Yiya kwinkcazelo

Kuthekani Ukuba Ndiyasicaphukela Isikolo?

Kuthekani Ukuba Ndiyasicaphukela Isikolo?

Nantsi into ekufuneka uyenze

Kuthande ukufunda. Zama ukubona imiphumo emihle. Asinto yonke oyifundayo esenokubonakala ibalulekile—okwangoku. Sekunjalo, ukufunda izinto ezininzi kuya kukwenza ulazi ihlabathi okulo. Kuya kukwenza ube “zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo,” ukwazi ukuthetha nabantu abavela kwiindawo ezahlukahlukeneyo. (1 Korinte 9:22) Uya kukwazi ukucingisisa kakuhle—nto leyo eya kukunceda ebomini.

Ukufunda kunokufaniswa nokunqumla kwihlathi elifumileyo—kodwa zombini ezi zinto ziyenzeka xa zisenziwa ngendlela efanelekileyo

Mthande utitshala wakho. Ukuba ucinga ukuba utitshala wakho uyadika, ingqondo yakho mayibe kwinto athetha ngayo, hayi kuye. Khumbula, kusenokwenzeka ukuba kudala utitshala wakho efundisa le nto inye nakwezinye iiklasi. Ngoko kunokuba nzima ukuba abe nomonde ebenawo xa ebeqala ukuyifundisa.

Icebiso: Bhala iinowuthsi, ngembeko cela inkcazelo engakumbi, sithande eso sifundo. Ihlombe liyasulela.

Ukuzithanda izinto okwaziyo ukuzenza. Isikolo sinokuveza iitalente obungazi ukuba unazo. UPawulos wabhalela uTimoti esithi: “Sikhwezele njengomlilo isiphiwo owasinikwa nguThixo.” (2 Timoti 1:6) Kuyabonakala ukuba uTimoti wayenikwe isiphiwo somoya oyingcwele. Kodwa kwakufuneka asebenze ngamandla ukuze esi ‘isiphiwo’ sihlale sisebenza. Kakade ke, oku akuthethi kuthi nguThixo ngokuthe ngqo okwenza uphumelele esikolweni. Sekunjalo, iitalente onazo zezakho wedwa. Isikolo sinokukunceda wazi into ongazange ucinge nokucinga ukuba ulichule kuyo.