Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Kufuneka Ndikuphephe Ukufana Nabantu Abadumileyo? Inxalenye 1: Yeyamantombazana

Kutheni Kufuneka Ndikuphephe Ukufana Nabantu Abadumileyo? Inxalenye 1: Yeyamantombazana

Kutheth’ ukuthini ukufana nabantu abadumileyo?

 Khawujonge ezi bhokisi uze uphendule imibuzo eza kulandela.

Ibhokisi yokuqala

Ibhokisi yesibini

Umntu owenza izinto zobuntwana

Umntu onokuthenjwa

Umntu ongamameliyo

Umntu othobel’ imithetho

Umntu oziphethe kakubi

Umntu oziphethe kakuhle

Umntu ongahoyanga

Umntu okrelekrele

Umntu ohlebayo

Umntu olumkileyo

Umntu onamaqhinga

Umntu onyanisekileyo

  1. Njengokuba udla ngokubona amantombazana kwiifilimu, kwiTV nakwiimagazini, ungathi ngawaphi amagama awachaza kakuhle?

  2. Ngawaphi amagama achaza indlela obungathanda ukwaziwa ngayo?

Kunokwenzeka ukuba impendulo yokuqala uyifumene kwibhokisi yokuqala, waza eyesibini wayifumana kwibhokisi yesibini. Ukuba kunjalo, loo nto ithetha ukuba ufuna ukuba bhetele kunabantu abadumileyo yaye ayinguwe wedwa onalo mnqweno! Makhe sithethe ngesizathu soko.

“Iifilimu ziwaveza amantombazana njengabantu abangafuni kuxelelwa nto nabanetshiki. Zisenza sibe ngathi sonke asinakuthenjwa, yaye sihleli nje sixhalabele indlela abanye abasijonga ngayo.”—UErin.

“Amantombazana avela kwiifilimu nakwiTV athand’ amehlo, ibe athe tii ziimpahla, kukufuna udumo, ngabafana nobuhle.”—UNatalie.

“Ayikhe ingenzeki into yokuba kuvele intombazana edumileyo esela utywala, elala nabafana okanye engabamameliyo abazali bayo. Ukuba ayivezwanga isenza ezo zinto, kuza kuvezwa enye ethanda inkonzo okanye engungcwele-ngcwele.”—UMaria.

Khawuzibuze: ‘Ngaba indlela endinxiba ngayo, endenza ngayo izinto nendithetha ngayo ibonisa uhlobo lomntu endilulo okanye ngaba ibonisa ukuba ndifuna ukufana nabantu abadumileyo?’

Yintoni omele uyazi?

  •   Abantu abaninzi bacinga ukuba baphila ubomi babo kodwa babe besenza izinto njengabantu abadumileyo. Enye intombazana enguKaren ithi: “Ndibona apha kudadewethu oza emva kwam, ayikho enye into anexesha layo ngaphandle kweempahla nabafana. Ukrelekrele yena yaye ndiyazi ukuba zikho izinto anomdla kuzo kodwa ukhetha ukungazihoyi ukuze nje amkeleke kwiintanga zakhe. Uneminyaka eyi-12 ke lo mntu!”

    IBhayibhile ithi: “Musani ukumilisa okwale nkqubo yezinto.”—Roma 12:2.

  • Ayingawo onke amantombazana afuna ukufana nabantu abadumileyo. UAlexis ona-15 uthi: “KwiiTV nakwiimagazini, amantombazana avela njengabantu abazithandayo, abangahoyanga nto nabasoloko besenza izinto okwabantwana, kodwa mna ndicinga ukuba uninzi lwethu alunjalo. Sinezinto ezibaluleke ngakumbi kunokucingana nabafana.”

    IBhayibhile ithi: “Ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo.”—Hebhere 5:14.

  • Abona bantu bangenelwayo kulo mba ayingomantombazana kodwa ngabathengisi. Kuba ebona ukuba angenza inkuntyula yemali, amashishini efashoni, eteknoloji, awokuprinta iimagazini nakhuthaza ukuzonwabisa aqalisa ukwenza izibhengezo ngaphambi kokuba abantwana bafikise. Incwadi ethi, 12 Going on 29 ithi: “Abantu abenza izibhengezo bajolise kubantwana abaneminyaka ephakathi kweyi-10 neyi-13 ukuze bathengelwe iimpahla ezifikayo, izacholo, izinto zokuthambisa neze-elektroniki. Aba bantwana basoloko bebona izibhengezo ezenziwe ngenjongo yokuba bafune ukuthenga ezo zinto.”

    IBhayibhile ithi: “Kuba konke okusehlabathini—inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini.”—1 Yohane 2:16.

Khawucinge ngoku: Xa usoloko ucinga ngeempahla nefashoni efikayo, ngubani oyena uncedakalayo? Xa kunyanzelekile ufumane iselfowuni yakutshanje kuba nje ufuna ukuthandwa ngabahlobo bakho, ngubani oyena wenz’ imali? Yintoni eyona nto bayikhathaleleyo abantu abenza izibhengezo? Nguwe okanye ziipokotho zabo?

Yintoni onokuyenza?

  •   Zifundise ukubahlola kakuhle abantu abadumileyo. Njengokuba ukhula, uza kukwazi ukubona izinto ngeliso elibanzi. Cinga ngemiphumo yokufuna ukufana nabantu abadumileyo. UAlana ona-14 uthi: “Xa iveza amantombazana, iTV neemagazini zikwenza ubone ukuba awanxibi tu, wona ke awayiboni into yokuba athobeka isidima.”

  • Zibekele usukelo oluza kukunceda ube lolu hlobo lomntu ofuna ukuba lilo. Ngokomzekelo, cinga ngeempawu ezisekuqaleni kweli nqaku, ezo ungathanda ukwaziwa ngazo. Ungaqalisa ngoku ukuzisukela okanye uziphucule. IBhayibhile ithi: “Nambathe ubuntu obutsha, obuthi ngolwazi oluchanileyo benziwe bube butsha ngokomfanekiso waLowo wabudalayo.” Ayithi masilinganise abantu abadumileyo.—Kolose 3:10.

  • Khangela abantu abalungileyo onokubalinganisa. Abanye basenokuba sentsatsheni yakho njengomama okanye umakazi wakho. Abanye basenokuba ngabahlobo abadala kunawe okanye abantu obaqhelileyo. AmaNgqina kaYehova anamabhinqa amaninzi ayimizekelo kwibandla lamaKristu esinokuyilinganisa.—Tito 2:3-5.

Icebiso: Sebenzisa incwadi ethi, Xelisa Ukholo Lwabo, uze ufunde ngamabhinqa ayimizekelo afana noRute, uHana, uAbhigali, uEstere, uMariya noMartha. Le ncwadi iprintwe ngamaNgqina kaYehova yaye iyafumaneka ku-jw.org/xh.