Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndinokuthenjwa Kangakanani?

Ndinokuthenjwa Kangakanani?

 Uqhuba njani wena?

  • Ndisoloko ndithenjwa, ndithenjwa ngalo lonke ixesha, maxa wambi ndiyathenjwa, andikhe ndithenjwe

    • ukunyaniseka

    • ukukwazi ukuzimela

    • ukubamb’ ixesha

    • ukukhuthala

    • ukuzenza kakuhle izinto

    • ukuba luncedo

    • ukuzijonga kakuhle izinto

    • ukuhlonipha

    • ukuba nenkathalo

  • Luluphi olona phawu ubalaseleyo kulo?

    Qhubeka usenza kakuhle kolo phawu.—Filipi 3:16.

  • Luluphi olona phawu ekufuneka usebenzele kulo?

Le nkcazelo ilandelayo iza kukunceda uphucule.

 Kuthetha ukuthini ukuthenjwa?

Abantu abanokuthenjwa bayidlala kakuhle indima yabo ekhaya, esikolweni nasekuhlaleni. Bayaqonda ukuba bangaphenduliswa ngezinto abazenzayo. Ngoko xa besenza impazamo bayayivuma, baxolise baze benze amatiletile okuyilungisa.

IBhayibhile ithi: “Ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.”—Galati 6:5.

 Kutheni ndifanele ndifune ukuthenjwa?

Umntu onokuthenjwa ubusebenzisa kakuhle ubuchule anabo, kwaye uye ahlonelwe ngabanye, aphathwe njengomntu omdala aze afumane inkululeko engakumbi namanye amalungelo.

IBhayibhile ithi: “Uyambona na umntu onobuchule emsebenzini wakhe? Uya kuma phambi kookumkani.”—IMizekeliso 22:29.

Ngokuqhelekileyo umntu onokuthenjwa udla ngokuba nobubele kwaye uyakuvuyela ukuba nabahlobo.

IBhayibhile ithi: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha.”—Luka 6:38.

Umntu onokuthenjwa uziva ephumeze okuthile kwaye uye azithembe kodwa ngendlela efanelekileyo.

IBhayibhile ithi: “Ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe, uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu.”—Galati 6:4.

 Ndingathenjwa njani?

Ukuze ukwazi ukuphendula lo mbuzo, khawufunde ezi zivakalisi zilandelayo. Sisiphi esona sichaza indlela wena ocinga ngayo?

“Iyandikruqula into yokuphathwa njengosana. Kusoloko kufuneka ndichazele abazali ukuba ndiphi ngoku!”—UKerri.

“Ngokuqhelekileyo abazali bayandivumela ukuba ndihambe neetshomi zam bengakhange bandisokolise.”—URichard.

“Xa ndibukele iintanga zam, ndibona nezinto ezivunyelwayo ukuba zizenze, ndiye ndizibuze: ‘Kutheni aba bam abazali bengakhe bandiyeke nam?’”—UAnne.

“Abazali bayandiyeka ndenze nantoni na endiyifunayo. Ndiyayivuyela le nkululeko bandinika yona.”—UMarina.

Eyona nto ibalulekileyo: Olunye ulutsha lunikwa inkululeko engakumbi kunolunye. Yintoni ebangela kube njalo?

Inyaniso esingenakuyiphepha ebomini: Inkululeko oyinikwa ngabazali uyifumana ngenxa yokuba uthembekile.

Ngokomzekelo, khawuve ukuba luthini ulutsha olukhe lwacatshulwa ngaphambilana.

URichard uthi: “Abazali bam bakhe bayithandabuza indlela endiyisebenzisa ngayo inkululeko abandinika yona. Kodwa ngoku bayandithemba kuba ndiyisebenzisa kakuhle. Andibaxokisi abazali ngezinto ezifana nokuba ndiyaphi kwaye ndihamba nabani. Endaweni yoko ndiye ndibancokolele ngezo zinto bengakhange bandibuze.”

UMarina: Ndibaxokise kabini abazali bam, kwaye ndabhaqwa kuzo zozibini ezo zihlandlo. Ukususela ngoko, ndanyaniseka ebazalini. Ngokomzekelo, ndiye ndibachazele oko ndikwenzayo, ndimane ndibafowunela xa ndiphumile. Ngoku bandithembe kakhulu.”

Yiyiphi eyona nto iza kuqala, ngumsebenzi wasekhaya okanye lulonwabo?

Ngaba ungathanda ukuphathwa njengoRichard noMarina? Khawuzihlole kwezi nkalo zilandelayo:

EKHAYA

  • Ngaba uyenza uyigqibe imisebenzi yasekhaya?

  • Ngaba uyaligcina ixesha lokungena endlini?

  • Ngaba uyabahlonela abazali nabantwana bakowenu?

Kwezi nkalo, yiyiphi ekufuneka usebenzele kuyo?

IBhayibhile ithi: “Bathobeleni abazali benu.”—Efese 6:1.

ESIKOLWENI

  • Ngaba uwugqiba kwangethuba umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya?

  • Ngaba wenza iinzame zokuphucula amanqaku akho esikolo?

  • Ngaba uyakuthanda ukufunda?

Kwezi nkalo, yiyiphi ekufuneka usebenzele kuyo?

IBhayibhile ithi: “Ubulumko bubagcina bephila abo banabo.” (INtshumayeli 7:12) Imfundo ingakunceda ube nobulumko.

INDLELA OWAZIWA NGAYO

  • Ngaba unyanisekile kubazali bakho nakwabanye abantu?

  • Ngaya uyisebenzisa kakuhle imali?

  • Ngaba waziwa njengomntu othembekileyo?

Kwezi nkalo, yiyiphi ekufuneka usebenzele kuyo?

IBhayibhile ithi: ‘Yambathani ubuntu obutsha.’ (Efese 4:24) Unokuyiphucula indlela owaziwa ngayo ngabanye.

Icebiso: Khetha inkalo ekufuneka uyiphucule. Cela icebiso kwabo baqhuba kakuhle kuloo nkalo. Bhala indlela oceba ukuphucula ngayo uze umane uzijonga ukuba uqhuba njani emva kwenyanga.