KwabaseFilipi 2:1-30

  • Ukuthobeka kwamaKristu (1-4)

  • Ukuthobeka kukaKristu nokuphakanyiswa kwakhe (5-11)

  • Sebenzelani ukusindiswa (12-18)

    • Ukukhanya njengezibane (15)

  • Kuthunyelwa uTimoti noEpafrodito (19-30)

2  Ekubeni nimanyene noKristu, ekubeni nibakhuthaza yaye nibathuthuzela abanye kuba nibathanda, ekubeni nibaxhalabele, nibathanda yaye nibavela,  nam ndenzeni ndivuye ngokuthi nicinge ngendlela efanayo, nithandane ngendlela efanayo, nimanyane ngokupheleleyo, nicinge into enye.+  Ningenzi nantoni na nikhuphisana+ okanye niqhayisa,+ kodwa nithobeke, nibajonga abanye njengababhetele kunani,+  ningacingeli kuphela iziqu zenu,+ kodwa nibacingele nabanye.+  Hlalani nicinga ngale ndlela wayecinga ngayo noKristu Yesu,+  owathi nangona wayefana noThixo,+ akacinga ngokumbhukuqa ukuze alingane naye.+  Endaweni yaloo nto, waziqongqotha waza wazenza ikhoboka,+ waba ngumntu.+  Ngaphezu koko, xa wayengumntu, wazithoba wade wafa,+ efela kwisibonda sokungcungcutheka.*+  Ngenxa yaloo nto, uThixo wamphakamisa wambeka kwisikhundla esiphezulu+ waza ngobubele wamnika igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama,+ 10  ukuze bonke abantu baguqe egameni likaYesu, abo basezulwini, abo basemhlabeni nabo baphantsi komhlaba,+ 11  zize zonke iilwimi zivume ekuhleni ukuba uYesu Kristu uyiNkosi,+ nto leyo eyenza kuzukiswe uThixo uTata. 12  Ngenxa yoko bazalwana noodade abathandekayo, hlalani nisebenzela ukusindiswa nisoyika yaye ningcangcazela, kanye njengokuba benisoloko nithobela, hayi kuphela xa ndikhona, kodwa ngakumbi ngoku ndingekhoyo. 13  Kuba nguThixo osebenzayo kuni, anenze nibe nomnqweno namandla okwenza izinto azithandayo. 14  Hlalani nisenza zonke izinto ngaphandle kokukhalaza+ nokuxambulisana,+ 15  ukuze nibe ngabantwana bakaThixo+ abamsulwa, abangenabala phakathi kwesizukulwana esijijekileyo,+ enikhanyayo phakathi kwaso njengezibane ehlabathini,+ 16  nihlale nibambelele nkqi kwilizwi elinika ubomi.+ Ndiza kutsho ndibe nesizathu sokuvuya ngemini kaKristu, ndisazi ukuba andikhange ndibalekele okanye ndisebenzele into engekhoyo. 17  Noko ke, nokuba ndingagalelwa njengomnikelo oselwayo+ kumbingelelo+ nakumsebenzi ongcwele eniye nawenza ngenxa yokholo, ndivuyisana nani nonke. 18  Nani ke nimele nivuyisane nam. 19  Ukuba kukuthanda kweNkosi uYesu, ndiza kunithumelela uTimoti+ kungekudala, ukuze ndikhuthazeke xa endibalisela ngani. 20  Kuba andinaye omnye umntu onjengaye oza kunihoya kakuhle. 21  Kuba bonke abanye bacinga ngeziqu zabo, kungekhona ngoKristu Yesu. 22  Kodwa niyayazi ukuba wazibonakalisa ukuba ufanelekile, kuba wasebenza nzima nam ukuze ahambisele phambili iindaba ezilungileyo, kanye njengomntwana+ okunye notata wakhe. 23  Nguye ke endinethemba lokumthumela kuni emva nje kokuba ndibonile ukuba izinto ziza kundihambela njani. 24  Eneneni, ukuba kukuthanda kweNkosi, nam ndinethemba lokuza kuni kungekudala.+ 25  Kodwa ke okwangoku, into ebalulekileyo kukuba ndinithumelele uEpafrodito, umzalwana wam endisebenza naye nolijoni likaKristu njengam, enamthumelayo ukuba aze kundinceda,+ 26  ekubeni ekufuna nyhani ukunibona nonke yaye ebuhlungu kuba neva ukuba wayegula. 27  Nyhani ke, wayegulela ukufa; kodwa uThixo wamenzela inceba. Phofu ke, loo nceba wayenzela nam, ukuze ndingehlelwa zizinto ezibuhlungu zilandelelana. 28  Ngoko ke ndiza kumthumela ngokukhawuleza, ukuze xa nimbona, niphinde nivuye aze ehle amaxhala nakum. 29  Ngoko ke mamkeleni nivuya ngendlela amkelwa ngayo umlandeli weNkosi, nize nihlale nibaxabisa abantu abanjalo,+ 30  kuba waphantse wafa esenza umsebenzi kaKristu,* ebeka ubomi bakhe esichengeni ukuze andincede ekubeni nina ningekho.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwisibonda sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye kusenokwenzeka, “weNkosi.”