Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingenza Njani Ukuze Ndiyeke Ukuhlala Ndicinga Ngesondo?

Ndingenza Njani Ukuze Ndiyeke Ukuhlala Ndicinga Ngesondo?

 “Ndivele nje ndicinge ngesondo, ndize ndingakwazi ukucinga ngenye into. Iba ngathi kukho ingqondo yomnye umntu kwintloko yam.”—UVera.

 “Kusenokubonakala kungeyonto inokwenzeka ukulawula izinto ozicingayo ngesondo. Kungalula nokubhabhazelisa iingalo zam, ndithembe ukuba ndiza kubhabha.”—UJohn.

 Ngaba indlela oziva ngayo iyafana nekaVera noJohn? Ukuba iyafana, eli nqaku liza kukunceda.

 Kutheni simele siyeke ukuhlala sicinga ngesondo?

 Omnye umfana onguAlex uthi: “Umalume wam wathi uThixo ebengenakundenza ndibe nomnqweno wokuba neentlobano zesini ukuba ebengafuni ndenze nto ngawo.”

 Ikho indawo enyanisileyo kwinto eyathethwa ngumalume kaAlex. UThixo wasinika umnqweno wokuba neentlobano zesini ngenxa yesizathu. Ukuba abantu babengazange babe neentlobano zesini, ngesingekho namhlanje. Kodwa kutheni umele uyeke ukuhlala ucinga ngesondo? Nazi izizathu ezibini:

  •   IBhayibhile isifundisa ukuba uThixo ufuna abantu ababa neentlobano zesini ibe yindoda nebhinqa, babe betshatile.—Genesis 1:28; 2:24.

     Ukuba uyawuhlonipha loo mgaqo, kodwa usoloko ucinga ngesondo ube ungatshatanga, iza kukucaphukisa into yokuba ungazukwenza nto ngaloo mnqweno. Unokude uyeke ukuzama ukuziphatha kakuhle uze ekugqibeleni ube neentlobano sesini nomntu. Abantu abaninzi abayenzileyo le nto, ekuhambeni kwexesha bayazisola.

  •   Ukufunda ukuzilawula izinto ozicingayo ngesondo kukunceda ukwazi ukuzibamba, loo nto iza kukunceda kwizinto ezininzi ebomini bakho.—1 Korinte 9:25.

 Ukuzibamba kuza kukunceda uphile ubomi obumnandi ngoku nakwixesha elizayo. Phofu ke, abanye abaphandi bafumanise ukuba abantwana abakwaziyo ukuzibamba kunqabile ukuba xa babedala babe neengxaki zempilo, ezemali okanye ezokuthobela umthetho. a

 Kutheni kunzima kangaka?

 Abantu esiphila phakathi kwabo basoloko becinga okanye bethetha ngesondo, ibe xa usemtsha neehormones ziba nento eziyenzayo emzimbeni wakho, loo nto inokwenza kube nzima ukuyeka ukuhlala ucinga ngesondo.

 “Ingathi kwankqubo yeTV yenza kubonakale ngathi akukho nto imbi nokuba neentlobano zesini nomntu ongatshatanga naye, ibe akubikho nezinto ezimbi ezenzekayo emva koko. Kulula ukuhlala ucinga ngeentlobano zesini ezingafanelekanga xa kubonakala ukuba abantu banokuba nazo kuze kungabikho nto imbi okanye ibuhlungu yenzekayo emva koko.”—URuth.

 “Emsebenzini ndidla ngokuva abantu xa bezincokolela bethetha ngesondo, loo nto indenza ndifuna ukwazi ezinye izinto. Ukuba neentlobano zesini kwabantu abangatshatanga kwenziwa kubonakale ngathi yinto engenamsebenzi, ibe kunzima ukucinga kukho into embi kuloo nto.”—UNicole.

 “Kulula ukuvele uyeke ukuyilumkela eminye imifanekiso xa ukumajelo okuncokola. Umfanekiso nje omnye onento yokwenza nesini unokungalibaleki tu!”—UMaria.

 Ngenxa yezi zizathu, usenokuziva njengompostile uPawulos. Wathi: “Xa ndinqwenela ukwenza izinto ezilungileyo, kusuke kuthi qatha izinto ezimbi.”—Roma 7:21.

