KwabaseRoma 14:1-23

  • Sanukugwebana (1-12)

  • Sanukukhubekisa abanye (13-18)

  • Masisebenzele ukuba kubekho uxolo nomanyano (19-23)

14  Mamkeleni umntu onokholo olungaqinanga,+ kodwa ningamgwebi kuba ebona izinto ngendlela eyahlukileyo.  Omnye umntu unokholo lokutya yonke into, kodwa umntu onokholo olungaqinanga utya imifuno yodwa.  Umntu otyayo makangamjongeli phantsi ongatyiyo, nomntu ongatyiyo makangamgwebi otyayo,+ kuba uThixo umamkele.  Ucinga ukuba ungubani le nto ude ugwebe isicaka somnye umntu?+ Ukuma okanye ukuwa kwaso kuxhomekeke enkosini yaso.+ Nyhani ke, siza kwenziwa sime, kuba uYehova* uyakwazi ukusenza sime.  Omnye umntu uthi usuku oluthile lubalulekile kunolunye;+ omnye yena uthi iintsuku ziyafana;+ mntu ngamnye makaqiniseke engqondweni yakhe.  Umntu othi usuku oluthile lukhethekile, uyenzela uYehova* loo nto. Nomntu otyayo, wenzela uYehova,* kuba uyabulela kuThixo;+ nalowo ungatyiyo wenzela uYehova,* ibe naye uyabulela kuThixo.+  Enyanisweni, akukho namnye kuthi ophilela isiqu sakhe kuphela,+ yaye akukho mntu ufela isiqu sakhe kuphela.  Kuba, ukuba siyaphila, siphilela uYehova,*+ yaye ukuba siyafa, sifela uYehova.* Ngoko nokuba siyaphila okanye siyafa, singabakaYehova.*+  Kuba ngenxa yaloo nto uKristu wafa waza wabuyela ebomini, ukuze abe yiNkosi yabafileyo neyabaphilayo.+ 10  Kodwa kutheni umgweba nje umzalwana wakho?+ Okanye kutheni umjongela phantsi? Kaloku sonke siza kuma phambi kwesihlalo sokugweba sikaThixo.+ 11  Kuba kubhaliwe kwathiwa: “Uthi uYehova,* ‘Ndiphila nje,+ onke amadolo aza kuguqa kum, yaye bonke abantu baza kuvuma ukuba ndinguThixo.’”+ 12  Ngoko ngamnye wethu uza kuziphendulela kuThixo.+ 13  Ngoko masiyeke ukugwebana,+ kodwa masizimisele ukungamkhubekisi umzalwana okanye simenze aphume endleleni.+ 14  Ekubeni ndingumlandeli weNkosi uYesu, ndiyazi yaye ndiqinisekile ukuba akukho nto idalwe ingacocekanga;+ kuphela kuxa umntu eyijonga njengengacocekanga apho iye ingacoceki kuye. 15  Kuba, ukuba ukhubekisa umzalwana wakho ngenxa yento oyityayo, awusazenzi ngothando izinto.+ Sukumonakalisa* ngenxa yokutya kwakho umzalwana wakho owafelwa nguKristu.+ 16  Ngoko, sanukuvumela izinto ezintle enizenzayo kuthethwe kakubi ngazo. 17  Kuba ukungena kwenu kuBukumkani BukaThixo akuxhomekekanga kwizinto enizityayo neniziselayo,+ kuxhomekeke ekwenzeni ubulungisa, ekubeni noxolo, nasekuvuyeni ngenxa yomoya oyingcwele. 18  Kaloku nabani na oba likhoboka likaKristu ngokwenza ezi zinto uyathandwa nguThixo nangabantu. 19  Ngoko masizimisele ukwenza nantoni na eyenza kubekho uxolo+ neyakhayo.+ 20  Sanukuchitha umsebenzi kaThixo ngenxa nje yokutya.+ Ewe kona zonke izinto zicocekile, kodwa ayilunganga into yokuba umntu atye xa loo nto iza kukhubekisa abanye.+ 21  Kubhetele ukuba ungayityi inyama, ungayiseli iwayini, okanye ungenzi nantoni na emkhubekisayo umzalwana wakho.+ 22  Ukholo lwakho mayibe yinto ephakathi kwakho noThixo. Uyavuya umntu ongazigwebiyo ngento agqibe kuyo. 23  Kodwa ukuba uyathandabuza aze atye, sele egwetyiwe, kuba uza kube engatyi ngenxa yokholo lwakhe. Enyanisweni, yonke into engenziwa ngenxa yokholo isisono.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Sukumtshabalalisa.”