KumaHebhere 10:1-39

  • Imibingelelo yezilwanyana ayinamandla (1-4)

    • UMthetho, isithunzi (1)

  • UKristu wabingelelwa kwaba kanye (5-18)

  • Indlela entsha nephilayo yokungena (19-25)

    • Masingaziphosanisi nokuhlanganisana kunye (24, 25)

  • Kulumkiswa ngokona ngabom (26-31)

  • Ukuzimisela nokunyamezela ngokholo (32-39)

10  Ekubeni uMthetho usisithunzi+ sezinto ezilungileyo eziza kuza,+ kodwa ungezizo ezo zinto, wona* nemibingelelo eyayisenziwa qho ngonyaka ayinakubenza bagqibelele abantu abakhonza uThixo.+  Ukuba ibinokwenzeka loo nto, ibiza kuyekwa ukunikelwa imibingelelo, kuba abantu abenza umsebenzi ongcwele bebengazukuhlala beziva benetyala emva kokuba becociwe.  Kodwa ke, ukunikela kwabo imibingelelo unyaka nonyaka kubakhumbuza ukuba banesono,+  kuba akunakwenzeka ukuba igazi leenkunzi zeenkomo neleebhokhwe lisuse izono.  Ngoko ke xa uKristu engena ehlabathini uthi: “‘Awufunanga mbingelelo namnikelo, kodwa undilungiselele umzimba.  Awuyifunanga iminikelo etshiswayo neminikelo yesono.’+  Ngoko ndathi: ‘Ndizile (emsongweni* kubhaliwe ngam) ukuza kwenza ukuthanda kwakho Thixo wam.’”+  Emva kokuba eqale wathi: “Awufunanga mibingelelo, ungayifunanga neminikelo etshiswayo neminikelo yesono.” Le mibingelelo yenziwa kuba ifunwa nguMthetho.  Emva koko uthi: “Ndizile ukuza kwenza ukuthanda kwakho.”+ Ngoko ke, uyayisusa into ebikho ekuqaleni ukuze abeke eyesibini. 10  Ngenxa yoku “kuthanda” kukaThixo,+ siye ­sangcwaliswa ­ngokubingelelwa komzimba kaYesu Kristu kwaba kanye.+ 11  Kwakhona, umbingeleli ngamnye uma endaweni yakhe yonke imihla ukuze enze umsebenzi ongcwele+ aze enze imibingelelo efanayo qho,+ engakwaziyo ukuzisusa ngokupheleleyo izono.+ 12  Kodwa yena uKristu wanikela umbingelelo omnye wezono kwaba kanye waza wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo,+ 13  elindele ukuba iintshaba zakhe zenziwe zibe yindawo yokubeka iinyawo zakhe.+ 14  Kuba ngomnikelo omnye wombingelelo ubenze bagqibelela ngokuqhubekayo abantu abenziwe bangcwele.+ 15  Ngaphezu koko, umoya oyingcwele uyasingqinela, ngokuthi: 16  “UYehova* uthi, ‘Kuba esi sisivumelwano endiza kusenza nabo emva kwaloo mihla. Ndiza kuyibeka imithetho yam engqondweni yabo, ndize ndiyibhale ezintliziyweni zabo.’”+ 17  Emva koko uthi: “Kuba andizukuzikhumbula izono zabo nokungathobeli kwabo umthetho.”+ 18  Xa zixolelwe izono, akusekho mnikelo wasono wenziwayo. 19  Ngoko ke bazalwana, thina sinesibindi sokungena kwindawo engcwele+ ngegazi likaYesu, 20  eyaba yindlela entsha nephilayo awasivulela yona ngekhethini.+ Loo khethini ke ngumzimba wakhe. 21  Ekubeni sinombingeleli omkhulu kwindlu kaThixo,+ 22  masisondele kuThixo ngeentliziyo ezinyanisekileyo sinokholo ngokupheleleyo, iintliziyo zethu zicociwe ukuze singabi nesazela esingcolileyo+ yaza nemizimba yethu yahlanjwa ngamanzi acocekileyo.+ 23  Masingayeki ukushumayela ngethemba lethu,+ kuba uthembekile lowo wenze isithembiso. 24  Masicingelane* ukuze sikhuthazane ukuba sithandane size senze izinto ezilungileyo,+ 25  singaziphosanisi nokudibana kunye,+ njengokuba abanye benesiko lokwenjenjalo, kodwa masikhuthazane,+ ingakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.+ 26  Ukuba siqhubeka sisona ngabom emva kokuba sifumene ulwazi oluchanileyo lwenyaniso,+ akusekho mbingelelo wezono unokuphinda wenziwe,+ 27  kodwa siza koyika kuba silindelwe ngumgwebo nomsindo ovuthayo oza kubaqwenga abo bachasa uThixo.+ 28  Nabani na ongawuthobeliyo umthetho kaMoses ubulawa engasizelwa, xa kukho ubungqina babantu ababini okanye abathathu.+ 29  Nicinga ukuba ufanelwe sisohlwayo esikhulu kangakanani ke umntu oye wanyathela uNyana kaThixo waza walibona lingenamsebenzi igazi lesivumelwano+ awenziwa ngcwele ngalo, noye wawudelela umoya kaThixo osenzele ububele?*+ 30  Kuba siyamazi lowo wathi: “Ndim ophindisayo; ndim obuyekezayo”; waza wathi: “UYehova* uza kubagweba abantu bakhe.”+ 31  Kuyoyikisa ukuwela ezandleni zikaThixo ophilayo. 32  Kodwa ke, hlalani nizikhumbula iintsuku ezadlulayo, enanyamezela ngazo ubunzima, emva kokuba nikhanyiselwe.+ 33  Ngamanye amaxesha nanihlaziswa phambi kwabantu, nithukwa yaye niphathwa kakubi. Ngamanye amaxesha nanixhasa abo benziwa ezo izinto. 34  Navelana nabo basejele naza navuma xa nithathelwa izinto zenu,+ nisazi ukuba ninento ebhetele nengunaphakade.+ 35  Ngoko ningasilahli isibindi* senu, kuba niza kuvuzwa ngenxa yaso.+ 36  Kuba kufuneka ninyamezele,+ ukuze, emva kokuba nenze ukuthanda kukaThixo, niyifumane into eniyithenjisiweyo. 37  Kuba sekushiyeke “ixesha elincinci kakhulu,”+ aze “lowo uzayo afike, angalibazisi.”+ 38  “Kodwa owam umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo,”+ yaye, “ukuba uye wabuya umva, ndiza kuyeka ukumthanda.”+ 39  Thina ke, asilulo olu hlobo lubuya umva luye entshabalalweni,+ kodwa siluhlobo olunokholo ukuze sihlale siphila.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “abantu.”
Ngokoqobo, “emsongweni wencwadi.”
Okanye “Masixhalabelane; sihoyane”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Ngokoqobo, “inkululeko yokuthetha.”