Sukuvumela iingcinga ezingafanelekanga zizakhele indlwana kwintloko yakho

 Yintoni onokuyenza?

 Cinga ngezinye izinto. Cinga ngezinye izinto kunokuba ucinge ngesondo. Ezi zinto isenokuba yinto othanda ukuyenza, umdlalo, ukujima okanye enye into onomdla kuyo. Enye intombazana enguValerie ithi: “Ukufunda iBhayibhile kundinceda kakhulu. Kukho izinto ezicingwa nguThixo kuyo, ibe xa ucinga ngoThixo, kunzima ukucinga ngenye into.”

 Iqhelekile into yokucinga ngesondo. Kodwa into oyenzayo ngezinto ozicingayo ixhomekeke kuwe. Xa uqalisa ukucinga ngesondo, unawo amandla okuyeka ukucinga ngaso. Kodwa nguwe omele ukhethe ukwenza loo nto.

 “Xa ndiqalisa ukucinga ngesondo, ndiye ndizinyanzele ukuba ndicinge ngenye into. Ndizama nokujonga ukuba yintoni le indenze ndacinga ngesondo kwasekuqaleni, njengengoma okanye umfanekiso ekufuneka ndiwususe.”—UHelena.

 Umgaqo weBhayibhile: “Hlalani nicinga ngezinto . . . ezibubulungisa, izinto ezicocekileyo [okanye “ezinyulu,” umbhalo osemazantsi.]—Filipi 4:8.

 Khetha abahlobo abalungileyo. Ukuba abahlobo bakho basoloko bethetha ngesondo, kuza kuba nzima ukuba ungacingi ngaso.

 “Ngela xesha ndandisafikisa, kwakunzima ukuyeka ukucinga ngezinto ezirongo, nabantu endandihlala nabo ixesha elininzi babeyenza ibe nzima le nto. Xa ukunye nabantu abathi akukho nto imbi ngokuziphatha kakubi, unokuyeka ukuzilawula uze ufune kakhulu kunakuqala ukuziphatha kakubi.”—USarah.

 Umgaqo weBhayibhile: “Ohamba nezilumko uza kuba sisilumko, kodwa osebenzisana nezidenge uza kungena engxakini.”—IMizekeliso 13:20.

 Sukuzonwabisa ngezinto ezingafanelekanga. Wonke umntu uyayazi ukuba lonke uhlobo lwezinto ezidlalayo zibonisa kakhulu isondo. UNicole uthi: “Eyona nto iba nento eyenzayo kum ngumculo. Yenza iminqweno endinayo ibe namandla kakhulu kude kubonakale ngathi akhonto ndinokuyenza ngayo.”

 “Ndaqalisa ukubukela iimuvi neenkqubo zeTV ezazinabantu abaziphatha kakubi ngokwesini. Ndathi ndingaqondanga ndabona sendicinga kakhulu ngesondo. Kwakulula ukuyazi kutheni ndicinga kakhulu ngaso. Xa ndayeka ukubukela ezo muvi nezo nkqubo zeTV, zange ndicinge kangako ngesondo. Kulula ukungacingi ngezinto ezingafanelekanga xa ndizikhetha kakuhle izinto endizonwabisa ngazo.”—UJoanne.

 Umgaqo weBhayibhile: “Ukuziphatha kakubi ngesondo nako konke ukungcola okanye ukunyoluka makungathethwa nokuthethwa ngako phakathi kwenu.”—Efese 5:3.

 Eyona nto ibalulekileyo: Abanye abantu bacinga iminqweno abanayo ibaluleke kakhulu kangangokuba abamele bazame ukuyilawula, ibe abanakukwazi ukuyilawula nokuba bebefuna. Kodwa iBhayibhile ithetha into eyahlukileyo. Isifundisa ukuba sinokuzilawula izinto esizicingayo, loo nto ibonisa ukuba sibalulekile kuThixo.

 Umgaqo weBhayibhile: “Mayiqhubeke isenziwa ntsha indlela enicinga ngayo.”—Efese 4:23.

a Kubalulekile ukusebenzela ukukwazi ukuzibamba kwangoku kuba nabantu abatshatileyo kufuneka bakwazi ukuzibamba.