Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngemidlalo?

Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngemidlalo?

Imidlalo ingaluncedo—okanye kungabi njalo. Kuxhomekeka kwinto oyidlalayo, indlela odlala ngayo, nexesha olichitha xa udlala.

 Uncedakala njani xa udlala?

Ukudlala kunokukwenza ube sempilweni. IBhayibhile ithi “ingqeqesho yomzimba iyingenelo.” (1 Timoti 4:8) URyan uthi: “Ukudlala kukwenza uhlale udlamkile. Kubhetele kakhulu kunokuhlala ekhaya udlale imidlalo yevidiyo.”

Ukudlala kwenza usebenzisane kakuhle nabanye ibe ukwazi ukuzeyisa. IBhayibhile isebenzisa umzekelo womdlalo ukuze isifundise into ebalulekileyo. Ithi: “Iimbaleki elugqatsweni zibaleka zonke, kodwa inye kuphela eyamkela umvuzo. Wonke umntu oba nenxaxheba kukhuphiswano uqhelisela ukuzeyisa kuzo zonke izinto.” (1 Korinte 9:24, 25) Nasi isifundo, ufanele uzeyise ibe usebenzisane nabanye ukuze ukwazi ukudlala. UAbigail ofikisayo naye uyavumelana noku. Uthi, “Ukudlala kundifundise ukusebenzisana nokuthetha nabanye.”

Ukudlala kunokwakha ubuhlobo. Umdlalo uyabamanyanisa abantu. UJordan uthi “Phantse yonke imidlalo iba nalo ukhuphiswano oluthile. Kodwa ukuba iba lulonwabo kuwe, yindlela entle yokuzimanyanisa nabahlobo.”

 Ziziphi iingozi onokungena kuzo?

Umdlalo owudlalayo. IBhayibhile ithi: “UYehova uhlolisisa lowo ulilungisa kwanalowo ungendawo, yaye umphefumlo wakhe umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.”—INdumiso 11:5.

Eminye imidlalo inogonyamelo. Ngokomzekelo, uLauren, ibhinqa eliselula uthi: “Eyona nto yenziwayo kumdlalo wamanqindi kukubetha omnye lo. NjengamaKristu, asikufuni ukulwa, ngoko kutheni sinokuzonwabisa ngokubukela abanye bebethwa?”

Khawucinge ngoku: Ngaba uyazithethelela xa ubukele imidlalo yogonyamelo, ucinga ukuba ayizukwenza ube nogonyamelo? Ukuba kunjalo, khumbula ukuba INdumiso 11:5 ithi uYehova ubathiyile abo “bathanda ugonyamelo,” kungekuphela nje abo banalo.

Indlela odlala ngayo. IBhayibhile ithi: “Ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, nibagqala abanye njengabongamileyo kunani.”—Filipi 2:3.

Ewe ke, nawuphi na umdlalo onamacala amabini uba nokhuphiswano. Ukusoloko ufuna ukuphumelela kunokwenza umdlalo ungabi mnandi. UBrian ofikisayo uthi: “Umoya wokhuphiswano ungakhawuleza ukuwise. Okukhona usiba nobuchule ekudlaleni, kokukhona kuza kufuneka usebenze ngamandla ukuze uthobeke.”

Khawucinge ngoku: UChris oselula uthi, “Sidlala ibhola ekhatywayo iveki neveki, ibe abanye baye bonzakala.” Zibuze, ‘Ziintoni ezinokundenza ndibe sengozini yokwenzakala? Yintoni endinokuyenza ukuze ndinciphise ukwenzakala?’

Ixesha olichithayo xa udlala. IBhayibhile ithi: ‘Qiniseka ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’—Filipi 1:10.

Kufuneka uzazi izinto ezibalulekileyo; izinto zobuthixo zifanele zize kuqala. Nokuba uyadlala okanye ubukele, eminye imidlalo inokuthatha ixesha elide. UDaria uthi “Ndandidla ngokuphikisana nomama kuba esithi ixesha endilichitha ndibukele imidlalo yeTV bendinokulisebenzisa kwenye into.

Ukuzixakekisa kakhulu ngemidlalo kufana nokugalela ityuwa eninzi ekutyeni

Khawucinge ngoku: Ngaba uyabamamela abazali bakho xa bekucebisa ngezinto ezimele zibaluleke kuwe? Ibhinqa eliselula uTrina lithi: “Xa ekhaya singawenzi umsebenzi ekuthiwe masiwenze ngenxa yokubukela imidlalo, umama uye asikhumbuze ukuba aba badlali bayabhatalwa noba sibukele okanye akunjalo. Ude abuze athi: ‘Wena ubhatalwa ngubani?’ Oku kubonisa ukuba abadlali sele besebenza bona. Ngoko nathi besingayi kukwazi ukuzixhasa kwixesha elizayo ukuba besingayenzi imisebenzi yesikolo neyasekhaya. Eyona nto yayithethwa ngumama kukuba ukubukela okanye ukuba nenxaxheba kwimidlalo akumele kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu.”