Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndinokujamelana Njani Nokungonwabi?

Ndinokujamelana Njani Nokungonwabi?

 Ubunokwenza ntoni?

Khawucinge ngezi meko zilandelayo:

Akusekho nto imonwabisayo uJennifer. Usoloko ekhala yonke imihla, kube kungekho sizathu. Uyabaphepha abantu ibe akafane atye. Kunzima ukulala nokwenza into enye ixesha elide. UJennifer uyazibuza: ‘Kwenzeka ntoni kum? Ngaba ndiya kuze ndiphinde ndibe ngulaa mntu ndandinguye?’

UMark wayengumzekelo kwabanye abafundi. Kodwa ngoku akafuni nokusibona isikolo ibe nendlela aqhuba ngayo ayisafani nakuqala. UMark akasenawo amandla okudlala imidlalo awayekade eyithanda. Abahlobo bakhe babhidekile. Bona abazali bakhe bakhathazekile. Ngaba kukukhula nje oku​—okanye yinto engaphaya koko?

Ngaba ukhe uvakalelwe njengoJennifer noMark? Ukuba kunjalo, unokwenza ntoni? Unokuzama ezi ndlela zimbini:

  1. Zama ukumelana nale ngxaki ngokwakho

  2. Thetha nomntu omdala omthembileyo

Kusenokwenzeka ukuba uyaluthanda ukhetho A, ingakumbi xa ungakufuni ukuthetha. Kodwa ngaba yinto enokukunceda leyo? IBhayibhile ithi: “Ababini balunge ngakumbi kunomnye . . . ngokuba xa omnye wabo esiwa, omnye unokuliphakamisa iqabane lakhe. Kodwa wothini na oyedwa owayo xa kungekho omnye wokumphakamisa?”​—INtshumayeli 4:9, 10.

Ngokomzekelo: Masithi ulahlekile kwindawo enolwaphulo-mthetho oluqatseleyo. Kumnyama ibe nootsotsi bakho kuyo yonke ikona. Ubunokwenza ntoni? Ubunokuzama ukuzisindisa ngokwakho. Kodwa ngaba ayinakuba bubulumko ukucela umntu omthembileyo ukuba akuncede?

Ukungonwabi kufana nokuba kuloo ndawo iyingozi. Yinyaniso kona ukuba unokukhathazeka ngamaxesha athile. Kodwa ukuba awonwabanga ixesha ilide kungcono ufumane uncedo.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ozahlulayo . . . uphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.”​—IMizekeliso 18:1.

Into encedayo ngokhetho B kukuba, ukuthetha nomzali okanye omnye umntu omdala omthembileyo kukunceda ufumane amava omntu okhe wakwazi ukumelana nokukhathazeka.

Usenokuthi: ‘Kodwa abazali bam abayiqondi indlela endivakalelwa ngayo!’ Ngaba uqinisekile ngaloo nto? Nangona iimeko abajamelana nazo ngoxa babesebatsha zingafani nezakho, indlela ababevakalelwa ngayo isenokufana neyakho. Banokuyazi indlela yokulungisa loo ngxaki!

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ngaba akukho bulumko phakathi kwabalupheleyo nokuqonda ebudeni bemihla?”​—Yobhi 12:12.

Ingongoma: Ukuba uthetha nomzali wakho okanye omnye umntu omdala omthembileyo unokufumana icebiso elinokukunceda.

Ukungonwabi kufana nokulahleka kwindawo eyingozi. Ukuze uphume kuyo kufuneka ufumane uncedo

 Kuthekani ukuba yingxaki efuna ugqirha?

Ukuba uziva ukhathazekile yonke imihla, kusenokwenzeka ukuba unesigulo sokuhlala ukhathazekile ekufuneka sinyangwe ngugqirha.

Iimpawu zesigulo sokukhathazeka xa umntu efikisa, zisenokufana nendlela adla ngokuvakalelwa ngayo umntu ofikisayo, kodwa zona ziyaqatsela ibe azikhawulezi ziphele. Ngoko, ukuba kuya kuqatsela ukukhathazeka kwakho ibe akupheli, cela abazali bakho bakuse kugqirha.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Kubantu abasempilweni akufuneki gqirha, kodwa kwabagulayo uyafuneka.”​—Mateyu 9:12.

Ukuba kuye kwafumaniseka ukuba uyagula, akukho sizathu sokuba ube neentloni. Ukungonwabi kwabantu abatsha kuqhelekile ibe kuyanyangeka! Abahlobo bokwenene baza kuhlala bekujonga ngendlela ebebekade bekujonga ngayo.

Icebiso: Yiba nomonde. Ukuchacha xa ugula kusenokuthatha ixesha ibe unokulindela ukuba iimini zingafani. a

 Oko unokukwenza ukuze uphinde wonwabe

Nokuba kufuneka uncedwe ngugqirha, zikho izinto onokuzenza ukuze ujamelane nokungonwabi okungade kuphele. Ngokomzekelo, ukuzilolonga rhoqo, ukutya ukutya okusempilweni nokulala ngokwaneleyo kunokukunceda ukwazi ukuzilawula iimvakalelo zakho. (INtshumayeli 4:6; 1 Timoti 4:8) Usenokukufumanisa kuluncedo nokuba nencwadi onokubhala kuyo iimvakalelo zakho, izinto ofuna ukuzenza ukuze uphinde wonwabe, iingxaki onazo nezinto ophumeleleyo kuzo.

Enokuba unesigulo sokukhathazeka okanye kukukhathazeka nje okudlulayo, khumbula oku: Ngokwamkela uncedo lwabanye nokwenza izinto eziza kunceda uphinde wonwabe, unako ukujamelana nokungonwabi.

 Iivesi eziseBhayibhileni ezinokukunceda

  • “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo;yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”​—INdumiso 34:18.

  • “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.”​—INdumiso 55:22.

  • “Kuba mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, ‘Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.’”​—Isaya 41:13.

  • “Musani ukuxhalela ingomso.”​—Mateyu 6:​34.

  • “Zaziseni izibongozo zenu kuThixo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu.”​—Filipi 4:​6, 7.

a Ukuba ucinga ngokuzibulala, cela uncedo kumntu omdala omthembileyo ngoko nangoko. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda ungcelele lwamanqaku akuVukani! anomxholo othi, “Ucinga Ngokuzibulala?