Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingasiqeqesha Njani Isazela Sam?

Ndingasiqeqesha Njani Isazela Sam?

 Kwezi zinto zilandelayo ungasifanisa nantoni isazela sakho?

  •   ikhampasi

  •   isipili

  •   itshomi

  •   ijaji

 Impendulo echanileyo, zizo zonke. Eli nqaku, liza kusixelela ukuba kutheni.

 Yintoni isazela?

 Isazela yinto engaphakathi kuwe ekuxelelayo xa usenza into elungileyo okanye engalunganga. IBhayibhile ithi, sifana “nomthetho obhalwe entliziyweni.” (Roma 2:15, iContemporary English Version) Isazela esilungileyo sikunceda ukwazi ukucinga ngento oza kuyenza okanye into osele uyenzile.

  •   Isazela sifana nekhampasi. Sikunceda ukhethe icala elirayithi ukuze ungangeni engxakini.

  •   Isazela sifana nesipili. Sikubonisa ukuba ungumntu onjani ngaphakathi.

  •   Isazela sifana nomhlobo wakho olungileyo. Sinokukucebisa kakuhle ukuze uphumelele ukuba uyasimamela.

  •   Isazela sifana nejaji. Siyakuxelela xa usenza into embi.

Isazela esilungileyo singakunceda wenze izigqibo zobulumko

 Nantsi into ebalulekileyo: Isazela sibalulekile kuba sinokukunceda (1) wenze izigqibo zobulumko (2) ulungise iimpazamo ozenzileyo.

 Kutheni ufanele usiqeqeshe isazela?

 IBhayibhile ithi ‘masibe nesazela esilungileyo.’ (1 Petros 3:16) Inzima loo nto ukuba isazela sakho asiqeqeshwanga.

 “Ndandingabaxeleli abazali bam ukuba ndiphi. Ekuqaleni isazela sam sasindikhathaza kodwa ekuhambeni kwexesha loo nto ndandiyenza yayingabonakali imbi.”—UJennifer.

 Ekugqibeleni, isazela sikaJennifer samenza wayeka ukubaqhatha abazali bakhe waza wabaxelela into eyayisenzeka.

 Cinga ngoku: Isazela sikaJennifer besifanele ukuba simlumkise nini?

 “Kunzima ukuphila ngendlela ekwenza ungacaci ukuba ukweliphi icala. Xa isazela sakho sikuvumela ukuba wenze into embi, kuye kube lula ukuba uphinde wenze nezinye izinto ezimbi.”—UMatthew.

 Abanye abantu baye bangasimameli tu isazela sabo. IBhayibhile ithi ‘baqaqadekile kwindlela yokuziphatha.’ (Efese 4:19) IBhayibhile YesiXhosa Yango-1996 ithi: “Baphelelwe ziintloni.”

 Cinga ngoku: Ngaba ubomi bubabhetele xa abantu bengazisoli ngezinto ezimbi abazenzileyo? Ziziphi iingxaki abaza kuba nazo?

 Nantsi into ebalulekileyo: Ukuze ukwazi ukuba nesazela esilungileyo, ufanele ‘usebenzise ingqondo, itsho iqeqesheke, ikwazi ukwahlula into elungileyo nembi.’—Hebhere 5:14.

 Unokusiqeqesha njani isazela sakho?

 Ukuze uqeqeshe isazela sakho ufanele ube nento eza kukubonisa ukuba wenze njani. Abanye abantu bajonga:

  •   kwiintsapho zabo nendlela ekwenziwa ngayo kwiindawo abahlala kuzo

  •   koontanga babo

  •   kubantu abadumileyo

 Kodwa, indlela iBhayibhile ethi masiphile ngayo, ibhetele kakhulu kunezi sithethe ngazo. Ayothusi loo nto, kuba iBhayibhile ‘iphefumlelwe nguThixo,’ ibe nguye osazi kakuhle, uyayazi nento esiyidingayo.—2 Timoti 3:16.

 Nantsi imizekelo.

 ICEBISO LEBHAYIBHILE: “Sifuna ukuziphatha ngokunyaniseka kuzo zonke izinto.”—Hebhere 13:18.

  •   Icebiso leBhayibhile lingakunceda njani ube nesazela xa ufuna ukukopa itest, ukuqhatha abazali bakho, okanye ukuba?

  •   Ukuba isazela sakho sikwenza uthembeke kwizinto zonke, ucinga ukuba loo nto ingakunceda njani ngoku nakwixesha elizayo?

 ICEBISO LEBHAYIBHILE: “Ningaze niziphathe kakubi ngesondo.”—1 Korinte 6:18.

  •    Icebiso leBhayibhile lingasinceda njani isazela sakho xa ufuna ukubukela iphonografi okanye ufuna ukulala nomntu ungatshatanga naye?

  •   Ukuba isazela sakho sikwenza ungaziphathi kakubi ngesondo, loo nto ingakunceda njani ngoku nakwixesha elizayo?

 ICEBISO LEBHAYIBHILE: “Yibani nobubele omnye komnye, nibe novelwano, nixolelane ngokusuka entliziyweni.”—Efese 4:32.

  •    Eli cebiso lingakunceda njani xa uxabene nomntwana wakowenu okanye netshomi yakho?

  •   Ukuba isazela sakho sikwenze wakwazi ukuxolela waba novelwano loo nto iza kukunceda njani ngoku nakwixesha elizayo?

 ICEBISO LEBHAYIBHILE: “UYehova uyamcaphukela nabani na othanda ubundlobongela.”—INdumiso 11:5.

  •    Lo mgaqo weBhayibhile ungakunceda njani xa ukhetha iimuvi, into oza kuyibukela kwiTV, nemidlalo yeevidiyo?

  •   Ukuba isazela sakho sikwenza ungazonwabisi ngemidlalo yabantu abalwayo, iza kukunceda njani loo nto ngoku nakwixesha elizayo?

 IBALI ELIYINYANI: “Iitshomi zam zazidlala imidlalo yeevidiyo enabantu abalwayo, nam ndaye ndaqalisa ukuyidlala. Utata waye wathi mandiyeke ukudlala loo midlalo. Kodwa ndandiye ndiyidlale xa ndiyobona iitshomi zam. Xa ndifika ekhaya ndandiye ndizithulele. Utata wayeye abuze ukuba yintoni erongo ndithi akhonto. Ngenye imini ndafunda INdumiso 11:5 ibe ndazisola ngento endandiyenza. Ndabona ukuba ndimele ndiyeke ukudlala le midlalo, ndayiyeka nyhani. Xa enye yeetshomi zam yabona ukuba ndiyekile ukudlala le midlalo, nayo yayeka.”—UJeremy

 Cinga ngoku: Isazela sikaJeremy saqala nini ukusebenza, ibe yena waqala nini ukusimamela? Ufunda ntoni kwibali likaJeremy?

 Nantsi into ebalulekileyo: Isazela sibonisa loo nto uyikholelwayo naloo nto ibalulekileyo kuwe. Sithini isazela sakho ngawe?