KumaHebhere 13:1-25

  • Ukhuthazo nemibuliso yokugqibela (1-25)

    • Ningalibali ukubenzela ububele abanye (2)

    • Umtshato mawuhlonipheke (4)

    • Bathobeleni abo bakhokelayo (7, 17)

    • Nikela umbingelelo wokudumisa (15, 16)

13  Qhubekani nibathanda abazalwana benu.+  Ningalibali ukubenzela ububele abanye abantu,+ kuba abanye benzela iingelosi ububele bengayazi loo nto.+  Hlalani nibakhumbula abo bavalelwe ejele+ ngokungathi nivalelwe nabo,+ nibakhumbule nabo baphethwe kabuhlungu, kuba nikumzimba omnye nabo.*  Wonke umntu makawuhloniphe umtshato, yaye mawungangcoliswa,+ kuba uThixo uza kubagweba abaziphethe kakubi ngesondo* nabakrexezayo.+  Indlela eniphila ngayo mayibonise ukuba aningobathandi bemali,+ naneliseke zizinto eninazo.+ Kuba uThixo uthe: “Soze ndinishiye, ndingasoze ndinilahle.”+  Ukuze sibe nesibindi size sithi: “UYehova* ungumncedi wam; andizukoyika. Angandenza ntoni umntu?”+  Bakhumbuleni abo bakhokelayo phakathi kwenu,+ abaye balithetha ilizwi likaThixo kuni, yaye njengokuba nicinga ngemiphumo emihle yendlela abazenza ngayo izinto, linganisani ukholo lwabo.+  UYesu Kristu akatshintshanga, ungulo wayizolo, usenguye nanamhlanje, useza kuba nguye ngonaphakade.  Sanukuzivumela nilahlekiswe ziimfundiso ezahlukahlukeneyo nezingaqhelekanga, kuba kubhetele ukuba intliziyo iqiniswe ngobubele* bukaThixo kunokuba iqiniswe ngokutya,* okungabancediyo abo bazixakekise ngako.+ 10  Sinesibingelelo abangenagunya lakutya kuso abo benza umsebenzi ongcwele ententeni.+ 11  Kuba itshiselwa ngaphandle kwenkampu imizimba yezo zilwanyana umbingeleli omkhulu athathe igazi lazo walisa kwindawo engcwele, ukuze enze umnikelo wesono.+ 12  Ngoko ke noYesu weva ubunzima ngaphandle kwegeyithi yesixeko,+ ukuze angcwalise abantu ngegazi lakhe.+ 13  Ngoko masiye kuye ngaphandle kwenkampu, sinyamezele ihlazo njengaye,+ 14  kuba apha asinaso isixeko esihlala sikho, kodwa isixeko esisifuna ngamandla seso sizayo.+ 15  Ngoko masisoloko sinikela kuThixo umbingelelo wokumdumisa,+ oko kukuthi amazwi aphuma emilonyeni yethu,+ ashumayela ngegama lakhe, yaye le nto masiyenze ngoYesu.+ 16  Ngaphezu koko, sanukulibala ukwenza into elungileyo nokubapha izinto eninazo abanye,+ kuba uThixo uyayithanda imibingelelo enjalo.+ 17  Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu+ nize nizithobe kubo,+ kuba bahlala benigadile kuba beza kuphenduliswa,+ ukuze bangawenzi umsebenzi wabo bekhathazekile kodwa bawenze bevuya. Kaloku ukuba bangawenza bekhathazekile, loo nto ingenzakalisa kwanina. 18  Qhubekani nisithandazela, kuba siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo, ekubeni sifuna ukuziphatha ngokunyaniseka kuzo zonke izinto.+ 19  Kodwa ndinicela ngokukhethekileyo ukuba nithandazele ukuba ndiphinde ndibe kunye nani ngokukhawuleza. 20  Kwanga uThixo woxolo, owamvusa ekufeni umalusi omkhulu+ wezimvu,* iNkosi yethu uYesu ngegazi lesivumelwano sikanaphakade, 21  anganixhobisa ngazo zonke izinto ezilungileyo ukuze nenze ukuthanda kwakhe. Esebenzisa uYesu Kristu usibangela senze izinto azithandayo. Kwanga uThixo angazukiswa ngonaphakade kanaphakade. Amen. 22  Ngoko ke, ndiyanicela bazalwana ukuba nilimamele ngomonde eli lizwi lokunikhuthaza, kuba ndiye ndanibhalela ileta emfutshane. 23  Ndifuna ukunazisa ukuba umzalwana wethu uTimoti ukhululwe. Ukuba ukhawuleze wafika, ndiza kuza naye xa ndizokunibona. 24  Ndibuliseleni kubo bonke abo bakhokelayo phakathi kwenu nakubo bonke abo bangcwele. Bayanibulisa abo baseItali.+ 25  Ububele bukaThixo* mabube nani nonke.

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “ngokungathi niphethwe kabuhlungu kunye nabo.”
Okanye “abahenyuzayo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Oko kukuthi, ngemithetho yokutya.
Okanye “ngobubele obungasifanelanga.”
Okanye “weegusha.”
Okanye “Ububele obungasifanelanga.”