IiNdumiso 94:1-23

  • Kucelwa uThixo aphindezele

    • ‘Baza kuqhubeka de kube nini abenzi-bubi?’ (3)

    • Wonwabile umntu olungiswa nguYa (12)

    • UYehova akazukubalahla abantu bakhe (14)

    • ‘Kukhangelwa inkathazo egameni lomthetho’ (20)

94  Owu Thixo wempindezelo Yehova,+Owu Thixo wempindezelo, khazimla!   Phakama, Mgwebi womhlaba.+ Benze into ebafaneleyo abo banekratshi.+   Kuza kude kube nini na Yehova,Kuza kude kube nini na bevuya abenzi-bubi?+   Behleli nje bayaloqa, bathetha benekratshi;Baqhayisa ngeziqu zabo bonke abenzi-bubi.   Batyumza abantu bakho Yehova,+Bacinezela nelifa lakho.   Babulala umhlolokazi nomntu wasemzini,Bagwinta nabantwana abangenatata.   Bathi: “UYa akaboni;+UThixo kaYakobi akayijonganga yonke le nto.”+   Yazini le nto ke nina bangaqiqiyo;Zidengendini, niza kuyisebenzisa nini ingqondo?+   Angangeva na Lowo udale* indlebe? Angangaboni na Lowo udale ilihlo?+ 10  Angangakwazi ukululeka na Lowo uqeqesha iintlanga?+ Kaloku nguye ofundisa abantu!+ 11  UYehova uyazazi izinto ezicingwa ngabantu,Uyazi ukuba zingumphunga nje.+ 12  Yonwabile indoda oyilungisayo Ya,+Leyo uyifundisa umthetho wakho,+ 13  Ukuze uyinike ukuzola ngeemini zentlekele,De ambelwe umngxuma umenzi-bubi.+ 14  Kuba uYehova akazukubalahla abantu bakhe,+Engazukulilahla nelifa lakhe.+ 15  Kuba kuza kubuyelwa kwizigwebo zobulungisa,Bonke abaneentliziyo ezilungileyo baza kuzithobela. 16  Ngubani oza kundilwela kubenzi-bubi? Ngubani oza kundimela kwabo bangalunganga? 17  Ukuba bendingancedwa nguYehova,Ngendatshabalala kudala.+ 18  Xa ndathi: “Unyawo lwam luyatyibilika,” Owu Yehova, ndaqhubeka ndixhaswa luthando lwakho olungagungqiyo.+ 19  Xa amaxhala ayengaphezu kwamandla am,Wena wandithuthuzela waza wandenza ndazola.+ 20  Ungaze ube nento yokwenza na wena netrone* yamaqhingaYakuba ibangela inkathazo egameni lomthetho?*+ 21  Balihlasela kabukhali ilungisa+Baze bamgwebele ukufa umntu omsulwa.*+ 22  Kodwa uYehova uza kuba yindawo yam ekhuselekileyo yokubalekela,*UThixo wam liliwa lam lokubalekela.+ 23  Uza kwenza zibuyele kubo izinto ezimbi abazenzileyo.+ Uza kubacima igama* kwangobubi babo. UYehova uThixo wethu uza kubagqiba baphele tu.*+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “utyale.”
Okanye “nabalawuli; nabagwebi.”
Okanye “lemiyalelo.”
Ngokoqobo, “bathi linetyala (lingcolile) igazi lomntu omsulwa.”
Okanye “ephakamileyo nekhuselekileyo.”
Ngokoqobo, “kubathulisa.”
Ngokoqobo, “uza kubathulisa.”