INtshumayeli 7:1-29

  • Igama elihle nomhla wokufa (1-4)

  • Ukukhalinyelwa ngumntu osisilumko (5-7)

  • Kubhetele ukuphela kwento kunokuqalwa kwayo (8-10)

  • Indlela obunceda ngayo ubulumko (11, 12)

  • Iintsuku ezintle neentsuku ezimbi (13-15)

  • Sukubaxa izinto (16-22)

  • Izinto ezafunyaniswa ngumhlanganisi (23-29)

7  Igama elihle* libhetele kuneoli yodidi,+ yaye umhla wokufa ubhetele kunomhla wokuzalwa.  Kubhetele ukuya endlini yokuzila kunokuya endlini yetheko,+ kuba sisiphelo sabo bonke abantu eso, yaye abaphilayo bamele bayikhumbule loo nto.  Kubhetele ukukhathazeka kunokuhleka,+ kuba ubuso obulusizi buyenza ixole intliziyo.+  Intliziyo yezilumko isendlini yabazilileyo, kodwa intliziyo yezidenge isendlini yobumnandi.*+  Kubhetele ukumamela ukukhalinyelwa ngumntu osisilumko+ kunokumamela ingoma yezidenge.  Kuba njengokunqanqaza komlilo wameva phantsi kwembiza, kunjalo kanye ukuhleka kwesidenge;+ naleyo into ililize.  Ingcinezelo ingasiphambanisa isilumko, yaye ukunyotywa kuyayonakalisa intliziyo.+  Kubhetele ukuphela kwento kunokuqalwa kwayo. Kubhetele ukuba nomonde kunokuba nekratshi.+  Sukukhawuleza* ukucaphuka,+ kuba ukucaphuka kuhlala esifubeni sezidenge.*+ 10  Sukuthi, “Kutheni le nto imihla yakudala ibhetele kunale?” kuba ayibobulumko ukubuza loo nto.+ 11  Yinto entle ubulumko xa budibene nelifa yaye buyabanceda abo babona ukukhanya kwemini.* 12  Kuba ubulumko buyakhusela+ njengokuba nemali ikhusela;+ kodwa nantsi into olunceda ngayo ulwazi: Ubulumko bumgcina ephila lowo unabo.+ 13  Khawucinge ngomsebenzi kaThixo wokwenene, kuba ngubani onokukwazi ukuyolula into ayenze yagoso?+ 14  Xa usuku lukuhambela kakuhle, cinga ngobo buhle,+ kodwa xa usuku lulubi,* khumbula ukuba uThixo uzenze zombini ezo zinto,+ ukuze abantu bangaqiniseki ncam ngento* eza kwenzeka kubo kwixesha elizayo.+ 15  Akukho nto ndingayibonanga kobu bomi bam bulilize,+ ukususela kwilungisa elifela kobo bulungisa balo+ ukuya kumenzi-bubi ophila ixesha elide nangona esenza izinto ezimbi.+ 16  Ungabi lilungisa ­kakhulu,+ yaye ungazibonakalisi usisilumko ngokugqithiseleyo.+ Kutheni umele uzonakalise?+ 17  Ungenzi izinto ezimbi ngokugqithiseleyo, yaye ungabi sisidenge.+ Kutheni umele ufe ngaphambi kwexesha?+ 18  Eyona nto ibhetele kukuzimamela zozibini ezi zilumkiso,+ kuba umntu owoyika uThixo uzimamela zozibini. 19  Ubulumko buyenza ibe namandla indoda enabo, ngaphezu kwamadoda alishumi anamandla esixekweni.+ 20  Kuba akukho mntu ulilungisa emhlabeni ohlala esenza okulungileyo angaze one.+ 21  Kwakhona, sukuyihoya yonke into ethethwa ngabantu;+ kuba uza kusuke uve isicaka sakho sikuqalekisa;* 22  kuba wazi kakuhle entliziyweni yakho ukuba nawe ubaqalekise kaninzi abanye.+ 23  Yonke le nto ndiyivavanye ngobulumko, ndaza ndathi: “Ndiza kuba nobulumko.” Kodwa buye bakude kum. 24  Izinto ezenzekileyo zikude yaye zinzulu gqitha. Ngubani na onokuziqonda?+ 25  Ndazimisela entliziyweni yam ukwazi, ukukhangela nokufuna ubulumko nesizathu sezinto, nokuze ndibuqonde ububi obenziwa zizidenge nobudenge obenziwa ngabaphambeneyo.+ 26  Emva koko, ndafumanisa le nto: Eyona nto ikrakra ngaphezu kokufa ngumfazi ofana nomnatha wokuzingela, onentliziyo efana nomnatha orhuqwayo nonezandla ezinjengamatsheyini. Umntu okholisa uThixo wokwenene uza kumbaleka,+ kodwa umoni uyathinjwa nguye.+ 27  “Jonga, nantsi into endiyifumanisileyo,” utsho umhlanganisi.+ “Ndiye ndahlola zonke izinto ukuze ndifikelele kwisigqibo sam, 28  kodwa into ebendisoloko ndiyikhangela, andiyifumananga. Ndifumene indoda* yanye kwabaliwaka, kodwa andimfumananga umfazi phakathi kwabo bonke. 29  Yile kuphela into endiyifumanisileyo: UThixo wokwenene wabenza balunga abantu,+ kodwa bona baye bazifunela amacebo amaninzi.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Ukuduma kakuhle.” Ngokoqobo, “Igama.”
Okanye “yokonwaba.”
Okanye kusenokwenzeka, “luphawu lwesidenge.”
Ngokoqobo, “Sukukhawuleza emoyeni wakho.”
Oko kukuthi, abo baphilayo.
Okanye “bangayifumanisi into.”
Okanye “ngosuku lwentlekele.”
Ngokoqobo, “sikuthuka.”
Okanye “indoda elungileyo.”