu 6:27.

    Kuthetha ukuthini oku? Kuthetha ukuthi ixhala alincedi kangako, lisuke libe yingxaki kwalona.

  • Sukuzingxamela izinto. Zibuze: “Ngaba oko ndikuxhalabeleyo kuya kube kusabalulekile ngomso, emva kwenyanga, emva konyaka, emva kweminyaka emihlanu?”—UAnthony.

    IBhayibhile ithi: “Musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo. Imini nganye inobayo ububi obuyilingeneyo.”—Mateyu 6:34.

    Kuthetha ukuthini oku? Akuncedi ukuzixhalabisa ngento eza kwenzeka ngomso kuba isenokungenzeki.

  • Kwamkele oko ungenakukutshintsha. “Umele uzilungiselele kusengaphambili iimeko ezithile kodwa khumbula ukuba ezinye iimeko awunakukwazi ukuzitshintsha.”—URobert.

    IBhayibhile ithi: “Ukukhawuleza asikokwababalekayo, . . . kwanobabalo asilolwabanokwazi; ngenxa yokuba bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.”—INtshumayeli 9:11.

    Kuthetha ukuthini oku? Ngamanye amaxesha awunakukwazi ukuzitshintsha iimeko zakho kodwa unako ukutshintsha indlela ozijonga ngayo.

  • Yicingisise imeko yakho. “Ndifumanise ukuba xa ndiyiqonda imeko yam ndize ndingazixhalabisi ngezinto ezincinci oko kundincede ndakwazi ukujongana nezinto ezibalulekileyo.”—UAlexis.

    IBhayibhile Ithi: ‘Qinisekani ngezinto ezibalulekileyo.’—Filipi 1:10.

    Kuthetha ukuthini oku? Enye into enokunceda ungaxhalabi kukungazibaxi izinto.

  • Yiba nomntu othetha naye. “Ndisakhula ndandiye ndibuye esikolweni ndinexhala lemini elandelayo. Umama notata babendimamela xa ndizityand’ igila kubo. Ndandibathemba yaye ndikwazi nokuthetha ngokukhululekileyo.”—UMarilyn ona-17.

    IBhayibhile ithi: “Inyameko yokuxhalaba esentliziyweni yendoda iya kuyibangela ukuba iqubude, kodwa ilizwi elilungileyo liyenza ibe nemihlali.”—IMizekeliso 12:25.

    Kuthetha ukuthini oku? Umzali okanye umhlobo unokukucebisa ngendlela onokulinciphisa ngayo ixhala.

  • Thandaza. “Ukuthandaza ngendlela evakalayo, kuluncedo. Kundinceda ndikuthethe oko kundixhalabisayo kunoba kunditye ngaphakathi. Nditsho ndiqonde ukuba uYehova mkhulu kuneengxaki zam.”—ULaura.

    IBhayibhile ithi: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.

    Kuthetha ukuthini oku? Iingxaki zethu asimele sizicombulule ngokwethu. Kunoko sifanele sithethe noYehova uThixo othembisa oku: “Musa ukoyika, kuba ndinawe. Musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda.”—Isaya 41:10.