Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUUYABUZA

Yintoni Ekuza Kufuneka Ndiyenze Emva Kokuba Ndibhaptiziwe?—Inxalenye 1: Hlala Uxakekile

Yintoni Ekuza Kufuneka Ndiyenze Emva Kokuba Ndibhaptiziwe?—Inxalenye 1: Hlala Uxakekile

 Kufuneka uziphathe kakuhle izinto zakho ezibalulekileyo, njengomzi okanye imoto yakhe. Kunjalo ke nangobuhlobo bakho noThixo. Uza kwenza njani ukuze uqiniseke ukuba ningabahlobo noYehova emva kokuba ubhaptiziwe?

Kweli nqaku

 Qhubeka ufunda iBhayibhile

 Isibhalo esiyintloko: ‘Hlalani nivelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi omhle eniwenzayo yaye nisiya nimazi ngendlela echanileyo uThixo.’—Kolose 1:10.

 Into esiyithethayo: Emva kokubhaptizwa kuza kufuneka uqhubeke ufunda iBhayibhile futhi ucingisise ngaloo nto uyifundayo.—INdumiso 25:4; 119:97.

 Into ofanele uyilindele: Ngamanye amaxesha, awuzukuba namdla wokufunda. Unokude ucinge ukuba ukufunda ayonto yakho.

 Into onokuyenza: Funda ngezinto ekuthethwa ngazo eBhayibhileni ozithandayo. Gqiba ukuba uza kuyifunda nini iBhayibhile neencwadi ezithetha ngayo, ibe uza kuyenza njani loo nto. Xa uzenzele iplani elungele wena, uza kusoloko unomdla ekufundeni. Xa ufunda, eyona nto uyifunayo kukuba umthande uYehova nelizwi lakhe iBhayibhile. Xa ufunda ngale ndlela uza kuncedakala futhi kuza kuba mnandi nokufunda.—INdumiso 16:11.

 Icebiso: Ukuze ikuncede into oyifundayo, khangela indawo ethuleyo ongazukuphazamiseka kuyo.

 Ufuna uncedo?

 Qhubeka uthandaza kuYehova

 Isibhalo esiyintloko: “Sanukuba naxhala lanto, kodwa zonke izinto zixeleleni uThixo, nithandaza kuye, nimcenga yaye nimbulela.”—Filipi 4:6.

 Into esiyithethayo: Ukuthetha noThixo kwenzeka ngeendlela ezimbini: Umamela kuye ngokuthi ufunde iBhayibhile, uze uthethe naye xa uthandaza. Xa uthandaza unokumcenga uThixo akuncede uze umbulele ngezinto akwenzele zona.

 Into ofanele uyilindele: Ngamanye amaxesha xa uthandaza unokubona ngathi uphindaphinda into enye. Unokude ungaqiniseki ukuba uYehova ukumamele nyhani okanye ufuna ukuva into oyithethayo.—INdumiso 10:1.

 Into onokuyenza: Ebudeni bemini, cinga ngezinto onokuzithandazela. Ukuba iimeko zakho azikuvumeli ukuba uthandaze ixesha elide, zimisele ukuyithandazela ngelinye ixesha loo nto ubufuna ukuyithetha noThixo. Thandazela izinto ezibalulekileyo kuwe, ubathandazele nabanye.—Filipi 2:4.

 Icebiso: Ukuba uqaphela ukuba uphindaphinda into enye xa uthandaza, naleyo into yithandazele kuYehova. Ufuna ukuziva zonke iingxaki zakho nezinto ezikuhluphayo ngendlela othandaza ngayo.—1 Yohane 5:14.

 Ufuna uncedo?

 Qhubeka uxelela nabanye ngezinto ozikholelwayo

 Isibhalo esiyintloko: “Hlala uzigadile, ugade nezinto ozifundisayo. . . . Xa kunjalo, uza kuzisindisa wena, usindise nabo bakumamelayo.”—1 Timoti 4:16.

 Into esiyithethayo: Xa uxelela abanye izinto ozikholelwayo, ukholo lwakho luyaqina. Loo nto inokukunceda usindise wena nabantu abakumamelayo.

 Into ofanele uyilindele: Ngamanye amaxesha unokuzibona ungenamdla wokuthetha nabanye ngezinto ozikholelwayo. Unokude woyike ukuyenza le nto xa usesikolweni.

 Into onokuyenza: Zimisele ukungavumeli ukoyika kunqande izinto ofuna ukuzenza. Umpostile uPawulos wathi: “Nokuba [ndishumayela iindaba ezilungileyo] ndingafuni, uThixo undinike umsebenzi endifanele ndiwenze.”—1 Korinte 9:16, 17.

 Icebiso: Cela kubazali bakho ukukhangela umntu onokufunda izinto ezintle kuye. Ufanele abe liNgqina elikuthandayo ukushumayela.—IMizekeliso 27:17.

 Ufuna uncedo?

  •   Funda inqaku elithi:

     Kutheni Ndisoyika Nje Ukuxelela Abanye Ngonqulo Lwam?

 Qhubeka usiya kwiintlanganiso zamaKristu

 Isibhalo esiyintloko: “Masicingelane ukuze sikhuthazane ukuba sithandane size senze izinto ezilungileyo, singaziphosanisi nokudibana kunye.”—Hebhere 10:24, 25.

 Into esiyithethayo: Esona sizathu sibangela ukuba siye kwiintlanganiso, kukukhonza uYehova. Kodwa zikhona nezinye izinto ezimbini esincedakala kuzo. Okokuqala, sikhuthazwa ngabazalwana noodade wethu. Okwesibini, nathi siyabakhuthaza ngokubakho kuzo size sibe nento esiyenzayo.—Roma 1:11, 12.

 Into ofanele uyilindele: Ngamanye amaxesha unokuzibona sowungamamelanga ize loo nto ikwenze uphoswe zizinto ezifundiswayo. Okanye unokumane uphoswa ziintlanganiso kuba uhoye ezinye izinto ezinje ngomsebenzi wesikolo.

 Into onokuyenza: Zimisele ukuya kwiintlanganiso uze nomsebenzi wesikolo uwukhathalele. Xa ukuzo sukuzivumela ucinge ezinye izinto kodwa mamela ukuze ufunde. Phakamisa isandla ukuze uphendule. Xa ziphumile, ncoma nokuba ngumntu omnye umxelele ukuba ikuncedile impendulo yakhe.

 Icebiso: Lungiselela ngaphambi kokuba uye kwiintlanganiso. Dowunlowuda u-JW Library®, ujonge kwindawo ethi “Meetings” ukuba kuza kuthethwa ngantoni kwezo ntlanganiso.

 Ufuna uncedo?

  •   Funda inqaku elithi:

     Kutheni Umele Uye Kwiintlanganiso ZamaKristu?