KumaHebhere 5:1-14

  • UYesu mkhulu kunababingeleli abakhulu abangabantu (1-10)

    • Ungumbingeleli omkhulu njengoMelkitsedeki (6, 10)

    • Wafunda ukuthobeka kwizinto ezibuhlungu ezamehlelayo (8)

    • Abantu basindiswa ngonaphakade ngenxa yakhe (9)

  • Balumkiswa ngokungaqoli (11-14)

5  Kuba wonke umbingeleli omkhulu ongumntu umiselwa ngenxa yabantu phezu kwezinto zikaThixo,+ ukuze anikele izipho nemibingelelo yezono.+  Uyakwazi ukubaphatha ngovelwano* abantu abangazi nto nabenza iimpazamo,* kuba naye unobakhe ubuthathaka,  yaye ngenxa yaloo nto kufuneka enze imibingelelo yezono zakhe kanye njengokuba ebenzela abantu.+  Umntu akazifuneli ngokwakhe eli wonga, kodwa ulifumana kuphela xa ebizwe nguThixo, kanye njengokuba kwakunjalo ngoAron.+  NoKristu akazange azizukise+ ngokuzenza umbingeleli omkhulu, kodwa wazukiswa ngulowo wathi kuye: “Ungunyana wam; namhlanje ndiye ndaba ngutata wakho.”+  Kunjengokuba nakwenye indawo esithi: “Ungumbingeleli ngonaphakade njengoMelkitsedeki.”+  Xa uKristu wayephila emhlabeni, wayethandaza kuThixo owayekwazi ukumsindisa ekufeni, emcenga yaye emcela, ekhala kakhulu esihla iinyembezi,+ yaye imithandazo yakhe yaviwa kuba wayemoyika uThixo.  Nangona wayengunyana, wafunda ukuthobela kwizinto ezibuhlungu ezamehlelayo.+  Emva kokuba enziwe wagqibelela,+ waba yindlela yokuba bonke abo bamthobelayo basindiswe ngonaphakade,+ 10  kuba uye wakhethwa nguThixo ukuba abe ngumbingeleli omkhulu njengoMelkitsedeki.+ 11  Ininzi into esinokuyithetha ngaye, ibe kunzima ukuyicacisa, kuba niye nabuthuntu ekuveni.* 12  Kaloku ngoku bekumele ukuba nifundisa abanye, kodwa kusafuneka umntu oza kuniqala phantsi,+ anifundise izinto ezingcwele zikaThixo. Niluhlobo lwabantu abasafanelwe lubisi, hayi ukutya okuqinileyo. 13  Wonke umntu osasela ubisi akaqhelananga nelizwi likaThixo* kuba ungumntwana.+ 14  Kodwa ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abantu abayisebenzisayo ingqondo, itsho iqeqesheke, ikwazi ukwahlula into elungileyo nembi.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kakuhle.”
Okanye “nabaphume endleleni.”
Okanye “niva kade.”
Ngokoqobo, “nelizwi lobulungisa.”