IiNdumiso 1:1-6

  • Iindlela ezimbini ezahlukeneyo

    • Wonwabile umntu ofunda ilizwi likaThixo (2)

    • Ulilungisa njengomthi ovelisa isiqhamo (3)

    • Abenzi-bubi banjengomququ ophetshethwa ngumoya (4)

1  Wonwabile umntu ongahambiyo ngecebiso labenzi-bubiNongemiyo endleleni yaboni+Nongahlaliyo esihlalweni sabathetha ukusa.+   Kodwa othanda umthetho kaYehova,+Nofunda umthetho wakhe ngelizwi eliphantsi* imini nobusuku.+   Uza kuba njengomthi otyalwe ngakwimisinga yamanzi,Umthi ovelisa isiqhamo ngexesha laso,Onamagqabi angabuniyo. Yaye yonke into ayenzayo iza kuphumelela.+   Abakho njalo ke bona abenzi-bubi;Banjengomququ ophetshethwa ngumoya.   Yiloo nto abenzi-bubi bengazukusinda xa kugwetywa;+Naboni bengazukuma kwibandla lamalungisa.+   Kuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa,+Kodwa indlela yabenzi-bubi iza kutshabalala.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Nowetyisa umthetho wakhe.”