Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUNCEDA IINTSAPHO | ABANTU ABASELULA

Xa Umzali Esweleka

Xa Umzali Esweleka

INGXAKI

UDami wayeneminyaka emithandathu xa utata wakhe wabulawa sisifo semithambo (ianeurysm). Yena uDerrick wayeneminyaka esithoba xa utata wakhe wabulawa sisifo sentliziyo. UJeannie wayeneminyaka esixhenxe xa umama wakhe wasweleka emva kokulwa nomhlaza wesibeleko unyaka wonke. *

Aba bantu basebatsha bajongana nentlungu yokusweleka kwabantu ababathandayo. Ngaba nawe ukhe wehlelwa yile ntlungu? Ukuba uthi ewe, eli nqaku linokukunceda ukwazi ukumelana nayo. * Kodwa ke, makhe siqale sive ngezinto eziyinyani ngentlungu yokuswelekelwa.

OKO UMELE UKWAZI

Zininzi iindlela zokuzila. Le nto ithetha ukuba indlela obonisa ngayo ukuba ukhathazekile inokwahluka kweyabanye. Incwadi ethi, Helping Teens Cope With Death ithi: “Akukho mthetho wendlela abantu abamele bazile ngayo.” Into ebalulekileyo kukuba ungazifihli xa ukhathazekile. Ngoba? Kuba . . .

Ukuzifihla xa ukhathazekile kunokuba yingozi. UJeannie, ekuthethwe ngaye ekuqaleni uthi: “Ndandicinga ukuba ndifanele ndiqine ukuze nodadewethu omncinci omelele, ngoko ndandingafuni ibonwe indlela endiziva ngayo. Nanamhlanje ndisayenza loo nto, kodwa ayikho sempilweni.”

Nabantu abanolwazi olungakumbi bayavumelana nale nto. Incwadi ethi, The Grieving Teen ithi: “Akakho umntu onokufihla indlela avakalelwa ngayo de kuphele. Loo ntlungu ibuya xa ungalindelanga ize ibangele ukuba ugule.” Ukufihla intlungu yokufelwa kunokubangela ukuba usebenzise kakubi utywala okanye iziyobisi kuba ufuna iphele.

Ukuzila kunokwenza ungayazi indlela ovakalelwa ngayo. Ngokomzekelo, abanye abantu baye bacaphuke kuba besithi umntu oswelekileyo ‘ubalahlile.’ Abanye baye batyhole uThixo, besithi ebengafanelanga amyeke asweleke loo mntu. Abanye baye bakhathazwe kukuba bengakwazanga ukuxolisa ngezinto abazenzileyo okanye abazithethileyo kuloo mntu uswelekileyo.

Kucacile ukuba ukuzila yinto engalulanga. Unokusifumana phi isiqabu ukuze ukwazi ukuqhubeka nobomi?

OKO UNOKUKWENZA

Yiba nomntu othetha naye. Usenokuzibhaqa sowuzikhetha kwabanye abantu kweli xesha linzima. Kodwa xa uthetha nomntu wakowenu okanye umhlobo ngale ntlungu, unokukwazi ukuyinyamezela.—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 18:24.

Yiba nento obhala kuyo. Bhala ngalo mzali uswelekileyo. Ngokomzekelo, yintoni eyona nto uyikhumbulayo ngaye? Bhala izinto ozithandayo ngaye. Zeziphi ofuna ukumxelisa kuzo?

Ukuba ukhathazwa zizinto ezimbi omenze zona, mhlawumbi usoloko ucinga ngezinto ezibuhlungu ozithethileyo kuye ngaphambi kokuba asweleke, yibhale indlela ovakalelwa ngayo nesizathu sokuba kube njalo. Ngokomzekelo, “Ndiziva ndinetyala kuba ndaxabana notata ngaphambi kokuba asweleke.”

Kwakhona, khawuzame ukuqonda isizathu sokuba uzibeka ityala. Incwadi iThe Grieving Teen ithi: “Awunakuzibeka tyala ngenxa yokuba ungayazanga ukuba alizi kubakho ixesha lokucela uxolo. Akunakulindeleka ukuba umntu angathethi okanye enze into ekunokufuneka axolise ngayo kwixesha elizayo.”—Umgaqo weBhayibhile: Yobhi 10:1.

Zikhathalele. Phumla ngokwaneleyo, ujime uze utye kakuhle. Ukuba awunamdla wokutya, yitya kakhulu ukutya okulula okusempilweni endaweni yokutya okuqhelekileyo, de uphinde ube nomdla wokutya. Sukuthomalalisa intlungu onayo ngokutya ukutya okungenasondlo okanye usebenzise kakubi utywala. Ezo zinto zinokwenza intlungu yakho iqatsele.

Thetha noThixo ngomthandazo. IBhayibhile ithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.” (INdumiso 55:22) Umthandazo awuyonto nje yokuzenza uzive ubhetele kwintlungu yakho. Yindlela yokuthetha noThixo “osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.”2 Korinte 1:3, 4.

UThixo ubathuthuzela ngeLizwi lakhe iBhayibhile abantu abazilileyo. Kutheni ungakhe ufunde ukuba ifundisa ntoni ngeyona meko abakuyo abantu abafileyo nangethemba lovuko? *Umgaqo weBhayibhile: INdumiso 94:19.

^ isiqe. 4 Ungafunda ngebali likaDami, uDerrick noJeannie, kwinqaku elilandelayo.

^ isiqe. 5 Nangona eli nqaku lithetha ngokusweleka komzali, izinto ekuthethwa ngazo kulo ziyasebenza nakomnye umntu wakowenu okanye umhlobo.

^ isiqe. 19 Funda isahluko 16 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1. Ungayidawunlowuda ku-www.pr418.com/xh. Jonga kumxholo othi IIMPAPASHO.