Ileta Eya KwabaseKolose 3:1-25

  • Ubuntu obutsha nobudala (1-17)

    • Tshabalalisani iminqweno yamalungu omzimba (5)

    • Uthando lubamanyanisa ngokupheleleyo abantu (14)

  • Amacebiso aya kwiintsapho zamaKristu (18-25)

3  Ukuba navuswa noKristu,+ qhubekani nifuna izinto zaphezulu, apho uKristu ahleli ngasekunene kukaThixo.+  Hlalani nicinga ngezinto zaphezulu,+ kungekhona ezasemhlabeni.+  Kuba nafa, yaye ubomi benu bufihlwe kuKristu ngokokuthanda kukaThixo.  Xa uKristu obubomi bethu+ ebonakaliswa, nani niza kubonakaliswa kunye naye nizukile njengaye.+  Ngoko yitshabalaliseni iminqweno yamalungu emizimba yenu+ yokuziphatha kakubi ngesondo,* yokungcola, yokurhalela isondo ngendlela engalawulekiyo,+ umnqweno owenzakalisayo nokunyoluka okulunqulo-zithixo.  UThixo uza kuba nomsindo ngenxa yokuba abantu besenza ezi zinto.  Nani nanikhe nazenza ezi zinto xa naniphila njengabo.*+  Kodwa ngoku kufuneka niziyeke ezi zinto: ukuqumba, umsindo, ububi,+ ukuthetha amazwi ahlabayo,+ nokuthetha izinto ezimdaka+ ngemilomo yenu.  Sanukuxokisana.+ Bukhululeni ubuntu obudala,+ niziyeke izinto enanizenza, 10  nize ninxibe ubuntu obutsha,+ obenziwa bube butsha ngolwazi olucha­nileyo, ukuze bubonakalise ubuntu balowo wabudalayo.+ 11  Obu buntu abunamGrike namYuda, abunamntu wolukileyo nongolukanga, abunamntu wasemzini, abunamSkitiya,* abunakhoboka, namntu ukhululekileyo; kodwa uKristu ukho kuzo zonke izinto yaye siphantsi kwakhe.+ 12  Ngoko ke njengabantu abanyulwe nguThixo,+ ­abangcwele nabathandayo, nxibani imfe­sane,+ ububele, ukuthobeka,+ umoya ozolileyo+ nomonde.+ 13  Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngokusuka entliziyweni*+ nokuba omnye unesizathu sokukhalazela omnye.+ Xolelanani ngokusuka entliziyweni* kanye njengoko uYehova* wanixolela ngokusuka entliziyweni.*+ 14  Ngaphezu kwazo zonke ezi ­zinto, nxibani uthando,+ kuba lubamanyanisa ngokupheleleyo abantu.+ 15  Kwakhona iintliziyo zenu mazilawulwe luxolo lukaKristu,+ kuba enyanisweni uThixo wanikhetha ukuba nibe ngumzimba omnye yaye nibe seluxolweni. Hlalani nibulela. 16  Ilizwi likaKristu malisebenze kuni ngokupheleleyo lize linenze nibe nobulumko. Qhubekani nifundisana yaye nikhuthazana ngeendumiso,+ nidumisa uThixo ngeengoma zokukhonza nezokubulela, nimculela uYehova* ngeentliziyo zenu.+ 17  Nantoni na eniyithethayo neniyenzayo, zonke izinto zenzeni egameni leNkosi uYesu, nimbulela egameni lakhe uThixo uTata wethu.+ 18  Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu,+ njengokuba iNkosi ilindele loo nto. 19  Nina madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu,+ ningabi namsindo* kubo.+ 20  Nina bantwana, bathobeleni abazali benu kuyo yonke into,+ kuba iNkosi iyayithanda loo nto. 21  Nina bootata, sanukubacaphukisa abantwana benu,+ ukuze bangatyhafi. 22  Nina makhoboka, hlalani nibathobela abo baziinkosi zenu zasemhlabeni,+ hayi kuphela xa benibona, ngokungathi nenzela abantu, kodwa thobelani ngokusuka entliziyweni kuba nisoyika uYehova.* 23  Nantoni na eniyenzayo, yenzeni ngomphefumlo* wenu wonke, kube ngathi niyenzela uYehova*+ kungekhona abantu, 24  kuba nisazi ukuba umvuzo olilifa eniza kuwufumana uvela kuYehova.*+ Yibani ngamakhoboka eNkosi uKristu. 25  Umntu owenze into embi uza kohlwaywa ngaloo nto ayenzileyo,+ kuba uThixo akakhethi buso.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “yokuhenyuza.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “kubomi benu bangaphambili.”
Xa kuthethwa “ngomSkitiya,” kuthethwa ngomntu ongaphucukanga.
Okanye “ngesisa.”
Okanye “ngesisa.”
Okanye “ngesisa.”
Okanye “ningabi ngqwabalala.”