Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingenza Njani Xa Umhlobo Wam Endikhathazile?

Ndingenza Njani Xa Umhlobo Wam Endikhathazile?

 Oko umele ukwazi

  • Bonke abahlobo baba nazo iingxaki. Umhlobo wakho, kuquka nomhlobo wakho osondele kakhulu kuwe unokwenza okanye athethe into ekukhathazayo kuba engafezekanga. Nawe awufezekanga. Awuyikhumbuli imini owakhathaza ngayo omnye umntu?​—Yakobi 3:2.

  • I-intanethi inokwenza ukhathazeke msinya. Ngokomzekelo, uDavid ofikisayo uthi: “Xa ukwiiwebhsayithi zokuncokola uze ubone iifoto zomhlobo wakho enexesha elimnandi nabanye abantu, usenokuzibuza ukuba bekutheni ukuze ungamenywa wena, emva koko ukhathazeke.”

  • Unokufunda ukuyilungisa ingxaki.

 Oko unokukwenza

Zihlole. IBhayibhile ithi: “Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho, kuba ukucaphuka kuhlala esifubeni sabaziziyatha.”​—INtshumayeli 7:9.

“Ngamanye amaxesha uye ubone ukuba ayikho nkulu kangako le nto ikucaphukisayo.”​—UAlyssa.

Khawucinge ngoku: Ngaba ukhathazeka msinya? Ngaba akunakukhe uzame ukuzinyamezela iimpazamo zabanye?​—INtshumayeli 7:21, 22.

Cinga ngeendlela okuza kukunceda ngazo ukuxolela. IBhayibhile ithi: “Kuyinto entle. . . ukukubetha ngoyaba ukunxaxha.”​—IMizekeliso 19:11.

“Nokuba iyavakala into oyikhalazelayo, kufuneka uxolele ibe loo nto ithetha ukuba akuzi kusoloko uthetha ngento ayenzileyo ukuze acele uxolo ngalo lonke ixesha uthetha ngayo. Xa umxolele umntu, sukuphinda uthethe ngento ayenzileyo.”​—UMallory.

Khawucinge ngoku: Ngaba le nto isixabanisayo ibaluleke kangako? Ngaba awunakumxolela ukuze kubekho uxolo?​—Kolose 3:13.

Xa usoloko uthetha ngazo zonke iingxaki eninazo nomhlobo wakho kufana nokusoloko uvula ucango ukuze kungene umoya obandayo kwigumbi elifudumeleyo

Mcingele omnye umntu. IBhayibhile ithi: “Ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”​—Filipi 2:4.

“Xa umthanda ibe umhlonela umhlobo wakho, unesizathu sokukhawuleza uzilungise iingxaki kuba ubalulekile kuwe. Sele zininzi izinto ozenzileyo ibe awufuni ukuba niyeke ukuba ngabahlobo.”​—UNicole.

Khawucinge ngoku: Ngaba akunakuva isizathu esivakalayo kwindlela umhlobo wakho azibona ngayo izinto?

Inyaniso yile: Ukuyazi into omele uyenze xa ukhathazekile bubuchule obuza kukunceda xa umdala. Kutheni ungafundi obo buchule ngoku?